done
L.K.SIWISA
lzimanga
ZaloMhlaba
amabali amafutshane






Sisonka sethu
Amadoda aphesheya kwenxuba ayengamadoda aziwayo, afumfleyo, aneentlanti zeenkomo nezeebhokhwe, kunjalonje engamadoda anamagama.  Ayemaninzi ke namabali abaliswayo ngokuhluma kobo butyebi, phofu engenakubaliswa emini naselubala ngenxa yokoyikisela ukuphuma komphefumlo ngokweempondo entsomini.
UNxele, inkulu kandabangayi, iqabukele kwiintlanti ezintathu kowayo, ubuhlanti ngabunye buneselwa labo.  Phofu uyisemkhulu wayesel' atshaba kwangaphambili kombathalala.  Inqwelo yayo le ndedeba yayisondezwa kakhulu kwesi sifo, nangona eyona nyariiso yayiyeyokuphelela kwayo kwizibuko elalisemazantsi enxuba kufuphi nanazizi, apho yafunyanwa khona ikhulekwe ngeminxeba esikhondweni somngcunube, seyifile.  Wakhula naye unxele esazi esi sizathu sokusutywa kukayise omkhulu sesi sifo sasinamandla nezigigaba.  Uqabuke unkabi kunya kazela  yamahashe neyeebhokhwe neyeenkomo phakathi kwamasango kayisemkhulu, uyise yena eyinkweli eyaziwayo yodumo, njengenkoliso yamadoda aphesheya kwenxuba, ngezo mini.  Wabona kumana kufika iindladiya ngeendladiya zeengcungela zeenkabi zamahashe ngobusuku, kuse sezingekho.  Waqala ukuyiqonda inyaniso mhla wakhwela noyisekazi ngobusuku kwiinkabi zamahashe ezazifika kwangobo busuku, besiya kwisihlonti esasisemantla omqhokro wasezitshanganeni.  Badubula iintsuku ezintlanu apho beziqaba ngamasi onihlontlo phezu kweempuphu, nasezikolweni, bezijika iinibala.  Ngosuku lwesithandathu baqabela kuzo besinga elukhuko, kunantla ebhofolo.  Babuya ngeenqwelo zamabhulu ezazisiya edikeni.  Uthe akuphelelwa uyisekazi lowo, wathatyathwa ngunxele ngokwakhe lo msebenzi awayeselewuqonda kakuhle neengontsi zawo.
Inethamsanqa indoda ekwaziyo ukunikezela kunyana wayo ishishini layo isakuphelelwa yona ngamandla.  Kunjalonje uyaphakama nomgangatho walo, ukuba umntwana lowo uyamva uyise.  Kodwa ke kuxho-
mekekile ukuba lishishini cliluhlobo luni na, nonyana lowo engumntwana okhule njani na.
Waphuma nesibini seenkabi zamahashe unxele ukusinga ezitshanganeni ngomhla wokuqala.  Wabuya ebika ukuba umlungu wasegqugesi uthe uya kuyihlawula enye mhla kwathunyelwa eyesithathu.  Wayekelela undabangayi, nangona wayekrokra kuba wayengekabi nabungqina bokunyardseka kwayo le nkosi.  Lazenzekela lona ithuba lokulingwa kwayo mhla yenyuka nesithathu seenkabi zamahashe.  Ezimbini zaziodolwe ekhobonqaba, eyesithathu iyileyo yayiza kushiywa egqugesi.  Walahleka loo mini unxele, wabuya emva kweeveki ezimbini, selevela ngaserhirli.
"Hi, Nxele!  Uhleli phi ezi ntsuku zingaka?" wabuza undabangayi ebukhathazeka.
"Akundiva na Tata ukuba ndithi bendikhwele kwiinqwelo zasekhobonqaba zandithula erhirii."
"Ngoku uza ngantoni ukuvela erhini?" "Bendihamba ngeenyawo ezi zam."
"Iphi ke impahla oyiphetheyo?  Umbonile khona laa mlungu waseGqugesi?"
"Andiphathanga nto kuba andiphathiswanga nto mntu.  Naloo mlungu uthetha ngaye ndifike engekho phaya mna, kusithiwa uye ebhisdolophu."
"Hi, Kwedini!  Uthetha ukuthi uphise ngamahashe am kwabaa belungu?"
"Esh, Tata!  Ibingawakho na kanti la mahashe?  Bendingabi ndiwaphindisela kubantu bawo na kanti?"
"Asazi ke mfo wam, kwazi wena xa usitsho," watsho undabangayi ephakama esiya ngasemnyango ngokungathi uya kukroba into.  Uthe xa abuyayo wabuya ngayo inkewu, wayithi chuu ngengalo.
"Uth' amahash' am aphi na Nxele?  Uza kuyibek' apha, ndifung' udweba." Waphuma nayo eyithe chuu, erhola intambo yokubopha iinkabi.  Wafika wayikhuleka kwisibonda somthi esigxunyekwe ebaleni, ibhonga njalo.  Wathi quu nje endlwini waphuma nezitrophu ezibini, eshiya urnfazi ehlaba esofelweyo.  Wayanya kabini kathathu wathi khebevu phaya, warhola inqawa wayihlahlela.  Yapena-pena, incwina, icela uxolo, akayinanza nganto, wasuka waqhwitha watshaya.  Wathi akugqiba waphindela enkomeni, wakha wangathi uyabambelela ngoku.  Ayizange ibenakho ukunyamezela, kuloko yazibika, ibhomholoza, iloqa.  Uthe ngoku akuphinda ayiphonlele, wazincama umfazi waphuma phandle eshwabula, esongela, esithini.  Ungayenza nayiphi na into emfeneni, kodwa ukuba ukhe wachukumisa ithole layo ugqibile ukuzicandela umgalagala.  Unjalo ke nomfazi akusikwa yimfesane ngosana lwakhe.  Wayenolwamahashe unina kanxele, engenakho mpela ukumbukela umntwana wakhe eyoba.
"Sel'  ngomkhonto afe kanye bhetele kunale nto umenza yona lo mntwana?" yazincana intokazi enkulu kwintlungu oyayitshiyo.
"Andizi kuyenza loo nto Noketile.  Le nkwenkwe mayixele apho iyibeke khona imali yam."
"Bulala mna ke kunale nto uyenzayo.  Uluviselani iintlungu usana olu lwam?" Khona le rnali yobusela ibaluleke ngaphezu kwalo mntwana? Hayi ndiyeke ndizibulale, "yatsho le mazi ijija isinqe ukuya kungena endlwini kungekho ukuqiniseka nokuba yayijija icebo lokukhulula unyana wayo emakhamandeleni kusini na kuba kaloku alaziwa mbiza.  Phofu nale yayiyikhankanya ingenguwo umdlalo wowatase.
"Ungasuka uzibulale ukuba kuphelele kuloo nto, Noketile.  Ukuba ungathi mandiyeke inkwenkwe idlale ngemali yam." Latsho ithol' iduna liphindela kwasenkomeni.
Iyakwazi ukuzifisa inkwenkwe xa isengxakini ngoku kanye kukaxani xa akholwe ngawo, kodwa bathi abawaziyo sukuba ungekayifiki ngokwaneleyo.  Wathi xa kanye aflkayo kuyo undabangayi yazirtikezela.

"Yima, Tata, yima ndikuxelele!!  "
Waphuma phandle unoketile ethe gqaa amehlo ngathi yinkabi yenkomo ikhanywe sistrophu.
"Mxelele mntwan'am.  Mxelele aze kukwahlukana nawe."
"lphantsi komthi womgwenye, phesheya kwezibuko lenxuba xa uyayo ebhofolo."
"Mxelele mntwan' am!  Mxelele kanye apho ikhona aze kukuyeka.  Akukho nto uza kuyenza kakade ngale mali yobusela."
"Ungandisa kwedini ngoku kuloo ndawo uyifihle kuyo?" wabuza undabangayi entantazela luvuyo lokuba ede wayikhupha ngenkani inyariiso.  Ewe phofu inkani leyo iyeyakhe ingekabiyiyo eyenkwenkwe.
"Ndikhulule Tata ndikuse! yho! ezi ntambo ziyandityabula!  " yatsho

inkewu iyoba, nonina selephambene kade.
Latshona elaloo mini ikude kufuphi nasezitshanganeni into kadweba.  Zazitatsalaza ziqhumisa uthuli ukunyuka loo miqhokro iinkabi zayo ezimbini zamahashe, yona ikhwele kwenye, ibophelele unxele kwenye. kaloku unxele ngulowo wayeselevikiveke onke amalungu omzimba ngenxa yempatho awayeyifumene kuyise.  Wafunqulwa ukuze akhwele ehashini, eyinto apha engasenakho nokuhlala esalini.
Kwalile ngesifungo bazithula iisali emahashini, babasa unililo ecaleni  kwendlela.  Yayithetha ngelizwi elithambileyo ngoku inkulu kandabangayi ngoku kanye kwekholwa olisandula ukuhlatywa lilizwi.  Yayimcenga uyise imphulula, imthembisa nokumthembisa ngenguqulelo entsha kwisimo sayo, yada yayobeka nayo indoda enkulu yalibala ukuba okulangazelelwa ngwophefumlo kufunyanwa egameni lobulungisa. Yayithabatha ingqondo yomntu omkhulu inkewu, yayiqabelisa kumariwu aluhlaza, yayintantisa phezu kwamaza olwandle oluzolileyo, yaya kuyithi tyaa phezu kwezonandiphiso iintaba.  Yawabona ephithizela amahashe asemazizini nawasegqume emzini wayo, edluliselwa elukhuko nasegqubesi nasempofu likhalipha lenkulu yayo unxele.  Yazibona ziqhekeka iintlanti emzini wayo.  Umoni akuguquka enkohlakalweni yakhe uzala ngamatshamba, yimincili, namabhongo ngenxa yokungazi ukuba indlela le inde kufuneka umntu abekeke kuhle kuyo.  Watyatyadula ngothotho lwezithembiso undabangayi kunyana wakhe wada wenza nangenakho ukuzifeza.
Waphakamisa intloko unxele wacela kuyise ukuba akhe amkhulule iintambo ufuna ukuya kuzithuna.  Wathi akububona obo buso bungcwengileyo naloo mehlo ayengezelisa iinyembezi, ngelitha lomlilo, wasikwa yimfesane undabangayi.  Wayikhulula intambo ezingalweni seyifixiza kakade.
"Jonga, Tata zindityabule ezi ntambo!
Wazikhwebula undabangayi seleza kucela uxolo.  "Akukho nto mfo wam, ziya kube ziphole wena ezi zilonda.  Ungabuye wone ke nawe.  Uyeva?"
"Ewe, Tata ndivile.  Owu!  Umqolo wam!" Yatsho ishixiza inkewu, inyongoba, ukuya kusithela kwityholo elikufuphi.  Washiyeka ebindekile undabangayi, wagqibela ngokucela kule nto yabantwana, ngenxa yentlungu yento ayenze umntwana wakhe.
Wazikhama zaphela ezo nyembezi equbude apho phezu kwelo litye awayechophe kulo, ecaleni komlilo, iinzingo zobom zimgubungele.  Wothuswa livumba elalirhaxa wabuyela ezingqondweni zakhe ngephanyazo.  Sathi kanti isankwane sakhe siphuncukile entloko sawela emlilweni.  Waqabuka sekungasekho ndlela yakusihlangula emalahleni.  Yayingekabuyi inkewu.  Wavumbuluka apho wajikela ngaphaya kwetyholo, akayibona.  Wakhwaza, ethuka, eshwabula, kodwa akwanceda.  Wayefathula amanqina ewaxhomile, elumkele ingozi, wada ngelokuncama wabuyela kwasemfiweni, walinda, ingabuyi inkewu.  Wayezele yingqumbo nayintsongelo yempindezelo.  Wayeqinisekile ngeli lakhe ukuba ayikho kude, njengoko yayiqhanekile, phofu elibala ukuba iintsinga zenkwenkwe azahlukanga kwezembhodla.


Laliqaqambile, limjongile, limthele nqa ikhwezi. iintaka zivuke zamhleka ngobuyatha bokuqhathwa yinkwenkwe.  Waphakama wazolula, waqala phantsi ukujikeleza amatyholo, ethambe amadolo, umzimba uwile.  Wabhuqa wancama, waba ekuyigudiseni esinga kwizibuko lesithembiso.  Kodwa ke!!!  Wathi zakubuya iingqondo, ziphelele, waqala waqonda ukuba usukela endlala.  Waqingqa waxela uqhogoqoshe equtyulwe ngenqudu emqaleni, waphethuka wawajongisa apho ebevela.  Waya kugaleleka ekhaya selengasathethi.  Zaqengqeleka iintsuku, zaqengqeleka iiveki emumathe ufele.  Kwakunzirna nokufumaneka komkhondo kanxele, kuba uyise wayengazimisele kubhekisa nto mntwini.
Waya kugaleleka ngosuku olulandelayo erhini unxele, wazula efuna ikhaya lonihlobo wakhe ustone etantyi, wada waya kumfumana eBStreet apho wayefudukele khona ngokugxothwa nguyise ngenxa yobugwenxa bakhe.  Kwadibana ezibe zikade zizondana, awahlathinye wona.  "Arh!  Lefty ndiyavuya oko ufikile, Tshom' am.  Siza konwaba kweli Rhirii lethu.  Kaloku zininzi neziginywayo apha.  Siza kuhlutha!!  "
"Kowu, yitsh' uphinde Stone.  Ndibethekile ntanga.  Khawundifunele arnagwinya amahlanu, undiphe neti."
Wawafunelwa amagwinya waza wathi lihesha nje inxele, unxele, babe
bebuzana impilo nemvelaphi nomhlobo wakhe.
"Asizi kuwaphozisa ke mfana," watsho ustone.  "Siza kungena kubo zisuka nje."
Bangena kubo ngenene abafana abadala, kuba wathi egqogqa etantyi ustone wabe ekwaloki ulefty.  Yavakala indili nendumasi yempangelo yabo, ngosuku olulandelayo kwatsho kwaqondakala ukuba bekugaleleke amathol' amaduna.  Kwakuqhekeziwe ematshayineni, kufunqulwe impahla exabiseka kumakhulu-khulu eerandi.  Wayeqhekezelwe umfundisi wasewesile, kwanukulwa isefu estadi, yemka yonke imali kaRhona eyayilapho kunye neebhotile eziliqela zewayini yomthendeleko, kwashiyeka nje amaphanga alishumi ebhotile ekwakubingwe ngazo kuloo msebenzi.  Wothuswa kukuqubisana namaphepha akhe abalulekileyo esangweni xa afikayo yena umntu wenkosi kusasa, ezivelela kumialiso wamanina ebhatisi, esachulumanciswe yernsindayo ebiqokelelwe ngoomarna bomqokozo obomvu.  Wathi engena nje  waye etsalwa lucango oluvuleke kancinci estadi.  Wakhawuleza wabolekwa isibindi, nobuchule, nengqiqo yokungachukumisi nayiphi na into ngesakhe isandla.
Yaphungwa eyakusasa emishini nabacuphi ababini abantsundu nomnye omhlophe, bengaphangelanga bezizinxada-nxada.  Bathabatha imifanekiso yeentupha kwaqhaga ocango nasetafileni ngomgubo omhlophe.  Yathunyelwa kwiofisi enkulu ukuba ihlaziywe, yabuya izizaqhaga kubonakala ukuba abafo basemzini babewuhombele lo mcimbi ngezingxobo zezandla.  Babuya nezinja zomkhondo abacuphi baziphangelisa.  Zathimla kabini, kathathu zawuchola.  Zantunta ukuya kutshona kwintlambo esezantsi kwemishini, zaza zathi zakufika ezantsi zakhonkotha.  Yayiqungquluze apho isefu kamfundisi, exhaxhwe ngamazembe, yakhandwa nangezando kungasekho nelinye iphepha elixela nto phakathi.  Ngemikhwaza yegazi eyayiselucangweni lesefu nasemaphepheni kwaqondakala ukuba kwakuxuzuke iindawo kuloo mgudu.
Ngokuyalelwa ngusajini wabacuphi, isebe lokunyangela izigulana zangaphandle lesibhedlela sasesettlers laveza indlebe.  Ngentsimbi yeshumi kwakusasa njalo kwabanjwa inkewana engulunika yasetantyi iyekubophisa umnwe oshunqukileyo esibhedlela.  Bayibopha nje umnwe lowo abelungu, bafuna ebilapha kuyo.  Zayamkela ngovuyo izinja zabelungu kuludwe lokuqononondisa olwalwenziwe emapoliseni.  Yakhanyela yema ngobhontsi kusakuphandwa wada wayifika kanobom usajini wabacuphi ngenqindi apha ephangweni, yaza yathi kuba ubusewubotshiwe kakade nomnwe yakhatywa yinkawu.  Ngexesha elifutshane ayeseleqokelelwe amathathu eofisini yabacuphi engaloqi ekhwaza ingozi.  Azizange zivele kodwa iibhotile zewayini yomthendeleko, nemali eyafunyanwayo yabancinane kakhulu, phofu kuqondakala kona ukuba eyona nyaniso ifihliwe.
Ilanga lonke langecawa akazange ashumaycle'umfundisi kuba kwakuthandazelwa ukuba inyaniso ivele nemali karhona ifunyanwe.  Wathi kuba engangxami ngempendulo lo uphezulu apha lathethwa ityala lagwetywa njengawo onke, akatswa amakhwenkwe yaphela imbha-
mbhano.
Lwaqala phantsi uqhekezo ezimotweni edolophini naselokishini emini nasebusuku.  Lwabanelayo indima ngokokude bacetyiswe abaqhubi-zimoto kumaphepha-ndaba, ukuba bazitshixe imoto zabo.  Okukhona zitshixwayo iimoto kwaba kokungona zirholoshwayo ngabangaqeshwanga abaphangeli kuba nabo bephanga esabo isonka esisesabanye phofu.  Laye liqina lisanda nokwanda ibali lomongikazi onxibe impahla ezimhlophe, ehamba nabafazi abaphuma ngokuhlwa ernsebenzini.  Phofu bathi xa bawela umatyana aduke umongikazi kuvele amakhwenkwanana abaleqe, axhwile iimali zabo nezitya zabo zomxhesho abawuphiwe ngabelungu.  Yathi xa iqalayo ukusatyelwa naleyo waduka umongikazi kwavela eyomfazi ogqogqa izindlu zabasebenzi ewest Hill, ehamba ecebisa abanye ngomzi wokugcina iintsana ozakuvulwa eTantyi.  Zalahleka kweso sithuba ke izipaji zabafazi bezifihle phantsi kwemiqamelo.  Kwavakala ngenye imini ukuba ustone wayeza kuhlatyelwa egumbini lakhe eB-Street liqela lamakhwenkwe angaziwayo.  Ayethethela phezulu, esongela esithini, aza asonga ngelithi azakuqhekeka wona aziqhubele odwa ngaphandle kwakhe ngenxa yenkqatho yakhe.  Athe xa aqalayo ukuwulandela loo mzila amapolisa aphazanyiswa sisibhengezo sesilumkiso esisisikhawu, siphuma kunomathotholo, sivela kwiziko losasazo-zindaba zomoya.
UGqirha-lwazi D. O'Brien waserhodes owayefundisa inzulu-lwazi Kwezendalo wayecebisa naliphi na isela eliqhekeze emotweni yakhe, laza leba ibhokisi etshixiweyo ukuba lilumkele ingozi ephakathi kuyo.  Kaloku ugqirha lo wayezivelela ezindle apho wayezingela khona iinyamakazi afundisa ngazo abantwana esikolweni.  Ngaloo mini wayebhabhise inkunzi nemazi ezinye.  Ezi zilo zibini wayezivalele ebhokisini etshixiweyo nenokuvulwa nguye kuphela.  Wayeyibeke ngobunono ugqirha apha kwisihlalo sangemva emotweni, waza wathi xa agodukayo waphambukela endlwini yamadoda yeziselo eziqatha, ngeenjongo zokuthoba unxano nezibilini, emva kwaloo mgudu.  Kaloku asinja idlala nambundlwana udlizinye, nditsho mna sel'umfikela ehleli yedwa, kubeka phi ke xa wafikela ehleli nemazi.  Ewe ziyatsiba neenkawu emasebeni emithi, kodwa azifiki kwiinkewu zedolophu xa zitsibela isonka sazo.  Asizozinto ukulibona ngephanyazo ikroba.  Wathi ehlala phantsi ugqirha engekalixeli nokulixela iqashiso lakhe kwiziselo yabe seyimkile ibhokisi emotweni.  ULuwanzi enye yeenkewana ezazithandwa kakhulu ngustone yambonelela ugqirha yaza yayifunqula ibhokisi yakhe.  Yehla ngehigh Street iyiphethe, iphatha kuyibeka egxeni, ibuye iyifunqule, ipatsa ukuhamba oku ngokungathi ithunywe ngabeLungu bayo.  Yaya kungena elokishini izibethela imilozi inganakanga mntu, nayo phofu ingananzwanga bali.  Ewe, kuthiwa "Siphe namhlanje isonka sethu," kodwa kungaxelwa iinyoka; "sixolele izono zethu".  Ewe, nezokuba iinyoka zabalungu, xa bebezicholele, ngakumbi xa besiqhekezile ukuze sizifumane.  Yaya kufika endaweni yabo yesigqeba kufuphi namangcwaba.  Yabuya seyihambela phezulu nostone.  Bafika banyikinyelisa bezwna into engazamekiyo, ukuvula ibhokisi kagqirha eyayenziwe ngomthi olushica, ibotshiwe ngeebhanti zentsimbi, yaza yatshixwa ngesisodwa nje'isitshixo.  Baqhawula iipali zentsimbi kwezo zazibiyele amangcwaba benza ngazo imigqala.  Watsala kwelinye icala ustone waza uluwanzi yena watsala kweli linesiciko.  Yathi ukuvuleka kwayo waya kuthi folokohlo ngesinqe ngama ustone.  Wayibona ingqengqa ngomqolo inceke yakhe, ikhuza ngokwemfene enqike ilitye nge ifuthaniselwe sisandi somfutho ophuma kwiintloko ezimbini mposiso,
ezisitywetywe, zilandelisa ngesithonga esinye sokuhlabanisela, enye ibetha kwelinye icala lentamo, enye kwelinye.  Lwahlanza kwangoko.
Wabona lo mbono ustone waba uyagqibelisa, kuba emva koko zaya kusela.  Yaza kucholwa apho inkewu, intloko seyilibokoboko nje lesibhukubhuku esingenamchlo nampumlo.  Ibhokisi kagqirha yayiphakathi kwemilenze yayo, ityobokile. lzilo zazibuyele kowazo.  UStone wayenyuka esihla eB-Street, athi akufika iheke ivuliwe ayivale, athi akufika ivaliwe ayivule.  Wayesebenza loo msebenzi imfihla nezolo, wada wasiwa emagezeni kwakucaca ukuba azithanga dadebobawo.
Kwakha kwathi cwaka ezimotweni zabelungu edolophini, nangona kwakungekho mntu unamgqaliscia wanto ngaloo nto.  Nabayibonayo ingxelo kumaphepha-ndaba bayihleka nje le ndlela ilusizi elife ngayo eli qhajana limiwa sisonka salo.  Akuzange kubekho kuyidibanisa neyokuphambana kukastone.  Phofu yona yayisaziwa ngabambalwa nangumhlobo wakhe ulefty, owayeziduba ngokumhlabela emagezeni.  Wazingisa yena umfundisi wasewesile, wada wayifaka kwimibhedesho yemini yecawa indaba yemali karhona.
Emva kweeveki ezintathu ephumile ustone emagazeni wafikelwa ziindaba ezibuhlungu ulefty zokusweleka kukanina ekhaya.  Safunquka ngoko nangoko isigqeba Phesheya kwenxuba, sisiya kukhunga nokukhuza umwobo waso, kwilifu elimnyama elalimgubungele.  Kwakukhweliswene ezibhayisekileni, uluvo lulunye nangona zazahlukahlukene iinjongo.  Bafika bemisa entla komzi ngorhatya olukhulu.  Kwakuphithizela kuphunywa kungenwa kucacile rnpela ukuba kulungiselelwa umsebenzi.  Kwehla ulefty nostone ukuya ezindlwini, sashiyeka silinde apho isigqeba nangona zasezingaphambili iintliziyo.  Baphawula besemgama ukuba kukho imoto ebaleni, baza bafumanisa bakufika ukuba kulungiselelwa ulindo.  Bawujikeleza lo mnyobo kaninalume ophuma ebhayi, bafikelela kwisigqibo esinye, bengathethanga.  Bakroba nje emnyango kweli gumbi linesibane esikhanya luzizi.  Wambona unxele unina-lume ekhedame entla, wazanelisa ukuba akasekho unina.  Warhoxa efixiza wabuya waphindela kwasemnyango intliziyo izele yingqumbo.  Kwakuculwa, kuthandazwa, kuyalwa, baza baqaphela apha ekuthetheni ukuba unina-lume uhamba nabantu ababhinqileyo kuphela.  Kwalile xa ziphindayo, baphawula ukuba uyise nonina-lume bakobude.  Kwakungasekho bantu baphithizelayo nezinja sezibaqhelile.  Bawuqalisa umsebenzi wabo abawuqoshelisa ngephanyazo, beyishiya IDe Soto ikhamisile, kungekho nesipeliti ngaphakathi nangasemva.  Bayinikezela esigqebeni yonke loo mpahla ba.wandulula amathathu.  Babuyela ebuhlanti bona baza baqhuba iinkabi zeenkomo ezine neebhokhwe ezilishumi.  Waqhutywa nguLefty  nostone neentwana ezimbini loo mhlambi, ukusinga enxuba.
Lathi lizishiya iintaba zaye sezigalelekile ezomwaba iinzingo kwelo khaya leenkxwaleko, kuba amanenekazi asebhayi ayengenazo neesephu  zokuhlamba ubuso, ndingasathethi nto ke ngempahla yokunxiba.  Amanye ayeshiye nezipaji zawo emotweni apho.  Kwabanzima ukulungiselela unovenkile kuba unina kalefty wayeyishiye emotweni ingxowa yakhe enemali awayeza kuncedisa ngayo kumsebenzi kadade wabo.  Kwafumana kwathi xhonxosholo, kungekho mntu unacebo, kodwa kunyanzelekile ukuba umsebenzi lowo wona uqhutywe.  Kwakha kwabhurushwa emva komngcwabo, kodwa kwabuya kwacaba ukuba isela elo lelakude.  Kwagqitywa ekubeni kuvukelwe emapoliseni, phofu naleyo ayaphumelela, kuba kwasa ingekho ibhetri ye  de Soto, kunye  elililalela.  Baqala ke ngoku abanye bavukwa ziinkolo, kanti abanye banuka kwa umnini-mzi njengendoda enevumba kakade.  Ngelingeni kwaya kufikelelwa emapoliseni  ngehashe.  Avelana nabo ngokufika umkhondo sowubethwe ngamazolo, kodwa afana athembisa.  Ukanti umfundisi waserhini Yena wayemise usuku lokuthandazelwa kwemali karhona ngawo onke amarhamente akhe.
Iphepha-ndaba lempela-veki libike ukucholwa kwesidumbu sikalefty, kufuphi namangcwaba, sinalinanxeba amaninzi emela emzimbeni.  Kaloku zazithengisiwe iinkomo neebhokhwe emabhofolweni, yaza yathengiswa yonke impahla yokunxiba yamanenekazi asebhayi.  Isizekabani sokuhlatywa kwakhe ulefty sibekho xa kugqelwayo.  Njengoko ixhoba yayifikela kowabo wasuka wakhalimela isabelo esikhulu kunesabanye.   xa anyathelene ngobhontsi wavungama ustone, embonisa impazamo ayenzayo ulefty.  Wadlwengulwa ngumsindo omnye waphendula ngomva wempama.  Wayisarha wabambo ustone washiya amakhwenkwe akhe eyigqibezela.  Kwagwetywa amabini kwelo tyala kodwa waphuma phambili ustone namanye ngokungapheleli kobungqina.
Wathi nyaa umongikazi wasesettlers, yanqaba nentokazi yasewest Hill, bada baqala ukukrokra abantu.  Aluzange lunqumame lona uqhekezo lwezindlu edolophini naselokishini.  UmLungukazi othile wabelwa impahla yakhe yexabiso emzini wakhe, elele.  Wathi akuphaphama wantlondwa ziinkewu ezimbini angazange azazi kuba kwakumnyama.  Into kavusani, usomashishini wakwaloki wangenelwa ziidyokana ezintathu. evenkileni yakhe ngokuhlwa, kanye ngexesha lokuvala, esabala imali.  Zazigqume amehlo ngeekepusi, zitsale iiqhiya phezu kweempumlo.  Zafika zamqhula ziboleka imali.  Ezinye zavela zazithaphulela kweso sitha zangxala ezipokothweni.  Wazihesha esithi yena ngelakhe uyazoyikisa.  Waqabuka selebethwa ngempama yeyona incinane kuzo.  Wanga angavusa umnyele kodwa wathityazwa ngumlomo wevolovolo esifubeni sakhe.  Kwabolekwa isitshixo semoto yakhe kwakuye, waza yena washiywa nomyalelo ongqongqo, elele phantsi kwetafile ejonge eludongeni.  Wayiva ikhonya phandle inkom'akowabo ye-Dodge, wayiva iphendula, wayiva isikisa, waqala waqonda ukuba irnkile imali yakhe.
Iphepha-ndaba langomvulo laphuma libika ukufunyanwa kwenkewu egama lingustone Nomjiko, seyibanda, ibhabhe kwingcingo zegesi entungo kwalaedler & Krwnmerick, umzi weewotshi.  Kaloku ustone neqela lakhe babengene kulo mzi entungo ngokususa izinki eluphahleni.  Wazishiya ezinye zingokhala ngaphandle wangena yedwa.  Wazibophelela ezingalweni ezengalo iiwotshi, wazihlohla ezipokothweni ezinye.  Wazithandela ebhantini ezinamatsheyina, waza wazihlohla ngaphakathi ehempeni ezinye ezinto zexabiso, waphinda emva.  Wathi esachancatha kumanqwanqwa entungo wanyathela ucingo lwegesi olungagqunywangal zacima kuye.  Zalinda undolinda ngaphandle ezinye, zaza zathi ngokucingela ukuba ubanjiwe zaqhawula zemka.  Bafika abelungu kusasa libhabhe apho ikhalipha elikhulu, iingalo zimenyezela, ibhulukhwe ingumpitso, isisu sithe qhutsu, sisonka salo.
Baqala phantsi ukunyakaza abacuphi, bathi besetantyi babe besebStreet, bethutha.  Aqala athi saa amathol'eramba esakufelwa ngunina, ngokwesiko.  Amanye abhacela ebhayi aza amanye atshona emonti.  Aqhumisa uthuli amapolisa kwatsho kwamdaka iindawo zokuhlala emadodeni, sele watshintshelwa ekaladokhwe nomfundisi wamawesile.








27


Indoda yelaka

Yaqala le nkathazo mhla umathayi watyiswa amatye ngutitshala UBhede kunonzwakazi intombi kamamali e kei Road.  Zathi zimhleka yintaka, baye abafana belali befuna int'ebilapha kuye, bemgxwagxusha, bemngcikiva, bemnukuneza.  Mandithi iqhelekile into yokushiyiselwa kwentombi, kodwa eyokushiywa komfana ayilophawu luhle kwantu yade yaqaqamba ngaphezulu kumathayi kuba wayesel' emile amaphiko, nesifuba sesiqhekeka yile nyhweba awayekuyo.  Bambuza bembuzile abafana belali, ngoku kanye sebeyazi imeko, bayibona neqhubekayo, ukuba uzimisele ukuyitshata nini na ititshalakazi yakhe yebhongo, ekhazi layo wayeselelikhuphe ngokuyifundisa esinaleni emgwali.  Babesebokholise ngokumxelelisa ngoku ukuba endaweni yokuzinika ufuba lokulangezelela umfazi oyititshalakazi ngewayeqale ngokuqhuqha useveni lo usemva kwendlebe.  Babembuza nokumbuza imbangi yokuba aphume esikolweni ngerisesi agoduke engaqondanga nokuba abanye bayabuyela na.
Into kabhede yazikhupha ngezayo ezilishumi, ezisebuhlanti zabuyela apho bezivela khona, ngelanga elinye, mhla ngemini embi.  Esi sona isiganeko sambetha washiywa ziingqondo umathayi kuba kwakuhlekiswa ngeenkonyana ezimbini zekhazi, sezilityelwe ezi zininzi zivalelwe kubuhlanti obuphantsi kokhakayi lukanonzwakazi.  Baqala bacaca ke ngoku ubugqudetya bakhe kuba ezosutana zakhe zase bhayi awayezithengele ukubhida ngazo utitshalakazi, zaba lilifa lentsini kwiintokazi zasencemera nasekei Road.  Zazihamba zicula ngazo apha emimangwerd.

"Ezo suti zakho zindidlamaxesha Kuba ndikufuna brukhwe inepetsha."

Kaloku ilungiswa phandl'apha into etenxileyo ezilalini, ayilungiselwa ekhusini.  Ukuba ugqiba jigusha zabantu uxelelwa ezitumeni into oyiyo, ungayanga kude.  Yaye nale Katitshala ubhede nononzwakazi yokuthanda ukuhamba bebambene ngezandla, lihlabe umhlaba, kwanale yokuwaka emva kwedinala ngeecawa, yayihamba eyayo indima.  Waphuphutheka umathayi, wabambisa ngezo nkonyana zimbini zekhazi likanonzwakazi, ngenxa yokudinga indawo apho angazigqithisela khona, wabhacela ekapa, ngenjongo yokufihla amehlo.
Uthi umntu akuhlelwa sisihelegu abenethemba lokuba siyakushenxiswa luyolo nalithamsanqa.  Kaloku kuthiwa obona bumnyama buphambi kwesifingo sokusa.  Wayelibala umathayi ukuba ukulandelwa kwelishwa lithamsanqa ayingommiselo.  Into ebalulekileyo lithemba lokulungelwa ngengomso nangona nalo lisuke lizalele emathafeni ngokweseme.
Waya kugaleleka esithi kwalanga umathayi, emalanga ngosuku lwesine elishiye ikhaya lakhe.  Waphuma esitishini wasinga emaholweni, apho abafana abaninzi basencemerha babehlala khona.  Uthe esabetha kuhla ngeBrinton Street wahlangatyezwa ligqiza lamakhwenkwe lileqa enye.  Yafika le nkewu yaziphosa kuye ngaphandle kwesimilo ikhala isithi, "Ndincede, Tata, ndisindise!  Nanga la makhwenkwe eza kundintlonda!  " Yangena yonke yaphelela ngaphantsi kwedyasi yakhe.  Uthe esaphekuza la aphambili, ngelakhe, waphawula ukuba le nkewana iphantsi kwedyasi ixakekile iphuthaphutha le ipokotho ingasemva ebhulukhweni, irhola imali, seyivela kwezinye.  Ngokothuka wayibeka phantsi ingxowa yakhe yempahla wazama ukunqakula inkewu leyo.  Lo gama asabhutya-bhutyana nayo, ezinye ezi zaxhiwula ingxowa le zabaleka nayo.  Uthe ngokusukela le intshukumo intsha ayibonayo yaphuncuka le ib'impokotha, yazibeleka ukulandela ezinye.  Kuthe kobo budididi kanti enye ithe chu iragi yakhe eyayithiwe tyu egxeni yambijela ngayo entanyeni, yenyuka ngayo emqolo apha yaza yehla nedyasi entanyeni, xa kanye atsalayo.  Wothuswe yile yentamo indaba wathi kanti akaqondanga.  Walile xa afunqukayo eleqa izihange nexhoba lazo, wakhubeka kwesinye esasesiguqe ngamadolo kade phambi kwakhe.  Wayakubetheka ngomlomo phantsi, eshiya idyasi ngemva, wajijitheka.  Zavuka ngaxesha linye intw'ezinkulu ngokwezakhwatsha zivumbuluka engqoloweni, enye neragi nedyasi`, enye nomnqwazi wakhe omtsha, zazibeleka ukuya kubhijela erhangeni Esingako isiquphe nangako amendu kunzima ukuwathelekelela-.  Wafana wagxadazelela ngaserhangeni apho, ekhwaza ecela uncedo, phofu zaziphele emehlweni zona iinkewu.
Kwathi kanti kukho abafana abathathu abemi ezantsi kwakweso sitalato bebukele.  Uye kubo ebhakuzela: "Bafondini khanindincede, naku ndikhuthuzwa ngamakhwenkw'apha!  "He!  Nkosi!  Uyeka iintwana zibaleke nempahla yakho uze kufundekela thina?" Waqabuka seledibanise nomhlaba ngenqentsu, neenkwekhwezi sezidanyaza emehlweni akhe.  Wavuka apho seleshiyeke nehempe yodwa emzimbeni wakhe, engasaboni nokuba kuye kutshonelwa phi na ngabo bafana.
Waminciininciza ukuhla ngeso sitalato enqwenela ukunga ungavuleka umhlaba.  Wabona iqela labantwana lidlala ecaleni kwendlu yangasese, waya kulo.  Bamwa ngentsini bonke beqhwaba izandla.  Wabiza omnye wabo, basuka babaleka bonke.  Wakhwaza ebuza elona cala lamadoda yaza yathi gqada enye inkewana yamkhombisa, seyithe nta imixhadana.  Wagibiseleka engabanga saqondisisa.  Wadibana nombono owalandelwa sisikhalo somothuko eyayisazibhinqisa ingacingelanga nto.  Zenza isimbonono esinye zonke ezazilapho, watsho waphuphutheka ukubuyela emnyango.  Amwnkela ngoko nangoko amapolisa awayesabela eso sikhalo. Athe phofu esambhojabhojisa njalo kwafika umfana ogama linguwanky owayehlala edube, esaziwa nokwaziwa ngamapolisa lawo, wawanika ingxelo eyathi yavakala.  Zasezingathi azinqakuli ngoku kumfo omkhulu.  Wamthabathela kuye uwanky, aza amkhululela namapolisa.
Walingena kakubi Ikapa umathayi, lathi kanti alikamenzi nto lisezakumkapa, inikhaphe landule ukwankhaphela.  Esi sona isiganeko saphantse samenza ukuba ancame ukuba ingabasabakho into ekuthiwa lithamsanqa ebomini.  Wafunelwa umsebenzi ejetini nguwanky, waza waphangela khona efumana umvuzo oncumisayo.  Wahlala ebubeleni obumangalisayo kweli nene lakwalanga, wada wazilibala neenzingo zomhla wokufika kwakhe.  Waqala kaloku wayiphuthuma nempahla yasekapa, kuba wayephangwe konke okwakhe mhla wafika.  Wayelinene elineminqwazi ngamibini, neesuti ngantathu, neepere ngeepere zezihlangu.  Wayeziqonda naye ngoku elona cala awayesiya kulo ebomini, sel'eqala nokulibala ukuba akakhulelanga ekapa.
Ngentsasa ethile wakhwela kuloliwe kwalanga esiya elwandle.  Uyabaleka uloliwe wombane ekapa, akafekethi.  Wahluke mpela kwezi zinto zitshotshayo zeli lethu ilizwe, ezi uzisukelayo ukhwele nokuba seziphumile esitishini.  Wayehleli efestileni echophise IBattersby yakhe entsha entloko, ebuka ilizwe.  Babebaninzi abafana abathe xhonxosholo esitishini emaitland, ngaloo ntsasa.  Uthe xa ahlanganisa amendu uloliwe wombane, edlula kwezi nkewu, enye yazo yawuthi hlasi loo mnqwazi usisisulu, ilandelisa ngempama eshushu elisweni ngexesha elinye.  Wathi esabambelele elisweni njalo, ekhweba ngesinye isandla, ezele yingqumbo waye selemgama uloliwe.  Wayibona nje imtyityimbisela umnw wentsongelo inkewu, iwubeka entloko umnqwazi wakhe webhongo, ikhwaza isithi, "Ungabokuvela ngomnqwazi ngale weyi etreyinini.  Uza kuthi niyatsotswa aph'ekapa!  " Waya kungena ekapa ebetha ngentloko.
Wayalwa kakhulu nguwanky emva kwesi siganeko embonisa nokumbonisa ingozi yokungazilumkeli kwiinkewu zedolophu ezinkqubo ishiya amehlo.  Zamqukula kodwa ngobunye ubusuku evela emsebenzini ngolwesiHlanu, eyona mini yempangelo ekapa.  Zayithabatha imvulophu enomvuzo wakhe engekayivuli nokuyivula, zaphela emehlweni, awakhe esephantsi kweenkophe.  Wafika endlini engekho uwanky.  Walinda, walinda wancama walala.  Lafika lizibethela imilozi epholileyo ithole lomthunzi waphantsi kwentaba yetafile, libika ukulityaziswa kwalo yintokazi yasenyanga, lincoma nobumnandi bomdaniso elivela kuwo.  Layothuka kakhulu into eyehlele umhlobo walo, labuya lathathisa phantsi ukuyala, nokubongoza, nokucebisa.  Lathuthuzela ngelokuba makalindele ithamsanqa eliza kumfikela kungekudala.
UmLungu omkhulu ejetini wayemthanda gqitha umathayi, emnonelela ngalo lonke ixesha.  Weva yena sekusithiwa uyabizwa eofisini, kanti uzakwamkeliswa intywenka yemali, yamajova abekade engayinikwa ngempazamo.  Wakhululwa kwasemini ngaloo mhla emsebenzini, ukulungiselela ukuba agoduke kakuhle, nendyebo yakhe.  Imincili nemibulelo yamenza ukuba afike amxelele umhlobo wakhe, emvula naye ngento ebonakalayo.  Lalivumile icamagu kumathayi ngaloo mini, kanti noWanky lalimvumele ukuba ange uyawavula amehlo.
Abafana basemlungwini abakholelwa nam ekugcineni imali yabo ebhankini.  Bakholelwa bona kukusoloko beyibona eyabo imali ukuze bakwazi ukuthenga iinkomo bakubuyela emakhaya. lziganeko zasekapa azibanga nakumfundisa nto umathayi.  Endaweni yokutyhileka wasuka waya ecikeka ngokucikeka.  Into esuka ibalasele kwomtu ongumfiki edolophini kukulangazelela ukufana namarhumsha edolophu leyo, ngaphezu kokufunda iindlela emiwe ngazo idolophu.  Walamkela phofu lona icebo likawanky lokuyiqhusheka imvulophu yomvuzo wakhe kwimpokotho esemiphakathweni kwibhulukhwana yangaphantsi.  Wacetyiswa nasemsebenzini ngabanye ukuba abokuyivula imvulophu le awaqabe amaphepha la emali ngomsizi obomvu.  Wayenza le nto ngayo yonke esamkela womvuzo wakhe.  Zamqukula kwakhona ngenye imini izihange zasekapa, zamqukula sezimpampatha zimphuthaphutha kakade.  Zathi zakufika apha emiphakathweni zayithi nkamfu ibhulukhwe zayidibanisa neyangaphantsi, zayisika ngemela yonke lo ndawo ibinemvulophu. waqabuka yena sekubetha impepho kuloo ndawo, waqala waqonda ukuba ziqhwnile.  Wafika endlwini etyhafile.  Wayehge-
wentsongelo inkewu, iwubeka entloko umnqwazi wakhe webhongo, ikhwaza isithi, "Ungabokuvela ngomnqwazi ngale weyi etreyinini.  Uza kuthi niyatsotswa aph'ekapa!  " Waya kungena ekapa ebetha ngentloko.
Wayalwa kakhulu nguwanky emva kwesi siganeko embonisa nokumbonisa ingozi yokungazilumkeli kwiinkewu zedolophu ezinkqubo ishiya amehlo.  Zamqukula kodwa ngobunye ubusuku evela emsebenzini ngolwesiHlanu, eyona mini yempangelo ekapa.  Zayithabatha iinvulophu enomvuzo wakhe engekayivuli nokuyivula, zaphela emehlweni, awakhe esephantsi kweenkophe.  Wafika endlini engekho uwanky.  Walinda, walinda  walala.  Lafika lizibethela imilozi epholileyo ithole lomthunzi waphantsi kwentaba yetafile, libika ukulityaziswa kwalo yintokazi yasenyanga, lincoma nobumnandi bomdaniso elivela kuwo.  Layothuka kakhulu into eyelele umhlobo walo, labuya lathathisa phantsi ukuyala, nokubongoza, nokucebisa.  Lathuthuzela ngelokuba makalindele ithamsanqa eliza kufikela kungekudala.
UmLungu omkhulu ejetini wayemthanda gqitha umathayi, emnonelela ngalo lonke ixesha.  Weva yena sekusithiwa uyabizwa eofisini, kanti uzakwamkeliswa intywenka yemali, yama-ova abekade engayinikwa ngempazamo.  Wakhululwa kwasemini ngaloo nihla emsebenzini, ukulungiselela ukuba agoduke kakuhle, nendyebo yakhe.  Imincili nemibulelo yamenza ukuba afike amxelele uhlobo wakhe, emvula naye ngento ebonakalayo.  Lalivumile icamagu kumathayi ngaloo mini, kanti noWanky lalimvumele ukuba ange uyawavula amehlo.
Abafana basemlungwini abakholelwa ncam ekugcineni imali yabo ebhankini.  Bakholelwa bona kukusoloko beyibona eyabo imali ukuze bakwazi ukuthenga iinkomo bakubuyela emakhaya. lziganeko zasekapa azibanga nakumfundisa nto umathayi.  Endaweni yokutyhileka wasuka waya ecikeka ngokucikeka.  Into esuka ibalasele kumntu ongumfiki edolophini kukulangazelela ukufana namarhumsha edolophu leyo, ngaphezu kokufunda iindlela emiwe ngazo idolophu.  Walamkela phofu lona icebo likawanky lokuyiqhusheka imvulophu yomvuzo wakhe kwipokotho esemiphakathweni kwibhulukhwana yangaphantsi.  Wacetyiswa nasemsebenzini ngabanye ukuba abokuyivula imvulophu le awaqabe amaphepha la emali ngomsizi obomvu.  Wayenza le nto ngayo yonke imihla esamkela umvuzo wakhe.  Zamqukula kwakhona ngenye imini izihange zasekapa, zamqukula sezimpampatha zimphuthaphutha kakade.  Zathi zakufika apha emiphakathweni zayithi nkamfu ibhulukhwe zayidibanisa neyangaphantsi, zayisika ngemela yonke loo ndawo ibinemvulophu. waqabuka yena sekubetha pepho kuloo ndawo, waqala waqonda ukuba ziqhinile.  Wafika endlwini etyhafile.  Wayengekho uwanky.  UMathayi wagqiba ekubeni angabuye amxelele nto ekubuyeni kwakhe.
Yamkathaza le nguqu uwanky, wathi kodwa kuba engumqweqwe wedolophu wazimisela ukuyibetha ngoyaba.  Warhola isipaji sakhe ngeenjongo zokudungudelisa, wacela umathayi ukuba aye kuthenga amafetshu nesiselo esibandayo kwaMaDlamini.  Wathi xa aphethuphethula izikhova ezama ukufikelela kumwangaiala lwathi gqi uphawu olwaziwayo kuzo.  Washiywa ngumbilini umathayi watsho woyika ukuba akhe ambonise.  Wabuya - wazigweba ngelithi kunokwenzeka ukuba uphazamile.  Nangona wayezama ukuyidukisa le nto yayisebenza ngokwayo yona ezingqondweni zakhe, kuba walile xa kanye balalayo waphulukwa wabuza, "Uphangela phi kakade Wanky?" "Ayifuni wena ley'indawo, Thayi, nto kabawo!  " Yala zibekwa nje inkwenkwe asekapa, ayaqhelisela nokuqhelisela oku.  Wathula umathayi ezamana nobuthongo obungehliyo.  Yayingazanga isuke kuye le ngqondo yelaka eseza kumehlela.  Wahlala elinde nangona iimeko zazingatsho.  Phofu ilaka yona ayibizwa, nabafikelwa yiyo, ibafikela bengayilindelanga.  Enye into awayeyiphosa umathayi yinyaniso yokuba nesikhova esi sidla amehlo aso.  Wamvumela kwakhona ke ngoko umhlobo wakhe ukuba aimnike elinye icebo, lokumlumkisa.  Wavela ngoku uwanky selephethe ezequmrhu lokugalelelana ngemali ekupheleni kweveki nganye.  Ayemahlanu amadoda kweli qumrhu, iyileyo izakugalela ngee-RlO, into ke leyo ethetha ukuthi indoda iyakudloba nee-R40 ekupheleni kweveki, yokugalelelwa kwayo ngamanye.  Wakhawuleza ukusifumana isiphumo sesi sibalo umathayi, waqonda nalapho siyakumphosa khona emva kweenyanga ezimbalwa.
Akukho nto ibuhlungu apha ebomini ngaphezu kokuba umntu afikelele esigqibeni engakhange ayijongisise indlela esingise kuso.  Le akathazo ibangelwa yinto yokuba uninzi lwabantu lunenkolelo apha ephuthileyo yokuba luyakwazi lona ukuzifunda zivaliwe.  Asuke ke ngoko alawulwe yingqondo yakhe umntu endaweni yokuba ayilawule yena.  Kwadityanwa kwawanky mhla waqaliswa umgalelelwano, washiywa encuma nee-R40 umfo omkhulu.  Kwelandelayo iveki kwayiwa kwaSpoky. kwaza kwelandelayo kwayiwa kwalizo.  Zabangathi zitshova ngeengolovane kumathayi iiveki ukudlula kupanky nakuwanda.  Yathi mhla yafika eyakhe iveki, wafika kusakhanya endlini.  Wafika wabeka amanzi esitovini, elungiselela ukwenzela iindwendwe zakhe iti.  Wayezitshaya imikhuba ngaloo mini eqinisekile ukuba abathwa balitolile.  Yarnxhesha ke wethu imincili eyedwa, kuba wayeyawa akakho u-Wanky.Latshona ilanga kwarhatyela.  Atsholoza amanzi, abila, wada wawasusa.  Asikhawulezanga ukufika isiphumo kuba wayengekafiki uwanky.  Kwathi kwakubasebusuku waqala wanxuba.  Wacima izibane, watshixa, waqhwitha ukuya kwapanky.
"Kutheni kaloku Panky ningafiki nje namhlanje?"
"Singafiki nje!  Uyabuza nokuba uyaxela?" waphendula omnye ebukrabasa.
"Ndithetha kaloku mfo nje ngabantu abagalelelanayo!
"Ke uthi mandithini?  Yaziwa ndim loo nto nangaphezu kokuba uyazi wena!  " latsho eli xurha lixakekile mpela lithi shokotsha iprayiinasi, indlu izele livumba elimnandi lenyama.
"Kuya kuthini ke ntanga, ukuze ndivuleke nam?"
"Kungokuba besithini owanda nospoky nolizo, le nto uzekufuthela mna?"
"Andazi kaloku, ndibone mna ningade nifike, ndathi makhe ndize kubuza."
"Musa ukuza kubuza kum ke.  Uyeva?  Qokelela bona kuqala ukuba usemoyeni."
Waphuma apho umathayi ethe thwanga.  Wafika ebethwa lucango kwalizo nakwaspoky.  UWanda wayesel'esemandlalweni ezibhijele ngesikhafu emlonyeni sekunuka ivicks yodwa endlini.  Wathi akuzama ukuchaza ihambo yakhe umathayi waphikela ukwalatha emihlathini uwanda esenza imiqondiso yokuba ubulawa lizinyo.
"Ucebisa ntoni ke Wanda mfondini xa itneko inje?" Wahlunguzelisa intloko uwanda wamamela amathambo.
Akazange alale ekhaya ngaloo mini uwanky.  Wafika ekuseni selehleli kakade umathayi, kuba walala entenetyile, ebhuqwa ziinzingo.  Wafika ekwabika ukulityaziswa kwakhe enyanga, eselefuna nokuqonda okuqhubekileyo ngephezolo.
"Akukho nto iqhubekeyo Wanky!" watsho ngelipholileyo umathayi.  "Ma ndithi awakhange afike laa makhumsha."
"Ukhe waya wena kuwo?"
"Ewe ndiyile, asuka awaphuma ntweni."
"Yiv'apha!  Thayi! amelwe kukuba akunike imali yakho lamarhumsha kule veki izayo.  Musa ukuzihlupha!  " watsho uwanky engqengqe ebhedini yakhe ebhekise amanqondwana phezulu.
Yaphela naleyo iveki akwabikho mntu ufikayo.  Kwalalwa ngolwesiHlanu engekho uwanky endlini.  Wabuya ngobusuku obulandelayo selengxamele enyanga, njengoko unomaqhashu wayezakuhamba nabelungu bakhe ukuya eholideyini ebhayi.  Kwakunyanzelekile,
ngabula yena, ukuba ambone ngaphambi kokuba ahambe kuba wayenemali aza kumnika yona.  Wavuka kwakusasa ngecawa umathayi ezimisele ukuwagqogqa amadoda omgalelelwano.  Wafika uwanda nolizo bengekho.  Wathi makakhe angqala kuspoky namhlanje, kanti uhlangene nazo zigoduka.
"Mthayi! ndithi phum'uphelele endlwin'am, ukuba akufuni nkathazo! Uyandiva?"
"Besendifuna nje ukuqonda, Spoky, ukuba ndiyakuyifumana nini na eyam imali."
Ndithi kuwe, Mthayi, andingeni ndawo!  Musa ukuza kundenzela umjoj'apha!  Hamb'uye kupanky!
"lyandixaka noko le nto yenu, manene, kuba ngathi niyandiqhatha ngoku!  "
"Zintoni ezi uze kundishwaqela zona apha Mthayi?  Uzixakekisa, uzixakekise, uze kuzixakekisela kum?" watsho uspoky ephakama esiya ebhatyini yakhe.
"Ndithi kuwe phumapha ngoku.  Ndiyakukufak'inkcenke ezimbanjeni mna, ukuba akunangqondo!  "
Watsala umathayi esiya emnyango walushiya engaluvalanga nocango.  Wahlangana nopanky endleleni selevutha kakade ngumsindo.
"Ufunani emva kwam Mathayi?"
"Ngokuba kutheni Panky mfondini?  Kaloku ndifuna ukugalelelwa nam.
"Into ethi jikeleza umzi wam, uzenza ipolisa.  Uyakukuba onisinto obungayazi panks, ndiyakuxelela." Watsho ephuthaphutha impokotho engaphakathi yebhatyi.  UMathayi wacingela ukuba ukhangela isipaji sakhe semali kanti uphazamile.
"Ndifuna imali yam kuni Panky watsho ngeliqinisekileyo, kanti uyinyathele.
"Ufun'imali yakho?  Ndinemal'akho?" Wabuza selerhola into ende yebhozo.
"Ndithi yihla kum Mathayi  Uyeva?
Waphethuka umathayi xa kanye aliphakamisayo upanky.  Weva nje yena ngomrhithi walo phakathi kwamagxa seleqhwithile, elandelwa sisiyalo "Zendingabuye ndidibane nawe, esitratweni.  Uyandiva!"
Umntu osentlungwini ulixhoba lezihange.  Zithanda ukuqhekeza kanye kulo mzi kuthiwa kuyalilwa kuwo.  Ziyazi ukuba ingqondo zabantu zisaxhwileke kukufa.  Uthe esangqengqile emalanga njalo umathayi, emamele umva-ndedwa, wabona into eyamothusayo.  Wabona ilaphu awayesongele kulo imali yakhe esetyesini lithe geqe ecaleni kwetyesi leyo.  Wasiphuka emandlalweni wonda ngalo.  Wafika isatshixiwe yona ityesi.  Wayivula buphuthuphuthu wafika ingekho yona imali.  Zakhe zaya kusela okomzuzwana.  Wazijula ebhedini ejijitheka, kodwa engenacebo.  Wathi akumbikela olu daba uwanky ekufikeni kwakhe, yanguye ngokwakhe othi makuyiwe emapoliseni.
"Kutheni na nina Wanky mfondini, ningabacebisi nje abantu ngobu busela bungaka apha ekapa, nibazi nje?"
"Hayi, torho Sajini, ngusibali wam lo; uhlala nam endlwini!" watsho uwanky emi emva komathayi.  "Asikhange sicingele ukuba kungakho mntu unokungena endlwini yam enze intlondi enje!"
"Ke ngoku ke, siza kuyithini le nto?" uphindile wabuza usajini wabacuphi, "Urhanca bani wena?"
"Mna Sajini ndikrokrela iintanga ezi zam" waphendula uwanky esemi ngasemva.  "Phofu ukunceda usibali lo wam ndingathi ngeliphandle ndirhanela upanky."
"Ngxatsho ke!  Nam ingqondo yam ayisuki kupanky, kuba izolo oku ebefuna ukundihlaba!  " ulandelisile umathayi.
"Ewe ndiyivile naleyo," watsho usajini.  "Kodwa ngokwangoku kufuneka siqale ngale yemali yakho ', ingekayi kude.  Ndiza kumjikeleza wena.  Uza kuyibek'apha kum."
"Ndikwazi ke wena Saj!  Wala zibekwa!" Watsho uwanky etaka-taka kuba ewubona ulunga umcimbi wakhe.
Wafika umathayi ngemini elandelayo enxibe isuti emnyama entsha, usajini, nehempe emhlophe qhwa, nezihlangu ezitsha.  Wafika selengasaziwa nokwaziwa ngoku ngusajini, kwa mcimbi lowo wemali wakhe ungasakhunjulwa kakuhle nguye.
Akukho nto ilungisa izinto neyonakalisa izinto ngaphezu kwenqatha elifakwa emlonyeni.  Amadoda amaninzi sel'ayibona indlela elula yokwandisa imivuzo yawo.  Ukukhonza iinkosi ezimbini kubalungele abanye abantu ukuba zifumbathisa isonka esaneleyo, kuba uninzi lwabantu lulawulwa sisonka ngaphezu kokunyaniseka.

Zithi zakucinywa izibane buqale bubalasele ubumnyama bemveli,'litshabalale liphele tu nya ithemba emntwini.  Ewe libhange ngakumbi xa alibalayo ukuba lingangafezeki ngelo xesha ilindeleke ukuba lifezeke ngalo, liye kufezeka ngexesha elingalindelwanga.  Ithemba lifuna unyamezelo kuba ekunyamezeleni kukho umvuzo.
Wayethenjisiwe umathayi ngusajini wabacuphi ukuba ngempelaveki woba enengxelo ephathekayo ngemali yakhe.  Yaphela kodwa yona iveki leyo ekuloliwe osinga kwelokuzalwa kwakhe.  Lalimngcolele ikapa ngenxa yokuzingelwa ngabafana bomgalelelwano, bezungula ukumhlaba, khona ukuze anikwe imali yokugoduka nguwanky.  Kaloku uwanky wayesel'enguchwenene apha onxiba iibhatyi ezibhacwe kubini emqolo apha neebhulukhwe ezitsobileyo emazantsi, azithengelwe ngunomaqhashu, ngabula yena.
Ukusa akufiki kabini ukuza kumvusa umntu, linjalo ke kanye nethamsanqa ukumfikela kwalo umntu.  Yiyo ke le nto kuyimfuneko ukulibamba ngesihlwitha liseza endaweni yokuliphuthaphutha enqentsu selidlulile.  Wafika mhla ngemini embi umathayi eqonce, engenampahla, engenadyasi, yaye ingasani imvula idliviza.  Uthe esemi esitishini, ekhohliwe, kwafika ilori yomlungu wasequmrha ilayishe imikhoba yokungcwaba.  Ekubeni eyinikiwe imvume yokukhwela ngasemva elorini` wangena komnye umkhoba, wazivalela ezikhusela emvuleni.
AbaLungu beevenkile `zangaphandle abanamgqalisela, ungafika behambela phezulu bethetha bengananzanga nto, ngakumbi xa besedolophini.  Waphuma apho esitishini umlungu wevenkile wangena elorini yakhe waya kumisa ngaseimperial Hotel.  Wafika apho elindelwe ngusibonda wasencemerha ehamba namaphakathi akhe kunye nosomashishini wasefrankfort.  Kaloku njengoko yayiphela inyanga usibonda wayeze kuphuthuma iimali zemivuzo zikagunyaziwe wasencemerha, kwamantyi.  Kanti ke usomashishini yena wayeze kulungiselela abasebenzi bakhe, ebhankeni.  Zazingencinane iimali ezazigxithishwe zezi ndedeba ezitasini zazo.  Wabayalela nabo umlungu ukuba bakhwele apha ngasemva elorini, wandula wangena kwicala ekuphilwa kulo ngamadoda apho ehotele.
Ayiphumi ngokuthanda indoda engene apho.  Ithi seyimi ngeenyawo iphinde ikhwetywe ngamnye, ibuye ibungezelelwe, ibukwe ngakumbi xa ingeyanga phandle.  Wahlala apho umlungu wasequmrha lada langcangca, amadoda asencemerha emlindele elorini, imvula isenza iinto zamehlo.  Yathi yakuphumela ezidyasini, lwaqala lwangena nosasa.
"Madoda imbi ke noko into yokujongana nezi bhokisi ixesha elide." yatsho enye iburhwaqela.
"Esona sithukuthezi sesi sokuba kungenzeka ukuthi kanti lo mlungu ubephuthume izidumbu eziza kufihlwa ngomso."
"0! Injalo loo nto?  Ukhe ayenze nokuyenza into enjalo?" watsho ngoku selengcachela.  "Uyazi'Ukuba ndithi mna yimikhoba nje engenanto le."
"Eyona nto ingathandekiyo kuyo yonke loo nto niyithethayo, bafondini, kukuhlalelana nazo sekuhlwile." utshilo usibonda engazijonganga nokuzijonga.
Ngelingeni ude waphuma umlungu emthonjeni, waphindela edolophini ukuya kungena kuhola osinga phesheya kwenciba.  Ngeli xesha ke kwakungasekho ndoda inamdla wokuthetha nenye.  Kaloku ilunyukelwe into yamadoda abuyayo, kwantu.  Kuye kucingelwe ukuba awabuyi ngasihle, kuba abuya ngengqumbo yokungaqiniseki yimeko yezinto kwelo lizwe avela kulo.  Yalile xa idlula ebhalasi  ilori washukuma umathayi kwinqaba yakhe.  Aphunguza amadoda, ajongana, abuya ajonga ebhokisini.  Wathinta nje isikhohlela umathayi, wabuza, "Kunjani isana le mvula nangoku, madoda?"
Akuzange kubekho ndoda ibuza nto kwenye.  Enza owenkawu onke, ngaxesha nye, ibaleka njalo ilori, eshiya yonke into yawo, esinga kwelakwantsiza.  Washiyeka evula isiciko sebhokisi umathayi, emangalisiwe ukuba kwenzeka ntoni na.  Waphuma se kungasekho mntu.  Lalimfikele ithuba awayekade elilangazelela.  Yayizibeke ezandleni zakhe ilaka ngaloo mini.  Yayimfundisile ikapa ukulinyamezela nokulisebenzisa ngokukhawuleza ithuba lakufika.  Wazikhuthuza zonke ezo ngxowa zazilapha zamadoda angawaziyo, wayigxulusha ezipokothweni yonke loo mali engayibalanga, wandula wazijula kude.  Yalile xa iphambukayo flori ingena ekei Road watsiba phantsi umfo omkhulu, wangena kwindlela eya emabhele, egquka umkhondo.  Wemisa phambi kwehotele umlungu, wangena emthonjeni, engakhange azikhathaze ngokukhangela ngemva.  Wathi akuba eluthobile kanobom unxano wabuyela elorini yakhe wegqitha.
Agaleleka ngojevana amadoda asencemerha kumlungu wevenkile yasequmrha nenja ingekavuki.  Ahlangana nenj'ixukuxa kuba amfikela esesebhedini ebanjwe yibhabhalaza yohambo lwayizolo.  Ambuza into ekwakubonakala ukuba akanalo noluncinane ufifi ngayo.  "Uthi benikhwele elorini yam, nisiya phi?", labuza ithole lesilo libambelela emgubasini wocango ukulungiselela imeko.
"Ewe, nkosi, saza sothuswa ngumntu ethetha emikhobeni, satsiba sishiya impahla yethu."
"Umntu?Ngumntu obephi lowo?" wabuza umlungu ekhangeleka ngathi usephupheni, phofu seleqhutywa.
"Asazi, nkosi, nokuba ibingumntu ncam na lowo, kodwa siqinisekile ukuba uthethe emkhobeni."
"He!  Madoda!  Musani ukuza kundenzela intsomi, Zilumkeleni iimpondo kunje.  Nithi ngumntu obefuna ntoni kwimkhoba engekangcwabi mntu?"
Afika kokaxakeka urnmango amadoda, kodwa wathi makakhe azibuzele usomashishini.
"Uthi, nkosi, akukho ndoda yirnbi ekhe yacela indawo apha elorini izolo?"
"Hayi ndod'akuthi, ngaphandle nje kwendoda ebuze ukuba yeyaphi na ilori le.  Andikhange ndiyibuze nto ke nam, ndaye ndingakhange ndiphinde ndiyibone."
Ancama amadoda asencemerha abuyela apho ebevela.  Abacuphi baseqonce bazifumana ezo tasana zawo, kungasekho mkhondo wumbi ngaphandle kwowokucholwa kwazo ngamakhwenkwe endleleni zingasenanto.  Bamamela bamamela abelungu bakruquka.  Bavela bafunza egageni ngoku ngelithi mawayihlawule yonke loo mali karhulumente ayilahle ngobuyatha ukuba ayilahlile ngenene.  UMathayi yena wasel'ebamba uloliwe osinga ekapa, emabhele, edukisa umkhondo.









Umgudu wokugqibela

Kwakulungiselelwa itheko lokuphehlelela igqibelo likatitshala, uhleza, abafazi bephithizela, beyiyizela ngokungathi ngumtshato.  Inemini nemdilali indoda eseyikhulile xa iza kuphehlelela umntwana ngakumbixa ibingasamlindelanga.
Wayeselekhulile ngokwakhe unomafu, inkosikazi yakhe, noko engasekho kolu didi lubelekayo.  Wayeseleyiphose kwelokulibala loo mfeketho naye ngokwakhe, seleyekelele umzimba.  Kanti notitshala ngokwakhe wayeselephume phezu kwemizamo yakhe yesihlanu sabantwana ababelizwe ngabo.  Wamphikisa ugqirha, wabaxelela ukuba kufuneka belindele umntu omtsha.  Lafika lona ixesha wayibeleka,unomafu, intombi yabo yokugqibela.  Babengasenawo namagama okuthiya, kwaye kwakungasekho nabantu abadala bokubancedisa ngamagama omntwana. igama eyayiza kuphehlelelwa ngalo le nzwakazi lalinguNongekhe, kuba babemphikisile ugqirha, kanti unyanisile.
Baqala baziva bebatsha, yathi nemincili yabenza ukuba bakhumbule mhla baphehlelela izibulo labo elinguNokwandakwamaZizi.  Kaloku eli zibulo labo lalithiywa yindoda enkulu, ujama Hleza, esaphila. lnkomo yokuxhela yayikhutshwe nguye ngokwakhe, baye nabantwana bakhe babesiwe nguye ecaweni ngekari yamahashe.
Kwakuququzela yena, ehamba ngezantya evuyiswa leli lumela alibonayo emzini wakhe.  Unina katitshala unomaneji wayelithwele emagxeni ngokwakhe elo theko encediswa ngabafazi basemahlubini naseMgwalana.  Yayisabukelwa, isathandwa nokuthandwa into entle engqushwa ngaloo maxesha.  Abazali bomntwana babenxiba impahla yabo yomtshato, ecaweni.
Wakhumbula ezo mini nakweli itheko umfo kaHleza, waza wazimisela ukuwuxhoma umgangatho kangangoko. ilokhwe yomntwana yayithungwe eqonce.  Abazali bobabini babeyisikelwe ngabathungi baseqonce impahla ababeza kuyinxiba ngaloo mini.  Kwakuza kuxhelwa inkabi yenkomo neegusha ezimbini, inganemanga indoda igqibile. iFeni lalindelwe, kanti idabhani lona lalisaziwa ukuba liya kuphelela kuloo ntshixibela yetheko lokuphehlelelwa kontondo katitshala omkhulu wasemahlubini.  Kaloku idla ngebala, kuba nomfo lo wayesaziwa ngenxa yezithonga zakhe esikolweni.  Kaloku uninzi lwabazali lwaluncamela kuye xa abantwana besoyisakala kwezinye izikolo, ivele ibakhuphe emagqabini ingwev'entsha, umfo kaHleza, izizi elihle, ufakath'omkhulu, ujaina kasiladu, ungxib'inoboya. lindwendwe ezivela kude zona zasezifihle kwangolwesihlanu sezifane zayiMingqiyana nje eyilileka apha phakathi kwekhaya.  Ngelo xesha wayeselesisinxada-nxada esiphala esithubeni apha utitshala kuba kaloku nezesikolo zazijonge kwayena.
Kwanyanzeleka ukuba avuke kwakusasa ngomgqibelo ukuya kuqoshefisa amalungiselelo etheko edolophini eqonce.  Walala selehlungisile ixhaka-xhaka lakhe ledodge, umahamba-bemgxeka, inqwelo egoqoza nasemathafeni phezu kweziduli yasemazizini.  Walala seleziqinisile iintsimbi ezithile zayo ezaziwa nguye, neentambo ezibalulekileyo zitsaliwe kakuhle, nezibane zixilongwe ngobunono, kuba kaloku ilis'o lamapolisa endlela lalibukhali kwiimoto ezindala.  Waya kungena phofu eqonce ngaphandle kwenkathazo, ngokwesiko lakhe, xa zivulwayo iivenkile.  Wazithenga zonke izinto ezazingafumanekanga engqushwa, wayiqokelela nempahla yabo yomphehlelelo kubathungi, wanduluka ngentsimbi yeshumi ukusinga ekhaya.  Yayisintsitheka idodge ukuwela kwayo ibhulorho yeqonce, umfo naye eyihambisa kakuhle, kuba kaloku namavili la ayo ayethandabuzeka, laye lalinganyamezeleki nakubhobhoyi ngaloo mini.  Wayesitya iiguavas namandongomane awayewabeke ecaleni lakhe, onwabile umfo ecinga kuphela ngemini yangomso.  Athi akuyifikela indoda amathuba okonwaba, azithabathe aziphose kwelinomhlwa iintsuku zeembandezelo neenzingo.  Kanti zithi ukugaleleka kwazo zisunduze olo yolo zinge zixela isaqhwithi.  Uthe xa ayayo kwisiphambuka sasedikeni wabona ityendye lomfana, elinxibe kakuhle selikhomba ngosithupha licela indawo yokukhwela.  Kwathi kanti nguReuben Solwazi wasegqume, kufuphi nerhini.
Wayezimele entologweni ngaloo ntsasa ureuben.  Kaloku wayebanjelwe ityala lokudubula umnumzana Donald Beekenger (ubhek' inja), efameni yakhe engqumnteshe ngenjongo yokumphanga.  Wayevalelwe kwintolyngo yasengqushwa apho waqhekeza ngobuchule bokusarha isitshixo socango waza waphumela kwimoto yesandla sikwanantyi.  Umantyi lo wayeza kuya eholideyini eyibeke phandle imoto yakhe seyipakishiwe kuba eza kuvuka ahambe.'Wayiqhuba ngaphandle kwesi-tshixo ureuben waya kuyishiya phakathi kwecumakala nekati-kati ngokuphelelwa yipetroli.  Yafunyanwa seyiqhekeziwe ngasemya apha yarholwa yonke impahla kunye nomkhono wekati.  Wabanjwa kwiifama zasekati-kati seledubule abaqeshwa ababini bafa ngokusuka bamthintele ngaphambili xa wayezama ukubaleka emya kokuqhekeza emzini womfana womlungu.  Wayevalelwe eqonce, apho wayilindele ukufika kwejaji.  Yayimcacele yona ngokupheleleyo into yokuba uya kuphelela entanjeni.  Into eyayimkhathaza engqondweni yimali yakhe eyayimbelwe phantsi komthi owaziwa nguye kuphela.  Noko wayenqwenela ukuyishiya kunolasu, inkosikazi yakhe.  Wayenalo noloyiko lokuba angabuya ukuba akayigrumbanga ayinikezele ngokwakhe kuye.
Wazirnela entolongweni kanye ngeli xesha kuphithizelayo, kuhanjiswa ikofu yakusasa.  Waqubisana nenkwenkwe ehambisa ubisi wayibiza.  Ithe xa ijikayo akugqiba ukuthetha nayo wayithi chu ngemfienze le yebhulukhwe wayitsalela umva, wayinkala ngobuso emhlabeni, yajubisiqaqa.  Wayikhulula iimpahla ezi zayo wazinxiba, wahambisa olo bisi ngokwakhe.  Wankqonkqoza kumzi womlungu ephethe ezo bhotile.  Ngethamsanqa lelishwa wavulelwa lixhego lomlungu elalihlala lodwa.  Wathi xa livulayo walinunusa ngebhotile yobisi, laza lathi xa lisolula isandla walithi chu ngengalo waya kulibophelela ebhedini yalo.  Wathabatha ibhatyi nebhulukhwe, nezihlangu ezaziphezu kwesitulo, weva endleleni.  Uhlangene nepolisa ecathcart Road wabulisa, wegqitha.  Kwakusekulithuba emi esiphambukeni apho efika nje utitshala.  Ikhe yemisa neveniyamapolisa ibuza apho asinge khona, yabuya yadlula akuwaxelela ukuba uya edikeni.
Wafika kuye utitshala uhleza wemisa, wamkhwelisa.  Bathi beyakudlula kwanoncampa babe sebeqhelene.  Wayebasele ngeendaba utitshala, echaza iinzima zobutitshala.  Wayibabaza IRecord Book ukuba lixhala kwayo ezititshaleni.  Waluvakalisa uluvo lwakhe ngesikhalazo seetitshala sokungabhataleki kakuhle.  Wazityanda igila kureuben ngokuphatheka kwakhe kakubi ebudaleni bakhe, ekhankanya abahloli bezikolo nabazali babantwana.  Wayjlaxaza kakubi ikomiti yesikolo sakhe, ebonisa ukungaqondi kakuhle kwabantu bakowethu.  Naye ureuben wazibeka ezakhe izikhalazo ngeyakhe impangelo kwisibhedlela sasegrey.  Wayivakalisa into yokugeza kwabongikazi nokuphatha kwabo izigulana kakubi.  Wayifikelela indawo yokuphangelela ama-ova ngemali encinane.  Wathi akufika kwizifo ezigqiba umzi ontsundu wamphatha emanyeni utitshala, kuba wayezithanda gqitha izifundo ezingempilo.
Kwalile xa beyayo kwibhulorho yexesi kwakho inkathazo evilini langasemva lemoto.  Wayimisela ecaleni utitshala` warhola iintsimbi okulungisa ivili Wabethwa lusizi URcuben akuyibona le ntothololo yexhegwana letitshala igobe isinqana esilukhuni, izama ukufikelela evilini, kodwa kwathi kuba eqhutywa yinto wayithiba loo ncinga eyayi-funa ukumenza nkenenkene.  Wajikela ngemva kwayo wayiqubula alo wayibopha ngenqindi ezintlafunweni, yaqingqa.  Yathi isadidizela ngesikhafu sayo endonyeni.  Wayirhuqela ematyholweni waza wayibophelela esikhondweni sornthi kwangeqhina layo, wayishiya.  Wangena ernothweni wayiqhuba.  Wayiwela kakuhle ibhulorho, wacothoza ukunyuka elo qhina liphesheya kwexesi.  Yathi iqabela nje ididge yabe seyibila.  Wayimisa wavula esi siciko singaphambili ezama ukuyiphozisa.  Kwafika imoto yasebhayi esamile njalo.  Kwehla wofana okhangelekayo weza kuye.  "Kutheni mntu omkhulu, ukhathazwa yintoni?" wabuza encumile naye ngulo mbono weli xhaka-xhaka ledodge.  "Hayi, ntanga, ayikho embi, ntonje bubushushu.  Phofu iza kuphola kwangoku." "Ngaba yintoni bethu le yonakeleyo?" watsho ngoku ekroba injini yayo.

"Mhlawumbi ikhalazela Ithermostat.  Khawume ngaba kanene zinazo ezi moto zalo nyaka wale dodge?"

"Yintoni leyo?  Isebenza ntoni?" ubuzile ureuben, noko nakuye ngoku umqala usoma.

"Mandithi mntu omkhulu ifana nespringi thermostat.  Yiyo le inqanda ukubila kwamanzi kwinjini yemoto. Ilapha emlonyeni weradiator.  Ithi ke yakuba nomhlwa ingasebenzi," uzame ukuyicacisa umfo wasebhayi, phofu ephawula naye ukuba akaqondi kakuhle umntu omkhulu.
"Kodwa ke noko andikholwa ukuba lo rnhlobo unayo ithermostat." lliso likareuben lalikule chevelle yayimi phambi kwakhe.  Ingqondo yomntu onentlondi iphimiselana ngokukhawuleza nentliziyo yakhe.  Wazibona efika lula emzini wakhe egqtune ngale chevelle.  Wayibona ilula into yokuyisonga le ngetyengetyana ayifake kule ndawo yeempahla ingemva.
Yakhawuleza yamquma impondo le tshuvana yasebhayi, phofu yona torho ingacingelanga nto.
"Kodwa uthi uyakuthubeleza njani kuwo ngaphambili apha, ngale moto inje?"
"Andawoni?  Andawoni?" watsho umfo omkhulu ebundweba.
"Kowu!  Avalfic apha engqushwa, kanti nasebhulorhweni enxuba axabile."

Waqonda kwangoko umntu ornkhulu ukuba ziqhumhle.  Kaloku iifoni zabelungu zona azicothi oku kwee dodge ezindala.  Mdala umlungu kuba uhlala phantsi yena ayisebenze ephepheni ngosiba eyakhe ingxaki.
Akanawo lo msina ndozele wokutheickelela, nokuthelekisa nje apha emoyeni.  Ukrwela imigca ephepheni ngosiba ayisonge, ayenze lula ingxaki yakhe nokuba seyinzima, inzulu kangakanani na.
"Enzani kanye ezimotweni apha?"
"Andiyazi ke into ayenzayo kwezinye iimoto kuba njengokuba ubona nawe le chevelle yakuthi ayithethi yaye ingathethisi futhi.  Awakhange asondele nokusondela kuyo."
"Akukho nto akubuze yona?"
"Malunga nantoni ke mntu omkhulu?" Umdidile naye ngoku umfo wasebhayi loo mbuzo.
"Awathethanga nto ngemoto.  Abuze nje ukuba ndivela phi na ndisiya phi na.  Ndithe ndisakuthi ndiya eqonce afuna incwadi yam yobuso." Wayeshesiya emotweni yakhe ngoku umfana ebizwa yindlela.  "Khawume mfo!  Khawume!  Athini ke wakuyirhola?  " Isebenza ngokukhawuleza ingqondo yezihange, kuba zilienkolelo ethi izingqi ziyakhawuleza nazo ngasemva.  Kanti ke zikwanjalo nezinyanya ukukhawuleza kwazo ukumsiza umntu kuzo, ngakumbi xa athe umntu lowo wahlangabezana nazo.  Yamfuthanisela ngoku ingcinga engendawo ureuben wafutshanisa ukuya emothweni, amehlo edanyaza,ebibitheka.  Umfo wasebhayi yena wacingela ukuba uyoyika nje, waza wangxama wakhwela emothweni yakhe, wayirheca, yatsala.
"Hayi noko ungaxhali wena mntu omkhulu, mhlawumbi awakwenza nto." Wafana wathi xhwenene umfo omkhulu ehleka intsini-menyo.  Kaloku usizi nodano olugqithisileyo luyamenza ange uyahleka urnntu kanti usinekile.
Washiyeka apho ureuben ezama-zamana nedodge katitshala uhleza.  Wayiphethula wangena kwisiphambuka esiya kweleentonga.  Wazityhu-,... tyha ezo fama zento kablet'fulu Bradfield ilanga likhombile.  Walile xa asesazulwini sazo wamisa, wayithululela kwityholo elikufutshane nendiela impahla yomphehlelelo kanongekhe, wegqitha.  Wadlula eHIosini, esinga kweleentonga ngezikasibi, seyimana ixhuzu-xhuzula dodge.  Wemisa amadoda amabini wabuza indlela eya edikeni.  Amcacisela kakuhle ngesiphambuka esingasehotele kweleentonga, ngokungathi akasazi, ade agqithela nakweyona nto wayeyifuna kakade.  Amndwebisa ngamapolisa avalileyo kweso siphambuka.  Wothukela ngaphakathi waza wayishiya apho idodge waya kunzi womfama okufuphi.  Wafika apho wanamsana nomqeshwa ngempahla yakhe yomsebenzi.  Wathi edibana nomlungu wabe selenxibe le yomqeshwa impahla.  Wacela ukuba arhuqwe ngetrektari aye kubekwa phezu kwenxuba apho wayeza kuphuthunywa khona ngabelungu begaraji yakhe erhini.  Wavuma umfama engaqondisisanga nto.  Amyeka wadlula amapolisa njengomntu oncedwa esemsebenzini wabalungu.  Begaraji yaserhini.
Laliselithambekile kanobom ilanga, nabantu emgwalana sebexhome amehlo.  Wayengazanga alibale kangako utitshala eqonce, yaye nedodge yakhe yayithenjwe kangako kuloo lali yamahlubi.  Zaqala zabethabethana izimvo zabantu, abanye besithi itshayisiwe, abanye besithi ibanjwe ngamapolisa endlela.  Yathi khona yakufika indumasi yothintelo lwamapolisa engqushwa, uninzi lwaqiniseka.  Kwathunyelwa emapoliseni engqushwa, waza usajini Stormberg wasasaza emoyeni isaziso sokuduka kukatitshala wasemahlubini ne dodge yakhe.  Wachazwa njengendoda emfutshana engeyiba inesiqu ukuba ibingacebuli.  Wachazwa kakuhle nomnqini webhatyi yakhe, abeyinxibile, nebhulukhwe emi entla kwamaqatha.  Kwakhankanywa ubuso bakhe obusixwexwe nemqumlo yakhe esivetyuma, ebambe bugqudurha, ityathe izipetekile zocingo.  Lwacaciswa kakuhle nodevana lwakhe oluthe rhwelele esilevini naphezu komlomo lugwangqana ngathi ubevunduza entlabathini, ndawo nye nonwele olukwanjalo, phofu seluqalile ukulityhila ibunzi.  Hayi ke yona imoto yachazwa njengoko injalo, kucelwa wonke umntu onganika umkhondo abhekise emapoliseni.
Echazwa nje utitshala ubunjalo bakhe, wayesahleli phantsi ngeempundu ebotshelelwe esikhondweni somthi ngeqhina lakhe nesikhafu sakhe sisamvale umlomo.  Kuthiwa awubekwa siziba kodwa eyokubekwa kwaso ngenkarti kuwo ayinyamezeleki.  Inxele lalizenzela kuye kuba kaloku wayephazanyiswe ngureuben esazityela iintwana-ntwanana zakhe ezimnandi.  Umqala wawuthe khothe njengendoda eqhele ukuphunga emzini wayo ngamaxesha athile. izibilini zazisephezulu okokoko athe wazibona elenga-lenga phezu komhadi wokufa nentsimbi yokulungisa ivili lemoto ilekuza phezu kwentloko yakhe.  Wayeselenendawo yokungenwa nalusasa ngoku, ngenxa yokothuka, kuba kwakungekabandi nakakhulu.  Lithi xa lingcangcayo wabiwa bubuthongo.  Wothuswa kukukhonkotha kwezinja zamapolisa phezu kwesiwana eso abebhantinte kuso.  Yavuka phantsi ingcinga yokufela ubulungisa bakhe, elele ezingubeni ezishushu ebhedini` yakhe, emva kokuphunga iikomityi ezine zekofu eshushu enobisi lwegusha.
UmLungu wasexesi wanika inkcazo ezeleyo emapoliseni aseqonce ngefoni.  Wadlula yena ephambukela edikeni, xa utitshala onemotho enjengaleyo yayichazwe ngusajini, ekhwelisa ityendyana lomfo onxibe kakuhle.  Waziphawula zona izipetekile ezo zikatitshala ngaphandle kwamathandabuzo.  Asabela futhi awakwantsasana kweleentonga, agqibela ngokuqhumisa uthuli ukuya kutshona enxuba, ebekeke ekhondweni lemotho eyayirhuqwa yitrektari, eseyibuyile.  Afika nomlungu wefama selebuzisisa isicaka sakhe apho siyifumane khona impahla efunyenwe endlwini yaso.
Uthe akwahlukana netrektari phesheya kwenxuba ureuben wayilinga idodge. lzithathe lula ezo drayi zinqumla umlambo kamenzi, phesheya kwenxuba.  Walile akufika kwiqhina lasePluto'sVale yakhafula, yakhefuza, yagqibela ngokuphelelwa.  Wayijika wayinyusa ngosomvana.  Itsho ngesisi esinganyamezelekiyo ngenxa yevumba leoyile nangenxa yokusitha kwaso indlela.  Yaqabela nje yaphelelwa mpela.  Wayishiya apho wafathula ngeenyawo.  Afika ingxange apho idodge amapolisa akweleentonga, ingasenamqhubi, ingasenamva nangaphambili, ingasenampahla.
Emini yakusasa ngosuku olulandelayo waphuthunywa yiveni yamapolisa asengqushwa utitshala.  Washiyeka ephehlelelwa unongekhe emelwe nguyisekazi.  Babenxibe impahla yabo endala nonina, kuba izinja zomkhondo zamapolisa zazingekalivumbululi ityholo efameni kabhlat'fulu.  Laqhutywa itheko lomphehlelelo selixube nokukhunga utitshala ngesaqunge esimehleleyo.
Yaphela iveki elandelayo engekafunyanwa umqhubi ongaziwayo wedodge.  Amapolisa aserhini eza neenqwelo-moya ezaziphithizela ziphaphazela, zizungeleza phezu kwaloo mixawuka nemisethuluka, neentaba eziphesheya kwenxuba.  Zazijikeleza laa ndawo yayicholwe kuyo idodge.  Azizange zibhaqe mntu kuba kaloku amaduna amakhulu nawo selesazi ukuba zilila kunye nezinye.  Umntu ozimisele entweni uphathelela kunye nezikhova.
Ezinzulwini zobusuku bomgqibelo wankqonkqoza emzini wakhe ureuben ethwele isikhaxa semali awayezimelele yona entologweni.  Wayinika unolasu, owayithungela phakathi kwengca entungo.  Ngemini elandelayo waphawula amadoda angawaziyo esenyuka esihla ngasemzini wakhe.  Wavuka waya ecaweni, apho wafika wabambisana nenye yawo ngeculo.  Emva kwenkonzo bajika bancokola bobabini.  Waya kuhlala kwaninakazi, apho wayemana ephuma engena enxibe ikhola yabefundisi.  Akukho nenye kula madoda, nangona ayeqondakala ukuba ngoontamnaili, eyakhe yacinga ukuba ibuze incwadi yakhe yobuso.  Wayesaziwa njengomfundisi waserhawutini owayehambele kwanakazi.  Akukho nto iphazamisa iliso njengento engaqhelekanga.  Ayiqhelekanga into yokuba athi umntu ofunwayo ngamapolisa aye ngqo kuwo afike ancokole nawo. (Zaqengqeleka iinyanga efunwayo ngamapolisa aye ngqo kuwo afike ancokole nawo.) Zaqengqeleka iinyanga efunwa ureuben kodwa engafunyanwa, phofu ehamba-hamba phakathi kwamapolisa.  Untamnani waserhini wafika wahlala kumzi okufuphi nowakhe.  Wayiqwalasela imeko nendlela ahleli ngayo lo mfundisi webandla elaziwa nguye kuphela.  Waziqhelanisa kunye naye emana esiya kumbuthela. ilanga laba linye waphuma ezingongolweni wandula nomfo waserhini waphuma egusheni wabiza ezakowabo, azavuka.  Zaphatha kukhonjwa erhawutini apho avela khona umfundisi, zabuya zakhonjwa eqonce apho wayesebenza khona ngaphambili kokuba angenele ubufundisi.  Kungeentsuku zatywala wangcolelwa umntu wenkosi yakhe eyodwa, waza wathunyelwa eqonce selelibanjwa.  Wadibanisa nejaji eyavela yamthembisa ngentambo,- yandula yamkhombisa umnyango wengcwaba.Ungqondo-mbini.
Eyona nto yayixatyiswe gqitha nguzongezile yayikukuyabula nje esithubeni efuna into angayaziyo naye ngokwakhe.  Kwakungekho mnyango wayengawazi kuyo yonke loo lokishi yasetantyi.  Kuthiwa umntu udle inqina lenkuku okanye wadla jinyosi engumkhwetha xa angaziwa sikhundla.  Kodwa ke yena uzongezile wayengazanga enze nenye kwezi zinto zimbini, ntonje zazingalilanga, zaya zingathanga dadobawo mpela kuye.  Wathi ngokuya ekhula zaya zimshiya ngokumshiya, zada zaphelela ekubeni zingaqhwabi konke.
Yayingamlhuphi nganto phofu yena unosayini le meko yakhe yonyana wakhe wesixhenxe kuba wayesazi isizekabani sayo njengoko wayengxulela umthetho wakhe, imeko ke leyo eyayibangelwa yindlela yakhe yokuphila exelegwileyo, phofu nayo ibangelwa yile ngxowa ingavumiyo ukwaneliseka.  Ukuze abe nako ukushenxisa ikati eziko, unosayini wayenkalisa ngotywala besixhosa.  Lo ke ngumsebenzi othi ufune uncedo kule mihla, ngakumbi olwamadoda. indoda ethi ilunge yekwaziyo ukugraya imithombo nombona iyifefe ngamanzi adikidiki yandule ukuyigalela emanzini abilayo, yandule ukuyivubela ngemithombo nekwaziyo ukubuhluza nokubutsalisa utywala.  Kanti nomsebenzi wokuphakela abantu ukwafanele amadoda.  UPilisi oyena yise kazongezile ufike kweli khaya kukho le ngxaki, ekubeni uyise kaswelindawo ubesandulukunikwa uphumaphele ngenxa yamaqhinga namaqhophololo athe wawabonakalisa kwalapha ekuphatheni imali yezikali.  Kaloku ngokomthetho wayo iphelela enxilini ngaphantsi kwefaskoti.  Akufuneki nganto ukuba ijinga-jinge ezipokothweni zendoda.  Ufike ke upilisi wabonakalisa ubuchule nolwazi kweli shishini.  Eyona nto eyafika yamchana enyongweni unosayini ngamacebo akhe okufihla utywala bungafikelelwa lula ngamapolisa kamasipala xa asemjikelweni wawo wokuphengulula nokuvunduza izisele elokishini.  Nguye kaloku owafika necebo lokubufihla kwisisele esembelwe ezikho, ukuze kusoloko kuba-gahlali nokusiwe kwabekwa imbiza phezu kwaso.  Imali ke yona yayimhlala kuye, mhla kunkaliswayo.  Yamlungiselela gqitha nangokwanelisayo le nqeberhu, wada wayingenisa endlwini engaziqaphelanga izinto ezirimzi.  Wakhawuleza ukumnika isondo upilisi engamsusanga noswelindawo ebeleni.  Uthe sele ehambe umgama omde kule nkqubo wagagana nesaqunge esatsho warnelwa yingqondo.  Uthe ngenye intsasa esaphemba ufeleba lo eza kumisa iimbiza zainanzi esidudu wavukwa likakade lakhe.  Wafika unosayini ethe tikili ecaleni lomlilo, enabile, exhuzula, kanti unesathuthwane.  Waphelelwa loo mini kwanosayini, waphuma intliziyo ingemva, ngenxa yoyolo, nolonwabo, nentlutha, nembeko awayeyixhamla njengomriini-mzi.  Wathi egaleleka kweli leenzingo uzongezile waye unosayini (selencediswa nguzibhuzu owafika wabetha kwikhondo likapilisi) selencediswa nguzibhuzu owa wabetha kwikhondo likapilisi kliona ukuze awugqibe unyaka wokuqala uzongenila enokuvela komninawa wakhe uzibuzele.
Yamxhuzula empdweni le meko uzongezile, wakhula eso sitwayitwayi seshlatha-latha sento engenakho nokuzenzela nto.  Ngenxa yemeko ethambekileyo yekhaya lakhe wazikhethela owona msebenzi ulula wokuyabula nje esithubeni ekubeni abakhuluwa bakhe babejikeleza edolophini beqhekeza iimoto zabelungu ezifane zashiywa, bexhwila nezipaji zabelungukazi, besiba nempahla yabantu emarikeni, khona ukuze bagoduke bephethe izonka.  UZongezile yena wayephila ngamagwinya namarhewu, neempahla aziphiwe ngabantu athe wabanceda.  Ezo mpahla zazinxitywa enye phezu kwenye ngokokude abe sisiqololwana sesamfumfu, into engasakwaziyo nokubaleka kukusindwa, zaye neenkomo ezibomvu ezingenampondo zizenzela kuye apha.
Kaloku wayethandwa gqitha yiyo yonke ilokishi ngenxa yobubele bakhe nomsa wakhe.  Hayi ke wona amakhwenkwe ayekholwa kukumdlalisa kude kuwe iintwala ezi andule ke ukuzifaka emaqokobheni ematshisi, aze amyeke ahambe.  UNosayini yena wayengahiutshwa nto ki.ikuzula oku kwakhe esithubeni apha ngaphezu kokungabi naluncedo kwakhe apha phakathi kwekhaya.  Wayevukela ezinkunini abuye emini emaqanda andule ukuphangela elokishini.  LwaTikholisa olu ncedo unosayini kuba kaloku zidulu iinkuni elokishini, zaye zidala isikroba nazo ngokwazo enxilini yomfazi oshishini lifana nelikanosayini.  Athi khona akumfikela amanzithi-nzithi okusukelwa ngumthetho lwaqala lwaqaqamba njengekhwezi kuye uncedo lukazongezile.
Akuzange kubekho nenye indoda eyakha yamxhasa, yamkhusela, yamthundeza kweli shishini lakhe ngaphezu kopilisi.  Ayemfikela amapolisa ekuseni xa abuhluzayo, amqhube ephethe isingqinisiso sotywala ngetoti, ebushiya bona buselwa ngumhlaba.  Ayemfikela emalanga xa kanye ankalisayo, amgibisele evenini, afike amdibanise nemantyi.  Ayemfikela ezinzulwini zobusuku adimbaze ezo zisele zakhe, amqhubele etrongweni.  Ngawo onke loo maxesha wayehlawula imali enmziyokuzikhulula.
Wazimisela ekusondezeni uzongezile apha eshishinini, awagxothe amadoda ngenxa yokungathembeki kwawo.  Wamthengela undlebende, alifundisa ukuthutha ngaye imithombo evenkileni.  Yakhawuwaza waleza yambonisa ingqondwana ephuthileyo kazongezile ukuba eyona ndlela ibhetele kukumbopha undlebende atsale inqwelo, khona ukuze akhwele kunye nemithombo.  Waqala ke. ngoku wangenisa neetikana ngokuthuthela nabanye inkinkqa yabo ezivenkileni.  Yasaba ikati ezikho kwanosayini,. zaqala zaqokelelana kuye iimbedlenge zakhe.  Ithe isabukela imazi endala afika amakhwenkwe asetantyi ngenye intsasa uzongezile.  Abalisa ngokuphaphaphatheka kwenqwelo kandlebende ifflisa i "K" Street, nangokumtyekeza kwayo khona ukuze aye kubetheka ngentloko ematyeni.  Lathanda ukuthandabuzeka eli bali ngenxa yendlela elalibaliswa ngayo, ingulowo nalowo efuna ukuba kumanyelwe kuye, nangenxa yokungathembeki kwazo iinkewu zelokishi.  Ngokwesiko kwakusekuthe wayi-wayi abaphulaphuli, nabasarhi sebethanda ukuyigxoba-gxoba le nkcazo ngemibuzo.  Kwalamla indoda eyafika yabalisa ngokumbona kwayo uzongezile ecambalele enqweleni, ebhekise netyiso phezulu ethe mpebe, exhuzula oku kanye komntu onesathuthwane. ithe isajikela ngaphambili emva kokumlungisa wasuka waphaphatheka undlebende.  Hayi ke, izinja, namakhwenkwe, nabafazi bekhwaza bemkhapha, bemkhaphela undlebende.  Wafika ugqirha wababaza ukushukuma kobuchopho kodwa enethemba lokuba uyakuphakama kungeentsuku zatywala.
Latshona ilanga emini kunosayini, lagquba inxele, zazimpanza iimbedlenge, waguya umntu welokishi.  Phofu lisiko lidala eluntwini ukuvuyela ukuguquka kwemeko komnye umntu ngakumbi xa imfulathele.  Kwalile esandula ukubonwa ehamba-hamba uzongezile kwavakala urningi-mingi lokuba uyathwasa, kwaye kunjalo nje ubona izinto ezinembadla.  Bathontelana kwanosayini abantu beze kuqinisekisa ngesi simanga, bambi besondeze iingxaki zabo zokuhlala abanye beze kubeka nje undlebe.
Kwasa ngenye imini unosayini elahlekelwe ngamagogogo amathathu esidudu abewapholisa ekhitshini.  Av-unjululwa emini njalo phantsi kwebhedi kwamalimakhwe, ummelwane wakhe.  Amadoda aphwna kweleentonga emantla engqushwa ezakuvumisela iibhokhwe zawo
ezazibiwe endle nasemahlathini.  Agoduka ezintsali kuba kwathi kanti ukufa kusembizeni, ayabelana.  Abacuphi basemonti nabaserhini baphelela kwanosayini bawunikwe umkhondo ngaphandle kwamathandabuzo yinkwenkwe kanosayini.  Yazala nenxili yakhe, wayikhuphela etyesini imaii yakhe.  Phofu nalapho yasengozini kooswelindawo, noosotshisa, noozibuzele, noonomashwa, waya kuyimbela ekhitshini lezidudu.  Walichitha ibobosi lakhe lendlu wathenga izitena ezitshisiweyo kodwa wanqatuclwa ngamazinki namaplanga.  Waphumana nezidudu namashiqa wayintokazi ehamba ngeedaki.  Kwagaleleka iimoto ezilayishe abalungu nama-Indiya asethekwini, nabantu abavela kwiindawo ngeendawo beze kubuzisa ngamahashe omdyarho omkhulu wasetele-wini oyijulayi.  Zaphithizela nazo iititshala zaserhini zakuva ngeli cham zazibhakaxa kule mpangelo yangeholide.  Kwakuyinkungu nelanga kwanosayini ngosuku olungaphambili komdyarho wejulayi.  Abanye babeze kucela ukuba baxelelwe amahashi ngokulandelelana kwawo ukungena ebhantini. Abanye babefuna ukuthiyela amabini okuqala, abanye bawathiyisela ngokuphuma kwawo phambili nangokufumana kwawo indawo emdyarhweni apho.
Bangeniswa bonke kwinqugwala alala kulo uzongezile, bakhululiswa izihlangu, banatyiswa phezu kweenkuko.  Yonke loo nyambalala yabantu nabelungu nama-Indiya yafika ezithe luqe entla umnini-nqugwala ngomrhaji wakhe eduduzela, ehlasimla, esithini.  Ekuvukeni kwakhe apho wanothoza ukuya kuchopha kusoze ongasemnyango.  Wahlala apho eqondele ixesha elide, ewuthe ntshii esinqeni umrhaji wakhe, ingalo yasekunene eyihlohle iiwatsha nezacholo, ebophelele amanquma ewulu aneeklokho apha esihlahleni.  Emva kokuqinisekisa kunina ukuba umlandu ozii-RS uqokelelwe kumntu ngamnye wawuvumela umhlola.
"Ehe!  Niphuma ebhayi, etinarha, eqonce naphesheya kwenciba kude kuye kuthi xhaxhe ethekwini, nonke nifuna ulwazi.  Mandithi pho le nkathazo ngumdlalo, hayi sisilwanyana, gxebe ndifun'ukuthi ngumdyarho wezilwanyana...... Ewe YOMBELA!!" ngaxesha linye, ebanyola ngengalo yasekunene, ehlahlambisa loo ntlaninge yezacholo, neewatsha kukhenceza neeklokho, nabo neqhwaba, besabela bengathunywanga "Siyavuma!!!" Uyakwazi umlungu ukuhla eze ebantwini xa efuna ubutyebi, kanti nama-Indiya abathintela ezitratweni abantu ethekwini xa efuna bangene ezivenkileni bathenge.  Yathi yakutsho loo ntswahla nendili yezandla wasuk'amadlu umfo kanosayini, etolikelwa ngumkhuluwa wakhe uswelindawo.  "Le nkathazo lihashe ekufuneka liphume phambili elugqatsweni kuba kusekho impikiswano.  Phofu lona ngathi ndilikhanyiselwe.  Ndithi YOMBELA!" Zathi zakuwa ngokuwa
izandla, waphawula into umfo omkhulu, wabaphindisa ngetshova.  "Ndithi qhwaya, mfondini, qhwaya!!" Waphakamisa isandla utitshala wasetantyi oku kanye komntwana wesikolo onombuzo kutitshala.  "Khawume mfondini!  Uxolo torho!  Camagu, mhlekazi!!  Yimpiki. swano etheni le ngoku uthetha ngayo?"
"Kaloku titshala yonke into iyalungiselelwa, akufathulwa nje ebumnyameni. lhashe eliza kuphuma phambili linyulwa ugqatso lungekaqaliswa Eh Eh YOMBELA!!" Zithe zakutsho ngamxhelo mnye, abelungu nama-Indiya sebengene emxholweni, wadibanisa nomhlola umfo kanosayini.
"Yinkonyana ekhwelwe yidyoki yelawu Yombela."
"Phofu uyaqonda nje ukuba zimbini iidyoki zamalawu kulo mdyarho?" ubuye waphazamisa utitshala.
"Ndithi YOMBELA!!  Yinkonyana emfusa enekolo nenqina elimhlophe.

"Camagu gqirha" ubuye waqokela utitshala, "Ungasinika mkhondo mni ngegama layo le nkonyana?"
"Hayi ke ukuthathisela ukuba ndingafundanga mna, indaba yamagama ingandisithela kodwa ngathi igama layo liqala ngo -E liphele ngo -E." Arhola amaphepha buphuthuphuthu ezipokothweni amadoda azama ukuthelekisa, afika emathathu amahashe anamagama anjalo, adideka.
Wabuya wawahlahlela indlela utitshala.  "Yayikhe yaphuma phambili le nkonyana ngaphambili nokuba izakuqala?"
"Ewe YOMBELA!! lwuqhelile umdyarho, kodwa izakuqala ukuphuma phambili, kulo mdyarho."
Abuya aphikisana odwa amadoda, amanye esithi ngueustace, arnanye esithi nguephrine, kodwa kwacaca ukuba la ayekhe aphuma phambili kwimidyarho eliqela.  Wema umlungu wasebhayi ngelithi "Heyi ngueglantine lowo madoda.  Ndiqinisekile kuxelwa ueglantine, kuba unekolo nenqina elimhlophe."
"Hayi bafondini ayingekhe ibe ngueglantine lowo, kuba arnaphephandaba awakhange amkhankanye nokumkhankanya." Waphikisa utitshala wasetantyi wema ngeenzwane.  "Andizi kuthetha nto ithethwa nini.  Ndiza kuthetha le ndiyiboniswa ngu mhlola." Yakhalima inkwenkwe kanosayini "Ndithi YOMBELA".  Zathi zakutsho izandla yavalelisa.  "Ndithi yinkonyana yesihlanu ngokufaliswa kwawo ebhantini.  Igama ledyoki yayo liqala ngo-M." Okunene ihashe lesihlanu kolo luhlu yayingueglantine, eza kukhwelwa ngumyburg, idyoki yodumo lwezomdyarho wamahashe.  Abantu abaninzi balihla labaququzeli bomdyarho wamahashe kwijulayi nakwigolden, ngenxa yokungakwazi ukusebenzisa ingqondo.  Kaloku bangatshnia abenzi-zincwadi, abathengisa amatikiti okubheja ukuba wonke ubani angabhejela ihashe elinye.  Kuye kuthi ukuba abantu abaninzi babhukuqele hashini linye, baqale abaququzeleli mdyarho baxoze mphini wumbi.  Phofu ayakwazi ukulidandalazisa icebo labo nawasezitalini amakhwenkwe nangomzuzu wokugqi bela, kuba kaloku akukho nto imbi kwaphela.  Agxoga kueglantine wona amadodana awayethweswe ngunyana kanosayini erhini, emjikeleza ngazo zonke iindlela.  Abanye babembhejela ephume phambili abanye bembhejela efumene indawo ekuphumeni ebhantini kunjalo nje begalela iimali ezinkulu.  Wathi akuzibalula ngokuphuma phambili kumdyarho wejulayi ueglantine yaqala phantsi indumasi ka Zongezile.  Kukho iititshala ezawulahlayo umsebenzi wobutitshala, nama-Indiya athile aphucuka mhla ngomdyarho wejulayi waloo nyaka.  UmLungu wasebhayi  wawushiya umsebenzi wakhe kwaloliwe wazithengela Ifama eknysna.  Umabhalana wakwandabazabantu emonti wayishiya iofisi yakhe wavula ishishini lomzi wokuhlamba, emaxambeni.
Kanti babedliwe abantu ngamahashe ethekwini ngaloo nyaka kuba amaphephandaba ayebabaza ueustace njengengcungela eyaziwayo.  Bamjikeleza usizi lwento ueustace bada bayalelwa ngabenzi-ziincwadi.  Bathi bekueustace babe bekuephraim nonikitha ezinye iingcungela ezaziwayo kwezomdyarho wamahashe.  Bambalwa abangqubeka kuEglantine nabo besenziwa kukutyeshelwa kwakhe lumzi lwabantu.  Bakhuthuzwa abantu ngabenzi zincwadi kuloo mdyarho wejulayi waloo nyaka.  Phofu kuthiwa zililifa lezilumko, bambi bathi lunika zflumkfle.
Wonke umntu ngoku wayeselejonge umdyarho olandelayo ekuthiwa yi-"Golden".  Bathi ababekhawuleze babalekela kumthombo woloyiso barhoxiswa kuba lwalungekaphumi uludwe lwamahashe kuba kuye kufuneke ukuba luqale luphume uludwe olubonakalisa amahashe agqatsiweyo, neemali aza kubafikela zona.  Phantse yonke irhiphabliki yayiwazi loo mthombo ngoku kuba iimoto zazivela kuzo zonke iinkalo.
Umhlekazi ujongiphela wekomkhulu lwamazizi, entloko, engqushwa wayebhalele unosayini inewadi esikhawu, elangazelela ukuza kubonana nozongezile ngezidla umzi.  Ngenye imini zabuya iigusha zakomkhulu endle zichetywe icala lasekunene zonke.  Kuthe kusajongwe leyo kwacholwa enye ezantsi kobuhlanti ifile.  Yayikrazulwe apha esifubeni, kwarholwa intliziyo.  Kwakucacile ukuba le nto inento yayo, yaye ixhomisa amehlo ekomkhulu.  Nantoni na ethi ifune esiqwini senkosi iyawanyanzela amaphakathi ukuba aqubule iintonga, yaye imeko enje yayingaginyisi mathe konke.
Yacacisa kakuhle incwadi leyo ukuba umntwana omhle uza kuba lundwendwe lwakwanosayini injika-langa yonke nobusuku bayo.  Yayimthembisa ngenxiwa nentsimi yalo emazizini nangenqoma kwiimazi zakomkhulu, ukuba uthe wasicombulula ngokwanelisayo esi sishiqi uzongezile.  Le ngqatsini yawenza ukuba ukhawuleze ukuqhosha umbombo kanosayini.  Wabikela zonke izihlobo zakhe ngolu ndwendwe lwakhe lobaluleko.  Wathetha ngengqushwa ngokungathi sele ilikhaya lakhe.  Wayelazi nenani labafazi baka nkosi ujongiphela, seleyazi neyakhe indawo kweloo khaya libanzi.  Laliselilikhulu ithemba lokuya engqushwa nonosayini nakwezinye intokazi, zingazi zona ukuba ithemba lazo lizalela emathafeni.  Iyabunjwa into elokishini, kunjalo nje ibunjwe kube kuko, ngakumbi eshwaqa apho ungabekwa siziba.  Wayeselehambela phezulu naye unosayini oku kanye komfazi waseziialini.
Kusasa ngaloo mhla mkhulu wokufika kondwendwe lwasengqushwa wavukela edolophini uzongezile ngenjongo yokuzithengela icuba.  Uthe esandula ukuwela ibhtdorho encinane kufuphi nevenkile yetshayina wahlangana neendlovu zigoduka.  Kuthe gqi inkwenkwana yelawu ngaphambili ilandelwa ngamanye.
"Nantsi le bletty!  Ngezile izenz' idokter." Uthe esathi, "Uthini na ngoku Panky, mfondini?" Wahlangatyezwa yimpana eshushu elisweni wabona iinkwenkwezi.  Uthe xa aqalayo ukuzibala iintaka, wayithi chu upanky ngekhola yebhatyi, wavova kuhle wayikhupha phezu kwegxalaba ebuyilenga, wayibetha ngentloko egadeni, weva ezinyaweni.  Wavuka wahlala ngeempundu phofu zona zisaye kusela.  Azikhawulezi ke nazo emanzini kuba zikhe zetyise phezu komlambo.  Nakhona iba ngusambhaqa ukuze ziphethuke zonke ngaxeshanye ukuza entweni.  Warhuqwa kwazezo nkewana ukumsa ekhaya.  Zafika zachaza into engavakaliyo.  Enye yachaza ukukaratwa kwakhe uzongezile ngupanky, enye yabika ukuwiswa kwakhe ngejudo.  Wanga angaqonda kuzo uNosayini ukuba lijuda na eli liwise umntwana wakhe nokuba lilawu, zasuka zamwa ngentsini.  Wabhenela kwakuzongezile zicime ngoku izibane kuye.
"Zongezile bekutheni mntwana wam?"
Tu, uzongezile.
"Yina Zongezile!  Kubuhlungu ndawoni, Tatana?
Tu, uzongezile.
"He!...... he!...... Bawo!  Yhambize ugqirha bethuni!
Wafika ugqirha wabika umothuko, wamnika iipilisi, wamhlaba, wathi makayekwe alale.  Zinamandla ngokwazo iipmi zobuthongo kuba ziyenza indoda ilale cum ingathi ifile.  Zithi khona zakuncediswa yinaliti zithathe unyawo.  Zabuye zadibana ke nengqondo ebuthathaka kazongezile.  Wasusana nemoto yasebhayi ugqirha, ezele ngama-Indiya aze ngezomdyarho we-"Golden".  Waphaphatheka unosayini ukuya kuvusa
uzongezile, ewelwa ziilokhwe ephalalelwa naziiqhiya.
"Zongezile!  Zongezile!  Khawuvuke wethu nanga ama-Indiya aseBhayi eze kuwe!" watsho emdlikidla ngomonde.  Wavuka nje uzongezile wamthi phuhlu ngamehlo.
"Yina, Zongezile!  Ayikabuyi ingqondo yakho?"

Wathi tu uzongezile.
"Zongezile, ndithini kwaba banyepha?"
Wathula uzongezde.
"Zongezile!  " Wabiza ngoku ngomonde omkhulu.
"Liliphi na wethu ihashe eliza kuphuma phambili?"
Wamath' ufele umfo kanosayini, wee tu, esamthe phuhlu ngamchlo unina.
"Umntwa' kafeleba!  Yakha yemka imali seyingene?
Kungenelele uswelindawo othe wacebisa ukuba azenze uzongezile, awaxelele nantoni na loo ma-Indiya, athabathe imali le, awayeke ahambe.  Walile unosayini, waza wandula wawacebisa ukuba afike ngosuku olulandelayo.  Warhoxa uswelindawo kodwa eqonda ukuba uphulukwa yintakazana seleyibambile.  Wawabona amawabo emnikela imiqolo ngenxa kanina.
Asusene nokufika kwemoto yasengqushwa ama-indiya asebhayi.  Wagaleleka loo rnnyobo welmpala, ulayishe unkosi, uzamani (Ah!  Jongiphela) wentloko yamazizi namaphakathi amane.  Wayawayiyizela umfazi welokishi ongawaziyo umahluko phakathi kokubusa nokuthula uduli entabeni.  Waqala phantsi ukuphulukwa yingqondo unosayini.Wangena enqugwaleni likazongezile engathi utyhalwa yinto.  Wafika ekobude ubuthongo, enabe tswii emandlaiweni wakhe, ethobele urnthetho kagqirha.
"Zongezile nazi iinkosi zasengqushwa!
Waphakaina nje wangqiyama ngengqiniba emandlalweni uzongezile, amehio ewamilisele phantsi, oku kanye komntu osezingcingeni.  "Ke ndiza kwenzani ngeenkosi, ndiyinkosi ngokwam nje?" "Tyhini, Bawo!  Usaphambene nangoku lo inntwana?" watsho unosayini edlikidla ngamandla.  He wethu!  Vuka uze kudibana nonkosi uLoziphela."
"Ndiyeke mama torho!" utshilo uzongezile ebuphakama emandlalweni, "Musa ukuza kundenzel' umjojo apha!  "
Kwathunyelwa uswelindawo ukuba aye kubiza upanky kowabo. Wafikaebethwlucangwabuyelkunina epheka eliya lakhe, phofu wafika sezimandulele impuku.  Waxoza mphini wumbi unosayini ukulalisa uboya kwiindwendwe zakhe ezazisezisitsha ziintambo kakade.  Waphinda wandulula uswelindawo, ofike kukho umninawa kapanky.
"Ibuza ntoni iswelindawo, ibuz' ipanky?" yatsho le nkewu idlalisa ngodolosi ingamsanga so uswelindawo.
"Ho!  Ho! ipanky yona idukstile!  "
Waba ngabuza usWelindawo ukuba udukstele phi na uPankY, yasuka yapholelwa ngamalanga le poni.  "Hayi ke, andiyazi" Waqala phantsi ukukhathazeka unosayini.  Kuthetha ntoni na ukuduksta Swelindawo? Hayi wethu rnusa ukuza kundikhumshela apha.  Ndifun' upanky  aze kulenga lo mntwana, amqule ngala ndlela ebenze ngayo, kuze kubuya laa ngqondo yakhe."
"Kubuye eyiphi ingqondo, mama?"
"Hayi wethu ndifuna le ebekuyo ngaphambi kokuba abe kule akuyo ngoku.  Le besisitya ngayo! 
"Awu, rnarna, bezihleli zinganqakuli nje kuZongezile Usekulala ngqondo ubekuyo kakade," watsho uswelindawo ephuma ngomnyango.
Babuya engekho uzongezile, nayo yonke impahla yakhe enxitywayo.  Bathumela ematshayineni, bathumela enewtown, hayi bo, baphuma ze. Bathi bakufika emapoliseni wabawa ngentsini usajini ebuza, "Anithi uye kuthwala egqume na bethu?" "Owu, sajini, engazangathwase nje uzongezile angaba uye kufuna ntoni apho?" wabuza unosayini ebambe ongezantsi.  "Hayi kaloku, mama, indoda enkulu ebona izinto ezingenakubonwa mntu ikholwa kukukhe ibe yodwa."
"Eyona nto sajini, lo mntwana ushiya udwendwe olubalulekileye endlwini.  Nkosi yam, yinto endiza kuyithetha nabani na le?" Watsho unosayini etshihla esimka.
"Hayi kulungile, goduka, mama ndiza kukhupha amadodana amabini khe amkhangele apha phakathi komzi."
Wathi efika ekhaya unosayini zabe zigaleleka iimoto eziphuma ethekwini, eqonce, emonti,  le amadoda aze ngezomdyarho we"Golden".  Waqala phantsi ukuthi phithi.  Wasuka wantanta, ephithizela phakathi kwezo moto, ebonakala nje ukuba ushiywa zizo.  Wathi efuna uswelindawo waxelelwa ukuba- uye kusela eT' Street.  Wanyanzeleka ukuba azindulule iindwendwe zakhe.  Zafa narnthanyana iititshala zaseRhini.  Wafunyanwa yena uzongezile ngosuku olulandelayo esihla enyuka e'B' Street, ephuma engena ezindlwini, eyinxibe yonke impahla yakhe.
done
Wayengathandi yena

Wayesazi mhlophe ukuba akamkelekanga kubazali bakasamuel.  Umtshato wabo wawungasekelwanga phezu kwemvume yabazali.  Kaloku usongo wakhalima kwamhla wayiva le nto yokuthandana konyana wakhe nentombi kantozini.  Bathi khona bakuziba bazitshatise wavuthulula kwaphela.  Nangona wayenabo ubuhlanti untozini, babubetha umoya, waye nalapha elalini engathathelwa ngqalelo luninzi lwabantu. umfundo kanontozakhe yayingathanga tsha noko, kuba walishiya phakathi ibanga lesithandathu.  Yayithambekile gqitha imeko kwantozini, kunokulindeleka nokuba igxothwe futhi ikati eziko.
Waya kuhlala nomyeni wakhe unontozakhe kwilokishi yakwagontsi kufuphi nedolophu yasebhofolo, eshiya intswahla ngemva ekhaya kwanondyola.  Babeyithetha ngokuyithetha into yakhe abantu belali, abanye besithi uzifunele isoka elo, bambi besithi ulifunelwe ngunina.  Kwakukho nomingi-iningi lokuba umfana lowo kasongo uhlangene nentando.  Wahlala nomyeni wakhe yena unontozakhe, bethandana, bebukana, bebelezelana.  Wafumana umsebenzi ekhemisi esamkela imali ebonakalayo neyaneleyo noko ukuba ade athengele nomyeni wakhe izinto zokumvuyisa, kanti naye usamuel wayemfekethisa umkakhe ngezinto ezifanele umfazana ongangaye.  Intlalo yabo yabenza ukuba bayilibale intlupheko yokukhalalwa ngabazali nobugxwayiba bokuba ngamakheswa.
Wayesebenza kumzi weinshorensi usamuel naye ngokwakhe esamkela imali ezilingeneyo iingxaki zabantu abaqalayo ukwakha umzi.  Wayesebenza phakathi komzi, nakwiilali ezimelene nedolophu kuba kakade wayengumntu okhululekileyo nothandwayo ngabantu.  Kaloku bathi ukuze bakhululeke iintliziyo abantu bazivule nezipaji zabo baqale bachanwe lulusu olu lomntu, bathi besiya ezintsebeni babe sebeziimvuze-mvuze.  Uyingxaki umsebenzi weinshorensi, kuba zininzi izinto eziwufunayo emntwini, bubuhle, luncumo, bububele, sisinxibo esible.
nesifanelekileyo, bubuqhawe nobuqhaji, yintliziyo ekhululekileyo nesulungekileyo, yimfundo ephakamileyo.  Ngentetho ephandle  onempumelelo kulo msebenzi ngongenakumbi.
Asinto ixatyisiweyo kwantu ukuba lithi ithole iduna lilande ikhazi, kodwa kwimisebenzi yakwamlungu evulekileyo kubafana abantsundu iyasebenza le mfuza.  Ubuhle bendoda ziinkomo, kodwa kwezangoku iintokazi libala elihle, yimpahla enxitywayo, nemali eninzi.
Kaloku unowethu waphuthunywa erhodana phantsi kweentaba zikalukhanji ngenxa yokubalasela kwakhe ngobuhle kwiintombi zelo zwe, khona ukuze afike apha emazizini azibule ngosamuel.  Zintle iintombi zabathembu kodwa yena unowethu wayeshiya amanga emzini.  Umlomo ongqebesha nemilebe emikhulu ufanelwa gqitha luncumo olujingayo, luze luthi lwakuphuhla lubothoze izidlele ngezinxonxo ezibambezela izithuku-thuku zokubila.  Zinomtsalane ngokwazo izidlele ezithe futhu zaza zanonwele oluphuphusi ukuya kurhintyela entanyeni, luhlangabeza utuma oluphuma kunwele olumnyama khuthsa, luyephuyephu.  Naweendonga ayengathethi nto kwibala lakhe kuba lalithanda ukuluphala, laza lagqibela ngokuba zuba.  Yayintle intombi yomfo yada yaqwela ngebunzi elibanzi elityhilekileyo laza lacandwa kubini lunwele lwenipunzi, oluvelele amashiya aqhamileyo axwese phezu kwemisebe ebulungurha, agqume iingqanda zamehlo.  Ithi xa seyintle intombi ude uthandabuze ukuba idla amazimba kodwa ube nakho ukuyithelekelela eyasemlanjeni.  Wayengumcephe ucandiwe usamuel, waza waqwela ukucaphula olo gqajolo lwempumlo kayise.  Yayincanywa nguye intombi kantozini ingeva bhlowu nasitatshi, phofu zikwanjalo nezinye.  Olunje ucwambu lomfana lwalufanele ukuba nempwnelelo kumsebenzi ololu hlobo.  Waziqwakanisa zonke jititshalakazi kwisithili sasebhofolo ezifaka kwilnshorensi yakhe, wada nonontozakhe waphathwa ngamagxa.
lsifo samagxa simpheka simophula umntu, simqabelisa iingqaqa, simbonisa amazwe angazanga awabone naye entelekelelweni, simkhaphe simkhaphelele kwantliziyo-ndise.  Wabona imibono ngemibono unontozakhe ngosamula.  Ukubuya kwakhe emjikelweni wakhe ekhwelise iititshalakazi emotweni yakhe kwakunga.  Ukuhanjelwa kwakhe ekhaya ziintokazi ezihombe zazizigcadolo ngesheyi lokuba zize kulungisa imicimbi yeinshorensi kwakungamonwabisi.  Uthi ke umntu akuzinza kumqolo wehashe lobukhwele angabi safuna ukuhla.  Lihambe naye liye kumfaka kumnmago kaxakeka, aze athi akuphethuka apho aziphawule selehlisa ezinye iintlambo.
Wawuqhuba umjikelo wakhe usamuel ngerenaul endala awayenayo esafundisa kwagaga kufuphi nedike.  Wayemhambela ngale Renault unontozakhe ngexesha apha awayesamjikeleza.  Wayeyithanda ngoko unontozakhe kuba yayimelamisa, esoloko elilisela ngodokolwana wakhe nakwezinye iintombi.  Uqhube waqhuba wangenwa kukudinwa ngoku yiyo, wadikwa ngoku yiyo, waza wamxelela umhlobo wakhe ukuba ayitshintshe, athenge ivaliantBarracuda.
"Kukhona kulungileyo kaloku Sam, uze kukhwelisa kakuhle nezi
titshalakazi zelnshorensi."
"Awu!  Zakhe!  Uthi ndingade ndizingenise ezindlekweni ezingaka nge-
nxa yala mantombazana?"
"Ndazi phi na kaloku ndibona bonke oobhuti bale nto yenu bebaleka
ngezangoku njengemoto."
Wayengazidubi yena usamuel kuba wayeqonda ukuba umhlobo wakhe wenziwa bubuntwana engaqondi ukuba phofu selekhwele hashe limbi.  Nangona yayiquqa egaraji le motwana yakhe, yayingazange imlhase endle nelanga elinye.  NgoMGqibelo yayikhutshwa phandle ihlanjwe ipholishwe, iqiniswe iindawo ezithile, yandule ukukhwelwa ngumniniyo ade aye ngayo edolophini Kwaya kwaya wala ngoku unonkathaw nokuyikhwela irenault, kuba esithi iyabahlaza kwizihlobo zabo, ibenza izilambi.  Bayilumkele abafazi into yokuthelwa nqa ngabantu ngokungathi abo babathele nqa abathelwanga nqa bona ngabanye abantu.
"Kanti ke Zakhe singenayo nje imali?"
"Hayi wethu Sam, musa ukuphoxisa ngento ebuhlungu kum.  Andiyifuni ngenene le moto.  Ngqina laloo nto isuke yanezothe kum."
"Yiyeke ke, ntanga, zizakuyikhwela zona ezinye iintokazi," watsho usamuel ebuqhula.  Lathi kanti lifumene indawo entliziyweni yale nzwakazi eli lizwi.  Akukho nto imphefumlo untununtunu njegebhinqa, ngakumbi xa selinento engathi gingci engqondweni yalo.  Kaloku ngabantu abazifunda zivaliwe, bagqibele ngokwenza izigqibo zohaya, kuba bebona kude kunamadoda.  Yathula intombi kantozini, ayaqumba, ayacaphuka, kuba yayiyithanda ngenene imoto.  Ngokuqonda le nto wamnunusa ngevili ngenye imini usamuel.  Yalibamba intombi kantozini yanga kudala yaliqhela, kuba kudala irhaliselwa zezinye jintokazi.  Wavuma naye ukuyikhwela irenault ngesizathu sokuba efundiswa ukuqhuba, kodwa engayithandi.  Wamfundisa yena usamuel ngenyameko nangobunono umhlobokazi wakhe ukuqhuba, wada waya eziqabuka sele elijija ivili ngokomqhubi omdala.  Yamila amaphiko intokazi enkulu nombombo waqhosha ngenxa yobu buchule bungaka ibufundiswe yindoda yayo.  Kaloku uye athi umntu osandula ukufunda ukuqhuba imoto azicingele ukuba ukwazi nangaphezulu kwabantu esekukudala beqhuba iimoto, ade afane nqwa nesityeba-mva ukuzinqola iintaba.
Yaguda indlela eya ebhofolo kuba ngalo lonke ixesha esekhaya usamuel wayethanda ukuya edolophini unontozakhe ngenjongo yokumenya kubalingane bakhe.  Usamuel walangazelela ukumfundisa ukukhupha amavili ngojeke.  Abantu abangqondo zikrelekrele bakhawuleza bazazi izinto ezinzima baze boyiswe zezilula.  Woyiswa unontozakhe kukuphakamisa irenault ngojeke, woyiswa kwancameka.  Le nkathazo apho ikhona yayikukusuka achukumise indawo emkhululayo selephezulu, aze ke ngoku ehle ngamandla igadleleke nemoto.  Phofu yayingamfhluphi kuya phi usamuel le nto kuba wayeselemqabelisile kweyona nkalo inzihla.
Kwafika ithuba lokuba aye kuzihlaziya izifundo zakhe zeinshorensi emonti usamuel.  Wayeza kuhlala iiveki ezimbini kwagompo.  Babeza kuqala ukwahlukana ithuba elide kangako nonontozakhe.  Wafana naye wathomalaliswa yinto yokuba yayiza kushiyeka kuye irenault, aze akwazi ukufeza iingxaki zekhaya ngayo.  Ngosuku lokugqibela phambi kokuba aye emonti usamuel, kwafika unovenkile waserhini, eze ngezeinshorensi.  Wayehamba ngevaliant Barracuda, entsha. Iyabukeka imoto entsha ngakumbi xa inebala elinomtsalane.  Yayintsundu inamavili amhlophe, ithenyezela nje yonke.  Umniniyo wayeligwangqa elithe ncothu, linodevu oluthe rhwelele phezu komlomo.  Amehlo ayebukhali eyaluzela oku kwamaza olwandle ebambe bunjalo nangebala.  Umfo lo wayethetha ngoshiyi nangezandla.
Amadoda awafani afana ngeentshebe zodwa, kodwa kuyo yonke loo nto akuthathi xesha lide ungayifundanga uyigqibe indoda uhlobo nodidi elulo.  Wayeyinewadi nje evuliweyo ujay, unovenkile woduma waserhini.  Wafika emini emaqanda usamuel nonontozakhe behleli ebaleni.  Kwaphuma into eyekelele umzimba, ngokwenyushu yethafa, kuloo mnyobo weBarracuda.  Wayenxibe ihempe emhlophe qhwa nebhulukhwe emnyama khuthsa neendondo ezimnyama emehlweni.  Wathi ebulisa nje usamuel laye iliso elibukhali likunontozakhe owahlangatyezwa lolo shiyi lutyityimbayo.  Kwacaca nje ukuba uhlangene nolunye uhlobo lwendoda, eyathi ixhawula nje ngesandla yabe imbambazela egxalabeni ngesinye.  Udlalani, uneendlela ezizezakhe nje yedwa zokunqakula nokugqiba iingqondo zamabhinqa, ezingenakuqatshelwa ngamanye amadoda.  Bathi bethathana nosamuel besiya endlwini wabe egibiseleka emotweni unontozakhe.  Wahlala emva kwevili elinganisa xa eyiqhuba.  Waphuma wayibuka ngaphandle ephatha-phatha yonke indawo.  Wabuka le festile yayo ilapha ngasemva, phezu kwale ndawo kuhlalwa kuyo.  Wabuka la mavili ayo amhlophe anamanqashela  angenkwenkwezi ngasemva, ewaphatha-phatha, ekhuza, esithini.  Wabuka ezi zipili zimacala omabini, emangaliswe nazezi zenkungu zingaphambili.  Wafika ivulekile ngaphambili yaza yashiya isiphongo esingathi sesemfene.  Wayijikeleza ixesha elide, waza wagqibela ngokukhwela ngasemva, wahlala apho ngoku kanye komntwana othanda imoto.
Ngalo lonke eli xesha ayeyalelene endlwini amaduna amakhulu, esidla amathole eendaba, ethwesana ngeendawa-ndawana ezithile.  Wabuqonda loo mini ujay ubunzima bokujikelezana nomntu xa ufuna angene kwiinshorensi.  imute ezazithatyathwa ngumntu wayo ukuze andise umvuzo wakhe, wayeqala ukuzazi.  Wayeqala nokuqonda ukuba lo msebenzi ufuna amachule aneengqondo ezikrelekrele.
"Hayi bo!  Imfundo ephakamileyo iyafuneka kulo msebenzi wenu," wavakala esitsho unkabi.
"Ewe nje!  Awungekhe uphumelele ngaphandle kwayo, kuba kaloku uza kudibana nee-BA., nee-B.Sc., Nee-M.A., andithethi khona ngoku sekukho nee-D.D., nee-D.Ed. nje."
"Hayi kaloku azizi kulungiselela wena zona, ntonje ziza kukufunza egageni.  Wazinceda kodwa uhlale enxukhwebe ude uphumelele imatriki."
Satsho isikhotsholo esikhulu siyaluzelisa loo mehlo abukhali, sicinga nokucinga ngeyaso imeko elambathayo nangakweli leJ.C. ibanga.  Kaloku amadoda amaninzi anale mpazamo yokucinga ukuba imfundo le yinkcithaxesha kuba umntu angatyeba nangaphandle kwayo, alibale ukuba nkqu ishishini oliphetheyo lifuna ukucingelwa nokulungiselelwa nokuthantanyiswa kwanguye.  Aphikelda ukuthi imfundo ayityiwa.  Eyeenkomo ingqondo ihamba ihambe ilabalabe, kuba kaloku namaxesha axheshile, ajoka ulwazi lwendoda, khona ukuze uve umntu wasebhayi esithi "Yhu, uleyithi ngokweti kaleveni," kuba kaloku seyi, phungwa ngo-10.30 kusasa ngoku, kanti nepeni seyilibalekile ngoku.
Wazivela ngezakhe iindlebe naye usamuel ubunzima beshishini leve_ nkile.  Inkathazo edalwa ngabantu abathatha izinto ngamatyala baze bangahlawuli ngethuba elifanelekileyo.  Wayeqala ukwazi ukuba kukho namatyala akhe alahlelwe kwelokulibala ngenxa yobudala bawo Ukubaluleka kolwazi olupheleleyo logcino-zincwadi, khona ukuze unovenkile akwazi ukuqikelela ingeniso nenkcitho yakhe ngemini nganye, wakuchazelwa kakuhle.  Wayichukusha ngokwaneleyo ujay ingozi ebangelwa bubusela nobugewu kwishishini lomntu, kuba kaloku abaqhekezi nabaqeshwa bayafana neempuku.  Bathi besothuka kwabe kungena iikomityi zeti namaqebengwana amnandi.
"Uphi uZakWe?" wabuza usamuel kuloo ntwanazana eyayiqhelezela
ngefaskothi emhlophe, nayo ngokwayo iziphothule ubuswana obu, izidlele zichininika.
"Uphaya kulaa motho ifikayo, tata."
"Kowu bethu, isidalwa sisabuka imoto eyahlukileyo kweyaso.  Mxelele, Flora, ukuba asisokuze sibe nayo thina enjeya, makazixolise."
Lingenelele ixurha elikhulu, esokwenene isikhwakhwa, isizukulwana sezikhotsholo zodumo zaphesheya kwenciba, kuba kwakusekukudala illibonile ikroba, phofu nalo ngokwalo lingaqinisekanga nokuba eyona mpuku kufuneka ixhakamfulwe lilo yile izise iti na nokuba yhle isemotweni.  Zinjalo ukudideka nazo ngokwazo ezi nkosi, kuba ithi seyiyile apho yalame khona ijike esithubeni yakubona kukuhle ngaphezulu kwelinye icala.
"Mxelele, Bhabha, ukuba siyeza ngoku.  Yithi ndithi makalungise ndiza kumsa enxukhwebe ngoku.  Uvile?"
"Awu!  Hayi suka, Jay, yimfeketho yantoni kodwa le uyenzayo?  Ube uzakuya kakade enxukhwebe?" Yakhonya ikhonyile IBarracuda kwezo drayi zasekluhleni.  Yakhenka, ikhefuza, ikhafula, izamazamana naloo maqhina avelele isihlala enkulu yasenxukhwebe.  Wayeyiphithizelisa umfana waserhini, elibambele kufuphi ivili, epheceza ukuyitshintsha oku, eqethule intloko ngokungathi ucela injezu.  Wayehleli ngasemva unonkathazo, iliso elimilisele kujay, ebukele loo mmangaliso.  Waya kufika enxukhwebe selengathi ushiywe zizo umntwana kantozini.  Wayiphawula naye usamuel le meko, kodwa njengamadoda onke angaziqhelanga iimeko ezithile akazange ayinike thuba lakuzinza engqondweni.  Baya kungena eofisini bemshiya eyame ngayo, enguloo mbono mble, kuba wayefaniselene nayo.  Baya kufumanela idinala ekhaya.
Wayiqalisa emonti iveki elandelayo usamuel, apho wayehleli ngolonwabo ejongene nezifundo zakhe ezitsha zeinshorensi.  Nangona wayeyishiye ekhaya  irenault, elungiselela unontozakhe, yavalelwa egaraji loo veki yonke ingachukunyiswa.  Wathi esiya kuyo ngomgqibelo unonkathazo, elungiselela ukuya edolophini, wafika ingasabeli.  Wanukelwa kwali vumba eli layo, wathi endaweni yokuba ayicenge wayikhalala wemka.
Kwalile emalanga ngecawa, esangqengqile unontozakhe, ecinga ngomhlobo wakhe osemonti, nangerenault engavumiyo ukuphendula, nange-Barracuda ayithanda kunene webiwa bubuthongo.  Iyayabula ingqondo yomfazi xa inento eyishukumisileyo, kuba kaloku isiko layo kwasendabukweni kukuxabisa amakhazikhazi aguqu-guqukayo, adibana neliso.  IBarracuda yayiyaluzela engqondweni yakhe njengeyona moto ifanele umququzeleli weinshorensi, neyokuba ifanele ukuqhutywa ngumfazana onje ngaye.  Yayimbonisa futhi ukuphoxeka kwakhe xa aqhuba irenaidt elidlavu edolophini ebhofolo, ebukelwe ngabafazi beetitshala.  Kanga ngendlela abakoyika ngayo abafazi ukuphoxeka, omnye ude oyike nokuphatha nebhotile le yeparafini esitratweni, kwale parafini aza kubasa apheke ngayo ekhaya, angaqondi yena ukuba uyakuphoxeka endodeni xa ifika ingaphekelwanga.
Wothuswa ngumvungamo wemoto efikayo phakathi eyadini.  Wakroba ngefestile, wafika ibala lizaliswe ngumnyobo webarracuda yaserhini.  Waphuma emnyango, wafikisana nokunkqonkqoza komhambi lowo.  Waluvula ngamandla ucango, wazibamba seleziphosa kujay ngenxa yovuyo nobubele nemihiali.  Wayenzelelela ngobuqhaji bakhe ujay le mpazaino.  Kaloku nerhamba liqala lifuthe phambi kokuba lihlabanisele.  Wathijaju ebaleni unontozakhe, ebuka le motho, eyincoma, eyibukisisa.
Wanxiba kwala lokhwe yakhe yasenxukhwebe, baza baphuma besinga ebhofolo kuqhuba yena ngenkqu.  Behla benyuka kwezo zitrato zasebhofolo, engasakhathalele nokuba ubonwa ngabantu ehamba yedwa nalo mfo ungaziwayo.  Ngaphaya koko yayingumhlobo omkhulu kasamuel.  Bafika esitishini, basela ezibandayo ekhefini, banduluka.  Bangena kule ndlela iya enyarha, wayifaka umcephe wumtwan'oyintombazana, IBarracuda yaserhini, wayitsala yavela.  Bathi iyesuka IfordCAPRI, kodwa ayibalekeli IBarracuda. lsika umoya, ichithe uthuli.  Isusa amaphepha leyo imotho.  Yalana needray, kodwa iyayisela ipetroli. Phofu kuyo yonke loo nto bathi ikhala ngaphantsi kwivaliant Regal.  Kwathi nzwanga okomzuzwana kukhala ivili etheni.
"Kowu!  Jay! ibaleka kamnandi le moto!  " Yatsho intokazi enkulu ekugqibeleni, icula yodwa ibarracuda, iyekelele umxakatho kuma-80 eemayile ngeyure kodwa ingavakali.
"Kanti ungathi ukuze uyiqonde uthabathe uhambo olude ngayo, uyive kakuhle uwabone namandla ayo xa inyuka amaqhina amade," Watsho ujay ebalisa ngehambelo yakhe ethekwini.  Isimanga esenziwa yibarracuda ekunyukeni ibrooke's Nek kufuphi nekokstadneMKomaasPass ngaserichmond, wasiva mankentenkente unontozakhe kuba wayesamangaliswa koku kubaleka kwemoto ingathi iyabhabha nangona ingavakali.  Bajika kuda kufuphi nenyharha, babuya noko sebengasaphalisi ngamandla.
"Khawuyikhuphele ecaleni Tozie, sikhe siphumle." Latsho ixurha ngelizwi elithambileyo, ingalo isemagxeni kanontozakhe.
"Inene sisimanga semoto esi.  Ayibili nangona kushushu." Watsho unontozakhe evula ifestile, engqiyama.  "Kaloku thina siqhele ukufuthaniseleka kulaa ngolovane yethu."
"Awu yini, Tozie, isaphilile nje laa Renault kasam.  Hayi noko aniyazi into eniyifunayo nina bafazi.
Kanti ikwayinkathazo nayo ngokwayo into yokufana kwezi moto.  Enye indoda enkulu yayingena kwilokishi yasekabah etinarha ngeValiantV.1.P. yayo.  Yamiswa yingetyengetyazana enxibe kakuhle.

Yeza iqhathula itakataka oku komvetshane.
"Tyhini, uxolo torhwana, tata, bendisithi ungubhut' Roy lo waseMonti.  Naye uneValiant enje!  Intle nayo nje ngale yakho."
"Hayi kaloku ntomb' am ziyafana ezi moto kuba zithengwa kwindawo enye."
"Kowu besendivuya ke wethu ndisithi washiya wakwazi ukufika ngempela-veki sikhe siyuruze ngayo, kule lokishi isithukuthezi kangaka ngakumbi ngecawa," yatsho le ntokazi kucacile ukuba ibingavuyayo nokuba ikhehle lo belingajikayo libe nguBhut'Roy okomzuzwana.  "Kwowu ayisentle le moto, bethuni!  "
"Mlindele wena, mntwan'am, mhlawumbi uyeza."
Ithuthuzele ngelo indoda enkulu, iqhwitha ivaliant V.1.P. yayo, ingena
elokishini, seyivuyiswa nakoku kunconywa.
Wazivelela ujay iinzima zemoto entsha nenxwaleka ebangelwa yiyo ekhayeni.  Wamchazela ngezavenga ezihlawulwayo neinshorensi yayo ephakamileyo.  Kanti wayeqala naye ukuva into yokuba irenault inothuli nengqele, yaye iquqa egaraji mihla le.  Bancokola ixesha elide wada waqabuka naye ujay selencokolisa.  Babebambene ngezandla ngaphandle kwemoto, beyibuka nabo bebukana.  Wothuka unontozakhe selephephisa amehlo akhe kwezo ngqanda zibukhali, ziyaluzela phantsi kwemisebe eyephu-yephu.  Ukuba athe amehlo esele adibana nawenyoka alicingi ukuze liphinde lishukume, ide ifike kulo.  Wazigqibela esaba-
lekisa amehlo, waqabuka selephambukile.
Wayeqala unontozakhe ukunganyaniseki kusamuel okoko bathi batshata.  Wayiqonda naye into yokuba ubhidwe yinto angenakho ukuyixela.  Wazimisela kodwa ukuba angaze aziyekelele ade amqonde nosamuel ukuba uphambukile, nothando lwakhe lushenxile, lwaye
lutenxile.
Baya kufika ngorhatya ekhaya waselelalisa apho ujay.  Wanduluka ekuseni nenja ingekavuki, phofu eshiya ngasemva kuphungwa ngaye nokulalisa kwakhe kwasamuel, ikofu yakusasa kuloo lokishi yakwaGontsi.  Bayakhawuleza abantu belokishi ukusibona isiphumo sento.  Bafanele phofu kuba baqhele ubomi bezinto ezikhawulezayo nezikhawulezileyo.
UNontozakhe washiyeka ezama-zamana nomphefwnlo wakhe efuna ukuqonda oyena nobangela woku kuziyekelela kangaka, elinga nokuzichanisekisa ukuba usamthanda usamuel.  Bakhona abantu abakholelwayo ukuba uthando olu luphela oku kanye kwesigarethi, balibale ukuba luluphawu oluma lumi, lwaye lungakwazi ukuthobela nokuvumela lowo usukoba efuna ukulushenxisa ukuba alushenxise.  Lwaba kungona luvuthayo uthando lukanontozakhe nosamuel lwaza lwathi khona lusakuvuthuza baqala baxakana nento abamelwane, kuba wangenwa ngumkhwa ngoku unontozakhe wokumbamba amnqabule umyeni wakhe nasesidlangalaleni.  Batsho baxakwa nokuyivelela inyewe yomfo waseRhini.  Yabaxakisa intombi yasemzini nangokungayikhathaleli irenault yakowayo, kuba nalapho babeza kufumana into yokuthetha.  Yayingayikhathalelanga yona phofu ngenene ntonje yayizinyanzela kuba yayi-
thandwa ngusamuel.
Wafikela kuyo usamuel wayenza yaphendula waqhuba ngayo umsebenzi wakhe.  Zaqengqeleka iinyanga usamuel nowakwakhe bebotshelelwe ziintambo zothando.  Zaqengqeleka iinyanga abantu bakwagontsi betshiswa ziilwimi zabo.  Zaqengqeleka iinyanga engalubeki ebhofolo umfo waserhini.  Yavelisa inkathazo irenault kwivili langaphambili.  Wacebisa umntu wegaraji ukuba iphelelwe yi'Bush'.  Wayinyusa ngejeke umniniyo walikhulula ivili elo wayikhupha.  Wabona enye indawo efuna ukuqiniswa kwezi ntsimbi zingaphantsi.  Kwathi kuba kungekho nto apho ebomini inemasi njengokufa warhubuluza wangena ngentloko nangesifuba.  Nangona sisazi ukuba akukho kufa kunjani kunye kuphela kukuphuma komphefumlo, kodwa asize sikholwe okanye siqonde ukuba kufikile naxa sekulengalenga phezu komntu.  Wanqwenela ukusebenza kakuhle waza wacela unontozakhe owayengqengqe emthunzini ukuba amnyusele ujeke.  Yehla ngamandla imoto yamenezela esifubeni usamuel.  Wazama ukumnyusa ujeke unontozakhe kodwa akakwazi.  Waya ephelelwa ngokuphelelwa umntu.  Wamshiya apho wabaleka esiya kufuna uncedo, waza wathi akungalufumani wazama ukuyiphakamisa ngamandla enyama imoto, yamoyisa.  Waphawula ukuba uyaphela umntu, waqala wasihlaba esofelweyo.  Bafika abantu selephelile Usamuel.

Bayayithetha into abayithandayo ngomntu abantu belokishi, ngakumbi xa bengazalani naye.  Kwakungasekho mpilo ibikwayo kwagontsi ngaphandle kwesimanga sokufa konyana kasongo engayolelanga.  Wayisusa emva ekhaya umntu welokishi into yesiphelo sikasamuel.  Wayichaphazela eyomfo waserhini, neyokuthanda kwakhe imoto unontozakhe ngokungathi yinja yomlungu.  Wayibika neyokuthi sa kwakhe imicondo ngathi wadla inqina lehagu, xa indoda ihambile.
Kukwakho nentetho ethi ubokuqwalasela indoda yokuqala eze ngokukhuza xa umfazi eswelekelwe yindoda, kulapho iyakuvela khona inyaniso.  Wafika phofu yena umfo waserhini kwangaloo mini, wafika esisivili-wili esingqondo ingabambekiyo nephaphazela okwebhabhatane. Waphuma engena kweli gumbi lihleli abantu abaze kukhunga, besebezelana nonontozakhe.  Wangena kwiBarracuda yakhe waya kuthenga izinto zomphungo.  Yaphithizela indoda, yaphithizela kwakuko, isisinqini-nqini ngathi yinja emgidini.  Yayizixakekise oku kanye kwesikhukukazi sizama ukuzinza enesini.  Yathi iphethuka ezinzulwini zobusuku yaba, iswa umzila kuninzi lweentliziyo.  Kaloku esivuka mva kuthiwa sililifa lezagweba.
Phofu ngathi wayezibhudile kwintombi kantozini, kuba washiya walibala ukuba nesivuka tanci sihlangana nesagweba senkwenkwe ehlabaniselayo.  Wayesiya enyeke esezolo, wafika kwintokazi eyambetha eluphondweni watsho wadenga ngokwenkomo enenyongo.  Yamkhaba ngawo omane waya kuphoseka ewest Hill, eRhini apho wayeqhele khona izisulu.
Lithe lakuconjululwa ilifa ngokomyolelo kasamuel kwafumaniseka ukuba unontozakhe ushiywe nama-R3 000 akwi-Inshorensi.  Athi akuyiva amaninzi aqala atyabatyeka engazi ukuba uninzi seluvela lwaye lubetheke ngenyheke etyeni.  Waya kuzikhuphela umnyobo weValiant Barracuda ngokwakhe ebhayi, wabuya eyiqhuba.  Wenyuka esihla kwelo Bhofolo ngayo loo nzwakazi ilubhelu, inamanqashela amnyama emva kwamavili amhlophe.  Wayeyixabise, eyithanda, nangaphezulu kokuba yena ezithanda.  Wayithengela izibane zenkungu, nezipili ezisemacaleni.  Yathungelwa izigqumathelo zezihlalo ezenziwe ngeplastiki.
Wazula ngayo esithubeni unontozakhe, ebona amazwe angazange awabone ngaphambili, efincelela intlenge, emfimfitha amashiqa endebe yobomi, ezigqithileyo eziphosa kwelokulibala.  Wathi ekwatyebelekende apho iinkanuko- zomphefuinlo zingenakufikelela, waba ekwantliziyondise ekhatshwa ziinyawo eziyivaliant Barracuda'.  Zamkhapha zaya kumqabelisa kwiintaba zomkhomanzi, zamkhaphelela ethekwini apho wafika wathenga indlu enegaraji ecaleni.  Wayitshixela kuyo i'Valiant Barracuda' yakhe.



Ukuqina enyaleni
Wayengade afumane mtwana uyinkwenkwe kunojaji inkosikazi yakhe, kuphela wayesoloko elandelisa ngamantombazana' esazi futhi ukuba uyaphulukana namalungelo akhe obunkulu kumzi kamkhululi.  Kaloku umthetho wemvela-tanci usalawula kwantu, nangona ngoku amakhumsha selezama ukuwuphepha ngokwenza unyolelo obhaliweyo.  Wayeqonda ngokuphandle umadliwa ukuba usemdiphekweli kwa-owokuhlanjwa nguyise ngenxa yenkehlakalo yakhe kubaninawa bakhe.  Yacaca kakuhle kuye into yokuba apho athe wasilela khona ekufumaneni inkwenkwe kunojaji ziya kubhukuqelwa kubaninawa bakhe zonke yimfanelo zeyakhe indlu.  Bathi khona bakulandelisa ngamakhwenkwe washiywa zizo umfo omkhulu, watyhobeka oku kwehashe elineepapisi.  Wathi phezu kwenkohlakalo anayo ngendalo wangenwa kukumthiya
unojaji ngenxa yale meko.
Wayengazi nto yena umkhululi ngayo yonke le ngxaki ikuyo inkulu yakhe, kuba njengaye wonke umntu ongqondo ingenakumbi wayelindele nayiphi na into ayinikwayo.  Ayimsithelanga nakancinane phofu into yokuba inkosi le iphethwe yinto engqondweni.  Waqala ukuba namanakanibe mhla umadliwa wabuya edikeni, apho wayeye kukhuza ebukhweni bomnye wabaninawa bakhe.  Wafika ekhaya ngoms'obomvu efikela ebubeleni obukhulu, obamzalisa ngethemba elikhulu.  Wabikelwa ngokukhululeka 	kukanojaji	.  "Ngumntu mni?" wabuza unkabi kusachazwa.
"Utsho ngengqenge-ngqenge lentombi efana nonina." Waphendula unonesi ngovuyo.  Waxhuma umadliwa wema ngeenyawo, ebambelele entloko, oku kwentombi enesiphoso.
"Owu!  Nkosi yam!"
"Yintoni na ngoku nyana, kutheni?"
"Kowu ndiseza kuthenga ezi lokhwe nezi blawuzi?"
"Ubulindele unyana na wethu?"
"Hayi noko mama, bendilindele nantoni na endiyiphiwayo." Watsho urheme ezama ukuzibamba kodwa imeko imzimela.  "Bafondini, anqabile amakhwe-nkwe kweliya khaya."
"Hayi kaloku, Mvulane, usitsho nje nawe ukuthi ezi zinto siyazikhongozela sizikhongozwa, asizenzeli ngokwethu, uhlutshwa yintoni ngoku?"
"Bhelekazi akukho mzi apho kungekho mntwana uyindodana.  Ndiza kwenzani ngengqokelela yamantombazana?"
"lzinkomo nje ezo wethu?"
"Andinakuthembela kuloo nto, ndaye mna andifuni makhwenkwe aza kubangisana ngelifa angalaziyo apha kweli likabawo ikhaya."
Akaqondanga yena uMamBhele ukuba eyona ngxaki isekubandezeni ilifa yena ngokwakhe angalaziyo, namalungelo akude kuwo njengamadolo ezimpundwini, kweli khaya azidla ngalo phofu engalihlonelanga.  Wawudubekile umphefumlo wakhe lolu daba lwentombi entsha.  Ingqondo yakhe ejokwa yinkohlakalo yayiphala ezingqaqeni ezifikelelwa yintliziyo yakhe kuphela.  NguMkhululi yedwa owayeyirhanela into eqhubekayo, kuba yena wayemazi unyana wakhe, ezazi nezigqibo azenzileyo kweyakhe intliziyo ngaye.  Wayemthele nqa ejijitheka nje embina-mbineka kukuthanda amafa namawonga.
Waba ngathi uyamhleka uyise xa emthethisa, emyala ngokuziduba umphefumlo ngento eziinkwenkwezi kuye.  Wafika endlwini yakhe ethambe amadolo, umzimba uwile, sekunziin a nokuthetha.  Wazigibisela phezu komandlalo walala.  Walibala nokubuza ngempilo yomdlezana, wada wakhunjuzwa ngudadewabo, uvasiwe.  Wavula nje kwelo gumbi wayelele kulo unojaji, wabuza impilo emi emnyango.
"Kutheni na wethu akusaveli ubone eli gqenge-gqenge lentombi?"
"Ah! akukho nto ndiza kuyenza ngobugqengegqenge bayo."
"Kanti intle ke wethu, awungeze utsho ukhe wayibona.  Uhambe njani kodwa?"
"Hayi ndihambile nje akwabikho nto.  Ndisabuya ndiphila." Kwatsho into ekubonakala ukuba iyazirhola nokwenza ezi ndaba.  Wabandisa ngokokude uba-nde nawo umphefumlo kanojaji.  Intliziyo yomntu inqabile, ubunzulu bayo bungaphezulu nakobenzonzobila yolwandle, kuba amawa akuyo ayafikelelwa.  Yayimxelela unojaji ingqondo yakhe ukuba akukuhle, kodwa wazimisela ukuzicenga.
"Ubufuna inkwenkwe na wethu le nto usuke waphelelwa bubulele?"
"Wenziwa kukungaqondi wena ukuba ndiza kulahlekelwa ngamalungelo am usalibele kukulandelisa intombi emva kwenye nje."
Wadubuleka watsho umadliwa, igwele lengqumbo selifuna ukuphu-
"Hayi noko mama, bendilindele nantoni na endiyiphiwayo." Watsho urheme ezama ukuzibamba kodwa imeko imzimela.  "Bafondini, anqabile amakhwe-nkwe kweliya khaya."
"Hayi kaloku, Mvulane, usitsho nje nawe ukuthi ezi zinto siyazikhongozela sizikhongozwa, asizenze ngokwethu, uhlutshwa yintoni ngoku?"
"Bhelekazi akukho mzi apho kungekho mntwana uyindodana.  Ndiza kwenzani ngengqokelela yamantombazana?"
"lzinkomo nje ezo wethu?"
"Andinakuthembela kuloo nto, ndaye mna andifuni makhwenkwe aza kubangisana ngelifa angalaziyo apha kweli likabawo ikhaya."
Akaqondanga yena uMamBhele ukuba eyona ngxaki isekubandezeni ilifa yena ngokwakhe angalaziyo, namalungelo akude kuwo njengamadolo ezimpundwini, kweli khaya azidla ngalo phofu engalihlonelanga.  Wawudubekfie umphefumlo wakhe lolu daba lwentombi entsha.  Ingqondo yakhe ejokwa yinkohlakalo yayiphala ezingqaqeni ezifikelelwa yintliziyo yakhe kuphela.  NguMkhululi yedwa owayeyirhanela into eqhubekayo, kuba yena wayemazi unyana wakhe, ezazi nezigqibo azenzileyo kweyakhe intliziyo ngaye.  Wayemthele nqa ejijitheka nje embina-mbineka kukuthanda amafa namawonga.
Waba ngathi uyamhleka uyise xa emthethisa, emyala ngokuziduba umphefuinlo ngento eziirikwenkwezi kuye.  Wafika endlwini yakhe ethambe amadolo, umzimba uwile, sekunzima nokuthetha.  Wazigibisela phezu komandlalo walala.  Walibala nokubuza ngempilo yomdlezana, wada wakhunjuzwa ngudadewabo, uvasiwe.  Wavula nje kwelo gumbi wayelele kulo unojaji, wabuza impilo emi emnyango.
"Kutheni na wethu akusaveli ubone eli gqenge-gqenge lentombi?"
"Ah! akukho nto ndiza kuyenza ngobugqengegqenge bayo."
"Kanti intle ke wethu, awungeze utsho ukhe wayibona.  Uhambe njani kodwa?"
"Hayi ndihambile nje akwabikho nto.  Ndisabuya ndiphila." Kwatsho into ekubonakala ukuba iyazirhola nokwenza ezi ndaba.  Wabandisa ngokokude ubande nawo umphefumlo kanojaji.  Intliziyo yomntu inqabile, ubunzulu bayo bungaphezulu nakobenzonzobila yolwandle, kuba amawa akuyo ayafikelelwa.  Yayimxelela unojaji ingqondo yakhe ukuba akukuhle, kodwa wazimisela ukuzicenga.
"Ubufuna inkwenkwe na wethu le nto usuke waphelelwa bubulele?"
"Wenziwa kukungaqondi wena ukuba ndiza kulahlekelwa ngamalungelo am usalibele kukulandelisa intombi emva kwenye nje."
Wadubuleka watsho umadliwa, igwele lengqumbo selifuna ukuphu-phuma, esesithubeni sokuphulukwa yiyo akucinga imeko akuyo.  Nangona kwakunjalo wazama ukuzibamba kuba wayefuna ukumfihlela ingqondo yakhe neenjongo zakhe.  Yayingengomntu phofu yena ukuthandayo ukuxoxa nomfazi, kwaye enyanisweni kwakungekho nanto ixoxisayo kuloo mntu mtsha ngaphandle nje kokuba asuke yena azamazamane nomphefumlo wakhe.  Wayengenamphefumlo uzolileyo ngaphandle kwejelo lenkohlakalo elahphuphuma yingqumbo nomsindo osempumlweni.  Wema, wema, emnyango wathi khwitshi engakhange abhekise neliindaka emfazini. - Emva kweentsuku ephumile efukwini unojaji wabona ukuba makakhe ayicofe kwakhona inkosi yakwakhe aze kuva izimvo zayo malunga nesikhalazo sayo.
"Uyazoyikisela na Mvulana, kulo mzi wakowenu?"
"Ukuzoyikisela ngantoni na Nojaji?  Ndiyinkulu nje ndingazoyikisela
njani?"
"Ndithetha ngale nto usoloko ulilisela ngenkwenkwe ngokungathi akusayi kuwafumana amalungelo akho.
"Wenziwa bubufazi le nto uthetha kanjalo.  Akuyiboni wena le nto iphandl' apha."
"Kwenzeka ntoni na kanye Mvulane?  Kungokuba ingenakulungiswa loo nto yenzekayo?" Wabuza unojaji esesithokothokweni sobumnyama. Wayengenalo noluncinane ufifi ngobunzulu bale meko entliziyweni yomyeni wakhe.  Njengabo bonke abafazi abasoloko bezibeka ethembeni lokuba kuya kubuya kulunge ngomso, wacingela ukuba umadliwa usaphuca ngeengqanda zomdongwe, engayazi into yokuba sele ekumadlelo kalusifa, waye ubhinqe omfutshane, efunze enzulwini.  Wayengazi yena unojaji ukuba umadliwa uzibonele ngawakhe amehlo isicatshulwa somyalelo obhaliwayo welifa likamkhululi, apho kuthiwa, "Ukuba uthe omnye wabo akabi nayo inkulu ngomtshato osesikweni, amalungelo akhe ayakuwela kwabo baneenkulu." Wayengakwazi ukuzithelekelela umadliwa xa seleyimpula kalujaca, wnpha ochutywe walafflwa kuba yena engenankulu.  Kuba ngaphandle kweenkomo neegusha, neebhokhwe ezazilapha efameni kamkhululi, eyona nto yayimjuca umadliwa zizindlu eziqeshiswayo ezisemonti nasebhayi, awayezazi ukuba zinengeniso enkulu ngokwasemalini.
"Akukho nto ifuna ukulungiswa apha kulo mcimbi wokufumana nokungafumani kwam inkwenkwe.  Into endifaneleyo mna kukuba ndisuke ndiwancame onke amalungelo am kulo mzi kabawo."
"Ngathi noko ukuba besinokunyamezela besinokube siyifumane
inkwenkwe."
"Amaxesha wona ayahamba, nezinto zilungiswa ngamaxesha athile.
Ukuba andilwnkanga ndiyakuqabuka sele ndifumbethe isisila sodwa, liphaphile lemnka lona ihobe."
Kukho intetho ethi, 'Umvuzo mkhulu ekulindeni.' Uninzi lwabantu oluzifundise ukumda nokunyamezela luyayingqina inyaniso yale ntetho ebudaleni.  Kodwa abanye abantu basuka bafune ukuzilwa ngamandla enyama nawengqondo izinto zisakuba zingavumi ukulungelelana nokuyondelelana ngeloo xesha bazifuna ngalo, zisuke ke ngoku zibaxake zakupathalaka ngokwebhobhile yemali zintlimpizeke ngokwesonka samazimba.
Wayengalindayo omnye umntu, kodwa ingenguye umadliwa, kuba ufube lokulangazelela ubutyebi ngokusabela inkanuko engendawo ngokufuna ukurhwaphiza amafa angawabilelanga lwalumthimbe lwamphosa kuzwazwa lwezihange.  Wahlala yena umkhululio lindele nayiphi na into eyayinokwenzeka kwelo khaya lonyana wakhe omkhulu kuba wayesazi isineke sakhe sokujokwa yinkohlakalo.
Kwasa ngenye imini unojaji engavuki.  Kwanyanzeleka ukuba asiwe kwagqirha ngokukhawuleza.  Ugqirha wafumana ukuba isigulo sakhe sisukela ekubelekeni kwakhe.  Wanikwa amayeza wavunyelwa ukuba awaselele ekhaya.  Wabonakalisa inkuthalo nenkathalo umadliwa.  Yabolekwa nguye ikari yamahashi yokwusa kwagqirha, waza wacelelwa nguye imvume yokugulela ekhaya.  Abaninzi bathemba ukuba uguqukile umadliwa, kodwa yena umkhululi wayibona into yokuba udlalisa nje ngeengqondo zabo.  Walangazelela ukusibona isiphumo sale nguquleko.  Kanti naye umadhwa yayingamsithelanga into yokuba uyise uyamkrokrela, phofu enqophe ngelokuba ziyakushiyana ngotyefezo.  Waba soloko eyinkomo edla yodwa, kodwa kuqondakala ukuba usela kumanzi emithombo eyaziwa nguye kuphela.  Kuthi xa kuza isiphango liqale lifuqe, ubushushu bunganyamezeleki, kunqabe nempepho le ibethayo.  Wangenwa kukumthiya umadliwa umkakhe, phofu kucacile ukuba sekungenclele nezinye izinto.  Kaloku ingqondo yendoda ewilizelayo, iphale esithubeni okwenxala emaweni, lphuma kwinto engatshongo khona.
Wancokolelwa ngevasiwe ngenye imini ngentokazi yasekhobonqaba abe ehlangene nayo edolophini etuwa.  Le yayiyintombi kandibongo Sibefu, uinfana wodumo wasekhobonqaba owayesaziwa ngumkhululi.  Yayiyititshalakazi enama-R500 akwincwadi yaseposini ngabula Vasiwe.
Le ncoko yambangela amaphupha amaninzi ekubeni wayeye kulala evuza izincwe kakade.  Wamtsalela edolophini uvasiwe ngosuku olulandelayo, ngelishwa bafika ikhwele ngephezolo inzwakazi yamaphupha.  Wathi ngokuyidumbela intloko wawavala amehlo ngakunojaji, iqaba-
kazi lesilambi esasifuye iibhokhwe zodwa.  Yasebenza ngokomatshini wewotshi ingqondo yakhe, wafika ekhaya wawa edolweni, ethumela isipho esingama-R20 ngedilesi ayibhaqe edolophini.  Yaphendula ngoko intombi yasedolophini ibulela ngefoto yayo.  Wadlandlatheka akuyifumana le newadi kuba wayesolwe mpela bobu buso abubone kule foto.  Washiyiselwa kwaphela unojaji yinzwakazi yasekhobonqaba, wada nomadliwa wangenwa ngumnqweno wokumshenxisa phambi kwamehlo akhe, lakuzivelela ithuba.  Zishiya amehlo into zomhlaba, zaye zidibaniisa lula neminqweno engendawo.  Wangquleka kwakwezo ntsuku uNojaji sisinyalu sakhe esidala.  Wafika ugqirha wamxilonga, wamhlaba, wamnika amayeza, eyaleza ukuba aphumle iintsuku ezintathu.  Wazekw' emzekweni umadliwa, waphanga umdaka.  Wavalelana Nomagusha isicaka sakhe ixesha elide ngenye injika-langa.  Waqhuma apho umagusha enyathelela phezulu ngokwemfama yothuswe ngumfutho werhamba.  Wabuya ngorhatya olukhulu ehamba nogxibha lomfo osindwa ngamagxa.  Bafika indoda enkulu ihleli etafileni, iqondele phantsi, ibambelele ebunzi, ikude ngengqondo.
"Nantsi ke le ndoda bendithetha ngayo Mvulane."
"Ungumni lo mfo?" wabuza umadliwa ethinta isikhohlela esingekhoyo.
"NdinguMvandaba tat'uMvulane!"
"Mandinquphele, Mvandaba!  Ndinempukane eluhlaza apha endiphazamisayo.  Ke ndifuna isusiwe phambi kwam."
"Ndiyeva tat' umvulane!  Ke uthi mandithini?" wabuza umvandaba elaqaza ngaloo mehlo akhe anganamatheliyo.
"Unganakho ukuwuqabelisa loo mcimbi, njengoko ndithemba ukuba selekumfikelele umagusha?"
"Ewe Mvulane, licekwa kum elo.  Ke uthini?"
"Ufuna ntoni wena?  Thetha mfondini, thetha!
"linkomo ezintlanu Mvulane."
"Kulungile ndiza kukunika ama-R60 ndibe ndiyakubulela ngale ingaphezulu inkomo."
"Zenziwe izigqibo, ala amadoda izinzulwini zobusuku.  Azintyintya kanobomi ngawomhlontlo.  Zithe zisandula ukukhala iinkuku zokuqala uvasiwe wothuswa sisikhalo esikrakra, esalandelwa zizingqi ezijikela emva kwendlu yakhe.  Kwasa kusasa kubikwa ezokusweleka kukanojaji.  Ugqirha walikhupha iphepha lemvume yomngcwabo ngelithi ukufa kubangelwe zizizathu zendalo.  Ngosuku lwesibini wangcwatywa unojaji kufuphi nomzi wakhe.
Isithonga sokuwa kwayo le nzwakazi sawothusa umzi kuba sathi
sisithi gogololo kwabe kuvuka umlilo oku kanye kwezulu xa lidlala emzini.  Kungeentsuku zatywala efihliwe unojaji agaleleka awakwantsasana wona angabizwa kabini angasabeli.  Atsho kwabomvu endlwini yendoda ngephanyazo.  Kaloku zithi zakungena ezi nkosi kube mdaka indawo zokuhlala, nokuba nje zize kubuza indlela.  Ngeliphandle azamkeleki, kuba ungafika indoda isisantanta, ikhwexa ibhulukhwe nokuba inxibe amakresibhanti.  Kodwa zisuka zingathi zithunyelwa phezulu xa zifika indoda isengxakini enengozi phakathi.  Bunjalo bona ubulungisa ukunyenjwa nokungaxatyiswa xa umntu esalungelwe, kodwa abuye kwayena abuphutha-phuthe nalapho bungekhoyo esakubalelelwa ilanga.
Wafika usajini wafaka intlaninge yemibuzo kumadliwa ngezinto ezenzeka phambi kokuba asweleke unojaji, kude kuye ekuswelekeni kwakhe.  Yapecululwa kakuhle imvume kagqirha yokungcwaba umfikazi.  Ahlolisiswa kakuhle amayeza neepilisi awayezisebenzisa.  Akhonjiswa nendawo alele kuyo unojali emva kokuba exelelwe igumbi abegulela kulo.  Agqitha kumagusha emshiya umadliwa edengile, engazi nokuba liphuma libuye litshone ngaphi na.  Eyona nto amfikela kakubi engakhange athelekelele nokuthelekelela ukuba angamndwendwela.  Wayesacinga ngenzwakazi yakhe, ecwangcisa nezinto aza kuzenza ngokusingisele ekuyisondezeni ekhaya.  Kaloku elokufa alityeli kumntu wonke.  Eyona nto eyagungquzayo ngoku engqondweni yakhe yeyokuba luvele ngaphi na olu thuli lugubungeleyo elibala ukuba igazi lomntu linomkhoka.
Ayiflkela indoda enkulu Xasema ocweni isingethe 	isikotile somvubo.  Yathi ngokothuka yathinta ibhekile yamasi eyayisecaleni layo.  Ngokuzama ukuphakama yatyibilika emasini yaya kuthi thaca phantsi ngeempundu phezu kweso sikotile, Yakhasa ngamadolo yayakuvuswa emnyango ngusajirii ngempama eshushu, zaqhwitha izibane emehlweni.  Uyithe chu ngehempe apha entanyeni ezama ukuyincedisa ukuba ime nkqo, yaza yathi yakuqingqa wayidlikidla kanobomi.  Uthe eyifaka imibuzo yaya iphuma ngemva nangaphambili impendulo.  Yayingasangcangcaseleli obu bomi, ingwatyu isenza eyayo into ngokuvuza.  Yathi igqiba ukuthetha wayigibisela iintsimbi mntwan' omlungu, eyicela ukuba ikhokele ihashi.  Baya kugqitha kumadliwa beyindlela esinga emapoliseni.  Latshona elaloo mini kubikwa ezibuhlungu zokubanjwa kwenkulu kamkhululi, kwasa ngengomso sekusaziwa ukuba amapolisa azingela eyesithathu engaziwayo, ayixelelwe ngumagusha.  Akazange amangaliswe umkhululi lolu daba, kuba njengomntwana wakhe uMadliwa wayewazi amandla akhe kwezenkohlakalo izinto.
Kuthiwa azdah ndleleni kodwa azilindeli nambethe kwawakwantsasana amakhwenkwe, kuba avuka nazo ngokwezinja emvundleni, zingekawi nokuwa, asale elala odwa amazolo.  Zishiywa ngamehlo apho ziwuchole khona umkhondo wetyala legazi, ngaphandle kokuba ugqunyelelwe bubukiringwane.
Afika emalanga kwangaloo mini eqhuba igqiza lamabanjwa, axwaye iipeki nemihlakulo.  Alile xa agqibayo ukuligrumba ingcwaba, wafika ugqirha ustanford Joubert.  Yaba ngumbono ombi into yokuvunjululwa kwesidumbu sentombi kanzondo.  Wasiqhaqha ugqirha phambi kosajini, waza warhola ingacu ende emiliselwe phantsi kwebele yayakuma ngentliziyo.  Ingaphelanga iveki adibanisa nomvandaba phesheya kwexisi, eqhuba amathokazi amathutha angazange abe namkhondo akulandwa.
Kuvavanyo olulungiselelayo enze isicelo sokuba limiselwe olunye usuku ityala, amagqwetha akwastrachan nostrachan eqonce, aza amkhupela ngaphandle ngebheyile umadliwa.
Akazanga alibazise nakancinane umfo omkhulu, wasebenzele ukuyigqumelela yonke le nto ngalo mzuzwana angaphandle kwentolongo.  Waqala ngokudlisa udade wabo uluchwe, emcela futhi ukuba angabi sathetha nto ngento awayeyive ngoba busuku wasweleka unojaji.  Wagqithela kumagqwetha akwastrachan, wabuya ngokuqweqwedisa isihlanu sonke seenkabi ngobusuku, ezisa apho kungaziwayo.
Phofu akukho nto ingenasiphelo apha emhlabeni.  Nokuba sinjani na siyafika sona itsho iphele incoko.  Wafika nomfihla wetyala apho uMadliwa Mkhululi wayebekwa ityala lokubulala inkosikazi yakhe, unombefu Mkhululi ngolunya.  Yayizele inkundla yamatyala imi ngeembambo.  Enika obakho ubungqina ugqirha Joubert wabuzisiswa ngumantyi.  "Uthi isidumbu sasikuyiphi imeko yokuvunda ukusiqhaqha kwakho?"

"Njengoko iintsuku zazisixhenxe, Mhle, umfikazi engcwatyiwe, sasesithanda ukudubhuka isidumbu somzimba wakhe."

"Xa kunjalo ke ungayiqinisekisa na le nkundla ukuba ingacu leyo yafakwa engekafi umfikazi?"
"Mhle!  Into efakwe emzimbeni womntu osel' efile inomahluko ogqibeleleyo kunento efakwe emzimbeni womntu osaphilayo."
"Tyebisela inkundla!
"Kube kukho ukhoko olumnyanla lwegazi olujikeleze ingacu le, kwaza phaya, apho iyichane khona intliziyo kwakho ihlwili legazi."
"Uthetha ukuba ingacu efakwe emzimbeni womntu ofileyo ayinakuba nazo ezi zazinge zegazi?"

"Nalapho kuxhomekekile, Mhle, ukuba ifakwa kuliphi na ithuba lokufa komntu kuba ethabatha ithuba erhoxoza."
"Ungayiqinisekisana le nkundla ukuba ngokwezakho iimbono ingacu le ifakwe emzimbeni walo mfazi engekafi, yaza ke ngoko yangunobangela wokufa kwakhe."
"Imisipha yentliziyo yomntu ophilileyo, Mhle, iinyela ibuye iyekelele. Nakuloo meko yokudubhuka komzimba nokubola kwentliziyo yomfikazi, imisipha yentliziyo ibonakalise ukuba ichanwe ngexesha ebisafinyele.  Ngako oko ihlatywe ibisabetha kakuhle, Mhle!  "
"Enkosi, Gqirha Joubert, enkosi kakhulu," itshilo imantyi incumile ikhulula izipetekile zayo emehlweni, imjongisisa ngawenyama, imthoba emkhumbini ugqirha wodumo wasetuwa.
Wayezama ukuzikhusela umvandaba ngelithi yena wayebizelwe ukuza kufunqula umntu owayesele efile.  Kwakusenokwenzeka ukuba wawa phezu kwayo ingacu leyo njengoko wayekhe waphuncuka bemphethe.
"Yayinokumhlaba njani ingacu elele phantsi?" wabuzisisa umnumzana ustrachen, kumvandaba.
"Yayinokumhlaba ukuba yayijonge phezulu."
"Phofu uyayazi yona le ngacu?"
"Mna?"
"Ewe, wena!  Uthi ndibuza kubani?" Wabambelela emkhumbini
wmvandaba ejonge phantsi.
"Hayi andiyazi!  "
"Ndingaba ndiyaphazama xa ndisithi yeyakho?"
"Mhlawumbi!"
"Unayo phofu wena ingacu?"
Waginya ingwiqi umvatldaba ejonge phantsi.  Wawaphakamisa amehlo akhe wawaphosa kumtshutshisi, wafika emthe ntsho.
"Mna! 0! Hayi!  Ewe ndandinayo!
"Ndibambe liphi ke ngoku?"
"Ndandinayo phambi kokuba ndibanjwe."
"Ngoku akunayo?"
"Andazi!
"Kanene ngokwesiko lesixhosa ingacu le ifakwa kwisingxobo esilingene yona?"
"Yona! 0! Ewe!"
"Ngaba sesikabani esi singxobo?" Waphakamisa isingxobo esenziwe ngoluthi umnumzana Strachan.  Wasithi jezu ngeliso umvandaba waphelelwa ziinyani.
"Hayi andisazi." Lalitshone loxe ilizwi.
"Silinganise mtshutshisi!  Silinganise sibonwe!  " Yatsho into kastrachan ikhwexa loo magxa ayo abanzi, iwaphakamisa itshonise intamo ngokungathi iyaqhayisa.
Kwangoko umvandaba wakhumbula isingxobo sengacu yakhe esasijinga kwingxowa yakhe yebhokhwe awayikhululiswa ngamapolisa ngaphandle kwesimfihlo mhla wabanjwa.  Wayifaka usajini Strombergingacu oyayiphezu kwetafile kwisingxobo awayesinikezelwa ligqwetha wafika silingana twatse.
"Kulungile Mhle." Watsho umfo kastrachan evova kumantyi ebonakalisa imbeko.  Kwalandela ingwevu yasemaqocweni eyaduda ikhwela nje emkhumbini, yangathi idliwa zizibawu.  Yayivonywa-vonywa ngemibuzo emininzi ngumtshutshisi.  Yabuphikisa bonke ubungqina eyayibunikile.  Yatshela nje kwinto yokuba yayicelwe ngumadliwa ukuba ibulale umkakhe kuba engamzeleli makhwerikwe, yaza yona ngenxa yephaphu yacela umvandaba.
"Kanene asinguwe othe umadliwa wayemcinezele entanyeni umfikazi xa umvandaba wayenyanzela ingacu?" Wabuza umtshutshisi.
"Hayi andisakhumbuli ngoku."
"Uxelelwe ndim kanene ukuba umfikazi wabotshwa iinyawo nezandla nguwe?"
"Hayi andiyazi loo nto.  Zazibotshiwe na kanene?"
"Nanithunyiwe nokuba naningathunywanga ukuba nibulale umfikazi?"
"Andisakhumbuli kakuhle, kodwa ngathi sasithunyiwe."
"Wabizwa ngubani-uMvandaba?"
"Hayi ke yena wayezizele ngokwakhe engabizwanga."
"Uqinisekile?" Wabuza umtshutshisi.
"Hayi yona leyo indawo ndiqinisekile ngayo.  Qhu, ukuba andingetshi!" Yatsho inkab' amalanga iduda ilenca iminwe iyijongisa phezulu, iziqinisekisa...... "Wayezizele ngokwakhe la mfo Iowa engabizwanga.  Ndifung' unomenti!  "
Wacetyiswa futhi ngumantyi ukuba alumkele ityala lokuxoka efungile.  Akazange aphula-phule kuba kuphela kweyona ndlela awayeqhele ukusinda ngayo leyo, sathi kuba siyayoyisa ingqondo akabi saqonda namhla asemaplangeni.  Kaloku emaplangeni akukho kuthingaza, nakungathiza, nakuthandabuza, nakunditha, njengasebuhlanti okanye enkundleni kwasibonda.  Kufuneka indoda imise ingqondo ingathembeli kwicebo lefaskoti, kuba ezasemaplangeni iimpuku zinqunqa nokuba sekusithiwa alaziwa mbiza.  Akulungiselelwa ndoda ngenxa yeentlanti zayo ezininzi.  Yaqabela kodwa inkulu kamkhululi lakufika elayo.
Kwaphakama into engathi ligosa elikhulu lecawa licwanye epulpithini.  Yaphatha kusiphulula isitulo seentaka, yaphatha kusidlikidla, ilaqaza, ibhedla, ikhwexa amagxa, ivova isithini.  Waqonda nje nomantyi ukuba kukhwele omnye umphefumlo ngoku, umqweqwe womgulukudu ongazi mahluko phakathi kwawo nenye indoda.  Wayengakhathali umadliwa kuba wayeselewutyenenezisile owakhe umendo kuvasiwe, wagqibela ngokuwugudisa kustrachan ngeziya nkomo zathukuza ngobusuku.  Wayengabethelwa kuba esazi ukuba elona cebo lasemaplangeni kukuphakamisa imisebe nokutyibilikisa ulwimi nokuphalisa ingqondo.  Wayesazi futhi ukuba akulungiselelwa ndoda apha kungekho namqawa ziyakususelwa yona emlonyeni xa ithetha.
Yayibuzisiswa ligqwetha layo umfo kastrachan, apho yazibalula
ngobuciko, nobunono, nangembeko.
"Lo.Mhle, ngumnumzana umadliwa Mkhululi." Lahambisa latsho igqwetha.
"Indoda efundisiweyo kuba yaphumelela amabanga athile emfundweni emgwali kangubengcuka.  Ngumfama opheleleyo walapha etuwa, nendoda eyaziwayo ngezorhwebo nezolimo.  Linene elichubekileyo ngembeko, nangesimilo.  Yinkulu kumzi kayise, waye unomthwalo wokulungiselela usapho olukhulu.  Kungaphezulu kwengqiqo yomntu ukuba ezi zityholo zibekwayo kuye ngala mangqina mabini zingamchaphazela.  Kambe ke, Mhle, ukwanclisa inkundla yakho, ndiza kukhe ndimbuzisise.  Bangaphi abantwana bakho kumfikazi Mnwnzana Mkhululi?"
"Bathathu."
"Mangaphi amakhwenkwe?"
"Ziintombi zodwa."
"Ngaba kukho isizathu sokucingela ukuba ubunganawo umngweno wokufumana umntwana oyinkwenkwe kumfikazi?"
"Njengamntu wonke ozele iintombi zodwa bendinawo umnqweno onjalo, kodwa kungekho sizathu obesingabangela ukuba ndityhudise xa imeko isala."
"Kanene uyamazi umvandaba?"
"Ndimazi nje ngokumbona."
"Ungayiqinisekisa le nkundla ukuba lo mfo ubungamazi ngaphambili."

"Ndandingazanga ndimbone nasemdudweni ngaphambi kokuba afike phaya emzini wam."
"Ngubani owayembizele emzini wakho?" Yaphazamisa imntyi.
"Mhle, mna ndathuma kumagusha njengesicaka sam, ukuba azekundincedisa aphakamise umfikazi ambuyisele emandlalweni wakhe njengoko wayeqengqelekile.  Wafika ebusuku njalo umagusha ehamba neli xurha." Utshilo umadliwa eyikhomba ngosithupha.
"Wayesaphila umfikazi ngelo xesha?"
"Wayesaphila Mhle kuba ndamva encwina kabuhlungu xa bemphakamisayo."
Wayiqinisekisa inkundla umadliwa ukuba wamgqibela ukumbona ephila umfikazi phambi kokuba amfunqule la madoda, njengoko naye ngokwakhe wayecinezelwe yicesina.
"Wawusithi ke wena ubulewe yintoni umngcwaba nje?" Labuza
igqwetha.
"Njengoko wayehlaselwe sisinyalu sakhe esidala esaziwa ndim nangugqirha ndathelekelela ukuba usutywe kukufa elele."
Yawashiya nentoshela into enkulu kamkhululi amadoda aphesheya kwexesi, Wasala ewagweba kalukhuni umantyi.  Yahamba izithetha, izigwagwisa, ingazi ukuba uyaqhosha nawo lakuba likhulu.
Ukuba kukho indoda eyayikwazi ukuqina enyaleni kuxelwa umadliwa. Akazange aphozise maseko emva kokukhululeka kwakhe kolo dushe, kuba wayengaboni kwanto enokuzilelwa kunojaji njengoko naye wayesazi isizeka bani sokutshaba kwakhe.  Njengomntu owayesazi ukuba lakucandeka iselwa nomcephe uyavela, wafunza egageni ngoko nangoko, kwintokazi yasekhobonqaba.  Wafika selede aqokola lilanga.  Yamsola kakhulu le nzwakazi bakudibana, ntonje into eyaba sisikhwasilima sisifombo angazange asiqaphele kakuhle efotweni apho.  Kambe ke ayikho engenasiphaku, ingekho phofu nengenalo uphawu.  Wazibula ngenkwenkwe umfo kamkhululi kunowayini.  Imincili eyayilapho ingathelekelelwa kuphela ngumntu owakha wafikelwa ngunyana wakhe owayetshiphe iminyaka elishumi emlungwini.  Wakhula eyinceke kuyise uzingisile, Yena unina unowayini wayeyingqayi yomdongwe kumadliwa. Yayingendanga intombi kasibefu yayithe gcobho,ikhelelwa namanzi la embala.  Yapholelwa ngamalanga wada wavukwa likakade lakhe umadliwa ngenye imini.  Lithi mhla lagqutha sibhenqeke isisila senkuku.  Wakhunjuzwa ngelo gogogo lakhe lisemqolo, waxelelwa ngemfundo yakhe ephantsi yebanga lesithathu.  Wavuselelwa ngobuyatha nangobuhlwempu bukayise, ogcine iibhokhwe zodwa kwiiakile ezilishumi azibiza ngokuba ziyifama.  Wayivelela umadliwa nento yama-R500 awayethe kuvasiwe aseposini kanti uxela ii-R5.  Wamphuma umadliwa, wada naye walamnkela icebo lomntu wasetuwa, lokuba akhumbule esezolo, alumkele engekehli, ahle asabe umsindo ozayo lingekahlanganisi izulu.  Wakhula uzingisde eyiloo njubaqa, ephethwe ngamazinyo nguyise,engenalwazi ngokuthitywa ziziluleko zomzalikazi.  Wayeyinceke eyazana nolwantunge kuphela, kuba wayefana nomntu ohlala etuwa kangangokuzixabisa kwakhe iinyembezi zenkosazana.
Wathi kodwa nihla wabhaqa uphawu lukamagusha kumatakane akowabo, yavusa umnyele into yasemaqoweni, kwatsho kwavuka uhlanga lwasemaplangeni, mhla uyise wamshiya noboya bentaka esandleni.  Njengerhamba lona lisabambe umyalelo wasemyezweni waligxumuka igozongo lebhozo esiphangeni umagusha, waqengq' ugodo.  Wothuka waphola umkhululi akuluva olu daba eshiya umyolelo obhaliweyo ungqengqe kwiofisi kastrachan ehamboko.

done
Namhla zigagene

Kuyinto eqhelekileyo ukuthi ngokuhlwa kwangecawa kuhlaliwe emilileni kuphicothwa iziganeko zaloo mini, eyona nto imandla phantse kuyo yonke imizi yamakholwa yintshumayelo yakusasa ecaweni.  Iqalwa kwakwisilesesho sebhayibile, ithi isiya kwitekisi yomshumayeli ibe seyichukushwe, yaphicothwa, yapecululwa yada yahanjiswa ze.
"Awu bafondini uyashumayela umntwan'omntu phantsi ikhwele."
"Uxela bani Tshonyana?  Uxela umfundisi ulotha?  Hayi lowo kwekwe wazibetha iintonga umntu esemnye ehlabathini." Utshilo umntakwenda ebuyisela isikhuni esibe sikreqile emlilweni.
"Hayi bo!  Andizanga ndiyive into enje ebomini oko ndazalwa.  Umvile kodwa xa athi, 'isikhuni sibuya nomkhwezeli.  Ukuba udala ingxabano apha elalini, qiniseka iyakubuya nawe ngenye imini'.  Utsho lo mfo mfondini edwanguza ngala ngubo yakhe imnyama, imtsho afane nengilosi."
"Phi na mntakwenda!" uphendule utshonyana ehlunguzelisa intloko.  "Phina kodwa mfondini ebuye wayigalela amanzi ngokwakhe nje.  Umvile ezazisweni xa ebesithi 'ungade ufunde ukrwece iinkwenkwezi ukuba ihambo yakho ayintlanga elalini apha uyakuyibeka apha!  Yatsho indlu yonke yaguquka yakhangela kutitshala omkhulu."
"Awu, ewe kaloku nje kuthiwa azitshotshelawo ezo zombini iinkunzi.  Kunjalo nje iyaya kwayiwayo le inyewe yabo."
"Nkqo!  Nkqo!  Nkqo!  Nanku umntu ebuz' indlela!" lahlokoma ilizwi elingaqhelekanga ebaleni phambi komzi katitshala ulusizi.  Kwakusekuvakala nokubetha kwenqina lehashe emhlabeni kucaca ngokuphandle ukuba lo ukhwele.  Wayehleli phezu komandlalo wakhe utitshala kufuphi nembawula yomlilo, unina ehleli elukhukhweni, kuphicothwa, kucubungulwa ezaloo mini.  Kwakumaxa inkosikazi yakhe, intombi yasemaqwathini ilungisa isidlo sangokufilwa iqhula isithi, "Inene siyakubuya nawe isikhuni esi usikhwezela nje."
"Kulungile! Waphendula utitshala ephakama esiya emnyango, ehleka.
 Singabuya nje ngomoya waso
"A! Lucy uthi ndingumntwana ukuba siyathanda!

Emabhofolweni!" yatsho le ndoda iphezulu eha"Ndifuna indlela eya

shini, "Ndithintelwe ziingcingo?"
Waphuma utitshala sewungxange kade umphampalaia wenkabi yehashe into ethe ncothu kuhle, kubonakala ukuba ikolu didi lweengcungela ekubalekeni.  Yayitatsalaza ingqunga, ingqungqa, ikapa, isolula intamo isilwa nomkhala.  Indoda enkulu yona yayichophe kuhle esalini, iwusongile umkhala iintambo izibeke esifubeni kucaca nje mhlophe ukuba ixakekile njengoko kwakubanda ngoloo rhatya.  Yayibhijele isikhafu ebusweni yade yagquma neendlebe.  Usondele kufuphi utitshala eyikhombisa, ezama ukucacisa, kuba kwakuse kumnyama The ngumzuzwana nje wahlatywa umkhosi.
"Iyho!  Wandosela nkosi!  " Lo gama athi folokohlo phantsi ebaleni utitshala yatsho ngomtsi oluhlaza inkabi yehashe, yaliphethula itshoba ukusinga kweloo cala ibivela ngakulo, ingekuko emabhofolweni.  Baphuma phandle abafazi basihlaba esofelweyo.  Wasatyelwa macalana onke lowo mkhosi kuloo lali yasefeni.  Ngexesha elifutshane kwakuzele phambi kwendlu katitshala, ingabamelwana nabantwana, nabantu abavela kwimizi ethe qelelele, besuswa sesi sikhalo sikrakra.  Kwabonakala ukuba inxenye yabo ayisenakho ukubuyela emakhaya, yalalisa ngoko kumzi wento kalusizi enkulu.  Ummelwane wayo wothukela ngaphakathi njengendoda, wathi kanti uqubule inkabi yakhe yehashe, wayibhunxa, waya kugaleleka emapoliseni ngomzuzwana.  Usajini uthumele amapolisa amabini ngeveni ukuya kundulula uphando.  Sifike eso sithatha kusanyakazela ebaleni.
"Ube nxibe ntoni lo mfo kwedini?"
"Andazi tat' upolisa, ibingutata yedwa umntu obephumile."
"Akukhange uve nokuba, ubesithi uyaphi na lo mfo?"
"Sive thina nje esithi uya emabhofolweni."
"Uthe gqi ngaphi xa uthelekelela wena?" Liphindile lazingisa ipolisa
phofu nalo liphawula ukuba lisenga emithiyo, kuba yayingasoyiki le nkewu itshotshobala.
"Tat' upolisa, tat' upolisa, ndimbonile mna umntu odyarhe ihashe waya kutshonela ezantsi efeni esikolweni." Yavakala ilamla enye ngokungathi iyayibona le ngxaki.
"Heke!  Mfo wam!  Belinjani umbala walo?"
Hayi ke tat' upolisa andiwuqondanga umbala kuba besekuqalile ukuba mdaka ukudlula kwakhe kum."
"Kulungile!" Waphendula utitshala ephakama esiya emnyango, ehleka.
"A! Lucy uthi ndingumntwana na?  Singabuya nje ngomoya waso
ukuba siyathanda!  "
"Ndifuna indlela eya emabhofolweni!" yatsho le ndoda iphezulu eha-
shini, "Ndithintelwe ziingcingo?"
Waphuma utitshala sewungxange kade umphampalala wenkabi yehashe into ethe ncothu kuhle, kubonakala ukuba ikolu didi lweengcungela ekubalekeni.  Yayitatsalaza ingqunga, ingqungqa, ikapa, isolula intamo isilwa nomkhala. lndoda enkulu yona yayichophe kuhle esalini, iwusongile umkhala iintambo izibeke esifubeni kucaca nje mhlophe ukuba ixakekile njengoko kwakubanda ngoloo rhatya.  Yayibhijele isikhafu ebusweni yade yagquma neendlebe.  Usondele kufuphi utitshala eyikhombisa, ezama ukucacisa, kuba kwakuse kumnyama The ngurnzuzwana nje wahlatywa umkhosi.
"lyho!  Wandosela nkosi!" Lo gama athi folokohlo phantsi ebaleni utitshala yatsho ngomtsi oluhlaza inkabi yehashe, yaliphethula itshoba ukusinga kweloo cala ibivela ngakulo, ingekuko emabhofolweni.  Baphuma phandle abafazi basihlaba esofelweyo.  Wasatyelwa macalana onke lowo mkhosi kuloo lali yasefeni.  Ngexesha elifutshane kwakuzele phambi kwendlu katitshala, ingabamelwana nabantwana, nabantu abavela kwimizi ethe qelelele, besuswa sesi sikhalo sikrakra.  Kwabonakala ukuba inxenye yabo ayisenakho ukubuyela emakhaya, yalalisa ngoko kumzi wento kalusizi enkulu.  Ummelwane wayo wothukela ngaphakathi njengendoda, wathi kanti uqubule inkabi yakhe yehashe, wayibhunxa, waya kugaleleka `emapoliseni` ngomzuzwana. Usajini uthumele amapolisa amabini ngeveni ukuya kundulula uphando.  Sifike eso sithatha kusanyakazela ebaleni.
"Ube nxibe ntoni lo mfo kwedini?"
"Andazi tat' upolisa, ibingutata yedwa umntu obephumile."
"Akukhange uve nokuba, ubesithi uyaphi na lo mfo?"
"Sive thina nje esithi uya emabhofolweni."
"Uthe gqi ngaphi xa uthelekelela wena?" Liphindile lazingisa ipolisa phofu nalo liphawula ukuba lisenga emithiyo, kuba yayingasoyiki le nkewu itshotshobala.
"Tat' upolisa, tat' upolisa, ndimbonile mna umntu odyarhe ihashe waya kutshoncla ezantsi efeni esikolweni." Yavakala ilamla enye ngokungathi iyayibona le ngxaki.
"Heke!  Mfo wam!  Belinjani umbala walo?"
Hayi ke tat' upolisa andiwuqondanga umbala kuba besekuqalile ukuba mdaka ukudlula kwakhe kum."


"Besingakanani isithomo salo ihashe elo?"
"Awu! tat' upolisa ubungekhe wasiqonda nawe kuba belilele natya endleleni, eliqhalile umfo, naye seledewalala phezu kwentamo yalo." lphendule inkewu seyidlisela nakwamanye ilinganisa ukuqhalwa kwenkabi yehashe.
Kuthiwa alitshoni lingenazo iindaba, kodwa olu daba oluhle selitshonile ilanga layishiya ithambekile imeko yabemi basefeni.  Kuba umfo kalusizi wayeyinto yonke kubantu baloo lali.
"Awu!  Mfondini Tshonyana, andikholwa ukuba buya kuhla kum ubuthongo ngenxa yala mbono wakwalusizi."
"Mnfakwenda!  Mntakwenda!  Idlule kakubi laa ndoda. imela itshone kuwe esifubeni ide iphelele."
"Usathi imela wena, ungathi isinkempe!  " utshilo umntakwenda eqokelela izikhuni ezisondeza emlilweni kuba beseziwubalekilo lo gama bebewilizela ebaleni kwalusizi.
"Bafondini iphelile ke namhlanje kule lali impuko. lphelile ke namhlanje inkqubela, kuba andiboni titshala iyakuze ifike kule ngokuxhoma umgangatho.
"Musa ukufeketha Tshonyana mfondinil Usathetha ngempucuko nenkqubela wena.  Uthini ngabantwana aba bethu bebefundiswa beqeqeshwa ngendlela ephucukileyo?"
"Khawutsho mfondini, singaba sithi thu kuwuphi ummango esi sihelegu?" ubuzile utshonyana amehio ewathe ntsho emlilweni.
"Ingaba ingenzeka le nto ndiyicingayo?"
"Hayi Tshonyana, asingebhuli sisela mfo kabawo.  Inyaniso yona iyakuzihluza.  Kodwa lo umntu wenze le into usibulele isizwe samabhele!
Kwakusasa ngemini elandelayo yaphinda yagaleleka inqwelo yamapolisa, elandelwa ngasemva yimothwana encinane ekubonakala mhlophe ukuba yona ithwele abacuphi.  Yathi ishna nje ebaleni kwataka macalana onke iingxjlimbela zabafo, izinto zona ekwacaca nje mhlophe ukuba azizelanga mntu, zingezanga kucenga mntu futhi.  Aphuma amapolisa esinga endlwini ekhokelwe ngusajini.
"Mayibonane okomzuzwana!  " utshilo usajini wabacuphi ewuqokelelela ebaleni umkhosi wakhe.  Zathi qu nje ezo ndedeba, zithe xhonkxosholo zidibanise iintloko, zibhunga engaziwa mntu nengenakuviwa bani, zabuya zathi saa ebaleni.  Athe ephuma phandle amapolisa zaye sezibuye zadibanisa iintloko zibonisana ngento engaziwayo.  "Sicacile sajini esi sipolo ukuba sisandula ukuphuma ehashini, khangela izikhonkwana ezi ukuba ziyakhazimla."
Utshilo umcuphi esixilonga kanye isiporo eso.

"Nantsi le nto indixakayo madoda kuso apha, ngumhlwa lo usemacaleni.  Siba nawo umhlwa isipore esisenqineni lehashe?"
"Utheni na usajini bafondini?  Uxakwa yintoni kule nto?" uphendule omnye esithabathela kuye.  "Jonga!  Jonga! sajini!  Ukugoba kwesi sikhonkwane kuxela ukuba eli hashe belijika ngamandla nangenkani yonikhweli walo!  "
Abuye athi saa amabhaku akomkhulu ngokungathi akathandi ukuphikisana nomntu omkhulu.  Ngumbono omhle nothandekayo ukubukela abaphandi betyala bakarhulumente xa beqalisa uphando.  Inyameko, umonde nenzondelelo elapho yenika ithemba nokuba sekumnyama entla.
"Hayi yho!  " lavakala lisitsho elinye ityendyana elibe likude kufuphi negoqo elisebaleni, lichola into phantsi.  Baphethuka kwangoko abanye bonda ngalo.  Basifaka eso sikhonkwane sangena gingci kweso sikhewu sisesiporweni.
"Kugqityiwe!  Aphelile amahlathi!  " Watsho usajini wabacuphi ubuso buzele luncumo.
Eyayisenzeka endlwini yayingenakwaziwa mntu.  Kwabonwa nje kubizwa ummelwane engeniswa ngaphakathi.  Waphuma usajini warnapolisa wadlana iindlebe nosajini wabacuphi.  Zithe chu kuhle ezo ndedeba, zifake izandla ezipokothwerii, ziwamilisele emhlabeni amehlo, zithethela phantsi, zingcachela kude neendlebe zabantu, ngokungathi zilumkele ukuba kungawi nesuntswana.  Ngesiquphe esimangalisayo ziphethuke ngokwamajoni ethamba, zeza zingxamile ezimotweni zazo, zakhweba abantu bazo, zaqhumisa uthuli zingakhanga zibhekise nelimdaka nakubani.  Zathi zakufika esiphambukeni, zathabatha indlela esinga emishini kwamfundisi ulotha, zombini ezo motho ngokulandelelana kwazo.

"Hi!  Aw!  Madoda!  Yeny' imini le!  " utshilo utshonyana ephuma endlwini sekumzuzu emkile amapolisa.
"Zibheke ngaphi ngoku eza nqwelo?"
Ayiqala phantsi amadoda ingcombolo yokufika kwamapolisa, ayendlala, ayeneka, evelisa ezawo iimbono, esenza ezawo izigqibo.
"Kodwa hayi ngathi kum ahlangene nenyoka iphunga umhluzi namhlanje.  Andiyiboni indlela angamfumana ngayo umntu ogwinte omnye ngobusuku eyedwa." Uvakele esitsho ummelwane wakwalusizi, into kabhede emanzothweni.  Wayenyanisile yena unzothwa ngeli lakhe kodwa awakwantsasana awathengwa nangesenti, kunjalo nje engathunywa kabini engafikanga.  Zangena ezo nqwelo zalandelelana kwamfundisi ulotha, zamfikela kakubi umntu wenkosi esafumana isixhaso sakhe sakusasa.
"Hayi bo!  Umfundisi usetafileni, khanimlindele." lzame ukulandula inkosikazi.
"Mxelele aphume ngoku uyafunwa ngusajini apha phandle." Ligunyazisile ipolisa.  Enye yezinto ezinganyamezelekiyo ebomini kukuva ipolisa lithetha rhabaxa.  Kuye kuqondakale kwalapha elizwini ukuba hwomfle.  Ithe ke indoda iphathe iyeka,' ijakatyeke ukucinga.  Kaloku izinto zininzi ekuhlaleni apha.  Yaphuma indoda enkulu isenomthamo,isosula un-domo ngetshefu.
"Mfundisi silundwendwe lwakho namhlanje, kabuhlungwana kunjalonje." Utshilo usajini ngelingqabavu ilizwi.
"Ewe nkosi yam!  Ewe, ewe!  Mh, n-ih, ndiyeva!  Ngolusizi lakwalu-
sizi?  Kowu!  Ibinga ingasebenza inkosi!
"Mfundisi ndifuna ukubona ihashe lakho!  " Lakuwa igunya kwarhulumente liwile.  Akukho yimbi enye into elindeleke emva koko ngaphandle kwempendulo.
"Eh!  Eh!  Sajini!  Eh!  Kowu Nkosi yam' Alikho sajini ihashe lam.  Liduke izolo, hayi ngomgqibela xa bendifuna ukuthumela inkwenkwe efeni ise izaziso." Uphendule ebudideka umfundisi, ethinta isikhohlela esithintele ilizwi emqaleni.
"Khawume mfundisi ungangxami bawo wam.  Uthi liduke nini na elihashe?"
"Kowu bafondini!  Liduke nini na kanene, NgeCawe, ngomvulo?  Ehe!

Hayi khawume kancinci sajini."
Ukrobe nje kancinci emnyango umfundisi wakhwaza, "Mamo!  Beliduke nini kanene eliya hashe u- u- Prensi?  Heke!  Nantsi inkwenkwe yam.
Thobile ubeduke nini uprensi?"
"NgomGqibelo tata!  " liphendule ilizwi elithambileyo ngaphakathi.  "Tata nankuya uprensi phezu komfula esitya khona!  " iphendule yatsho inkwenkwe.
"Hi! bantu!  Nguirifflola wantoni na lo?  Lingaduka eli hashe ndilifuna

liqale livele ngoku?"
"Heyi!  Khangela apha mfundisi!  Asizelanga mfeketho apha.  Uthi ihashe lidukile, ithi inkwenkwe likhona.  Uthi liduke ngecawa, ngomvulo, ngomgqibelo.  Sibambe yiphi?  Yiza neloo hashe apha ngoku kwedini!  Uvalelise ngelo usajini wabuyela emothweni.
Kuthe nzwanga umzuzwana, kusisizungu ngathi kukuzisa kwezulu ehlotyeni.  Ushiyeke umfundisi eme bhunxe ebaleni ebambelele esidleleni. Akubanga kudala yagaleleka inkwenkwe iliqhuba libujingxela.
Ziphume ngoko nangoko izidwangube zakwarhulumente zatsaza kulo ngokwetsili lihlangabeza ichebesha.  Yema ngokungathi imangalisiwe inkabi yehashe, ibajongile besiza kuyo abathunywa bakomkhulu.  Yema ibajongile, ithe qhiwu intloko ngaloo ntamo inde, isingci silephuza ngokobulembu bamadwala.  Yema ithe tswii, ingagungqi, ngokungathi iyaqhayisa ngeso sithomo sayo esisukela esendlula-mthi.  Isilo esifhe siyabukeka, sibukeka nasebubini.  Aya kancinane amapolisa, kanti ilelo nelo litsalwe bubuhle bale nkabi imvubomazimba, ilusu lukhazimlayo ngokwezilenzi leziziba.  Yashukuma nje kancinane ukulungiselela engekehli ngaloo mathanga makhulu atheketheke phofu etsobhile emazantsi kude kuye emaxhweleni angangeqhaga locango ubuncinane.  Lathanda ukuliphakamisa eli nqina langaphambili xa asondelayo amapolisa, saza sashukuma kancinane eso sifuba sigaxele, saziinduduma, phofu lingawasusi kuwo lawo mehlo abengezela ngokweperile emazantsi olwandle.
Afika kulo awakwantsasana asimhlisela isiporo endaweni yaso, asifaka nesikhonkwane apho besisuke khona, aphethuka, asinga kumfundisi.
"Khawusikhaphe mfundisi!  "
"Ndinikhaphe niyephi na sajini?" Ubuzile umfundisi ebudideka.
"Ndiyabona ukuthi ucingela ukuba kuyadlalwa wena!" uphendule
usajini ebujala.
"Thath' ibhatyi yakho mfo sihambe, okanye siyakukufak'apha evenini
thina ungenabhatyi!
Watatazela umntu wenkosi nkuya endlwini, wahlangana nayo ibhatyi yakhe iphethwe ngunkosikazi, wathi ejika nje abe emtshovela emgqomeni amaduna akomkhulu, andula ayifaka umcephe imoto, yaqhumisa uthuli ukuya kungena edolophini, ilandelwa yeyabacuphi.
Latshona emini ilanga ngaloo mini kwamfundisi ulotha, wabalelwa lelikhulu Iona ilangakazi eli unkosikazi, intornbi yakwazifo emazangweni, ezantsi ehamboko, phezu kolwandle.  Wazihlainba ezo zaqunga zamehla ngamanzi amtyuwa, zada zabomvu ngokwesindiya-ndiya.  Wangqukruleka ezimbola, wada walibala mpela ukuba obona bumnyama bugqithisileyo buphambi kwesifingo.  Latshona kodwa lona efeni ngelalo ixesha elifanelekileyo, litshona nezalo iindaba.
"Uvalelwe emjiva umfundisi ulotha ngokugwinta ngolunya umntakaLusizi emzini wakhe ngobusuku bangecawa." Zatsho ezingawoyikiyo umbethe zisiya kuqabela kwatuku, zisinga ezantsi ehamboko, ebukhweni bakhe.
Kwalile emini emaqanda wagaleleka umkhosi wakwarhulumente kwalusizi, ulayishe izinja zomkhondo emotweni.  Zathotywa ebaleni zajojiswa esiya siporo sibambise umfundisi.  Zazula zazula mntakabawo,zatsho ngesiwandawili semilimokhwe, esisuke saxaka wonke ubani.  Zalijikeleza ibala zincwina, zada zawuchola umkhondo.  Yekake ukuya kutshonela efeni emlanjeni.  Zithe nje ukuba zithi gubhu ngaphesheya zaphethuka ziyilahla ngoku mpela indlela yenqwelo zilandela eyeenyawo ukusinga echisirha.  Zithe zakubona ngoku ukuba azilandelwa, zakhonkotha zijonge phezulu, zichophile.  Kuhle amapolisa amabini azilandela.  Enyusa loo mmango, loo mahlakane mane aya kuqabela esikolweni eMsirha, apho afike adinditha.  Asijikeleza amaxesha amane eso sikolo ada ekugqibeleni abuncama.
Nto eyamangalisayo kukutsho sezithe qelele phaya izinja zibuye ziphethuke, ziziphose eludongeni phantsi kwefestile.  Lide elinye ipolisa langena ngefestile leyo ngokucingela ukuba umkhondo ungaphakathi, alabona nto.  Zenze isizungu zona izinja zakomkhlu ngokumana ziziphosa eludongeni ngenzondelelo engummangaliso Zide ngelingeni zasiphula isitena sawa phantsi.  Kwangoko kuthe gqi ilatshana ehmhlophe lilijaja ligazi.  Alitsibela amapolisa alichwetha ngobunono eza nalo.  Yayiyitshefu isongele isinkempe esibaziweyo, sibomvu ligazi ukuza kuthi xhaxhe ngesiphatho esi.
"Awu sajini ife kakubi le ndoda!  "
"Mfondini, ayihlatywanga, igwaziwe!" Yatsho isajini yamapolisa iyiphethu-phethula itshefu leyo, iyichwetha ngenkcakuba yentsimbi.
"Yhu - yhu - yhu!!  Jonga mfondini, Jonga!  Nali igama lizotyiwe apha kuyo!  Eneneni wayenyanisile usajini kuba yayinomtshiso ocacileyo, kuzotywe "J.L." ngemki emnyama.
"Bafondini?" Uzingisile usajini, "UJ.L. ngujobela Lotha".
Zaqengqeleka iinyanga, zaqingqitha iikota kunzima ukufurnana ititshala enokuthabatha isikhundla sento kalusizi.  Sabhengezwa isithuba kunlenywa izicelo kubafundisi ntsapho abaziwayo igalelo labo kwezase-sikolweni.
"Mfondini Mntakwenda, ngathi bathi oonokrawuzana kuza kungena utitshala usixeko apha efeni." Utshilo utshonyana ebukhwina.
"Ngubarnikanene lowo Tshonyana?" ubuzile unzothwa.  "Ngunyana
kabanigxebe?"
"Ngumfana kasilwana emancotshweni, ezantsi ebodlam kufuphi nehamboko.  Nanku ebekholisa ngokuza apha kwamfundisi."
"0- o- o, mh - mh! watsho kwasa ngoku Tshonyana!  Kowu kudala eyifuna ke lo mntu le ndawo yasefeni.  Kunjalonje bebengabonani nale ingumfi inkosi." Uphendule kubonakala ukuba unolwazi olukhuluumntakwenda.
"Bebengabonani ngantoni na Nzotho?"

96


